Go to full page →

ISAHLUKO 28—AMANQHINA KMW 168

SEKUHLWILE malanga ko-mhla wo-vuko, ababini ku-bafundi babe singa e-Emmausi, u-mzana ozimaile ezisibhozo ukuqelelana ne-Jerusalem. KMW 168.1

Babe xakiwe ziziganeko ezazi sand’ ukuhla ngokukodwa ezisingisele kwi-ngxelo yabafazi ababe yibonile ingelosi, baza bambona no-Yesu emva ko vuko Lwake. KMW 168.2

Babesebegoduka-ke ngoku, ukuze bacinge batandaze, kuba babe tembe ukufumana lukanyo ngokusingisele kwezi zinto ezazi sitele kangaka kubo. KMW 168.3

Bakubon’ ukuba bayahamba, u-mhambi otile watelela kubo; kodwa babe xakeke yeyabo ingxoxo ngokokude bangabuqondi ubuko Bake. KMW 168.4

Lamadoda omeleleyo aye sindeka lusizi ngokokude ahambe elili. U-Kristu ngaleyo ntliziyo yake yotando wabona u-sizi apa ekwamelwa kukuba alututuzele. KMW 168.5

Ezenze u-mhambi-nje, Waqalisa ukuteta nawo. “Kodwa amehlo abo aye banjiwe, ukuze bangamazi.” Waza wati kubo: KMW 168.6

“Zindawo zinina ezi nincokola ngazo, nihamba nibe nimatshekile nje?” KMW 168.7

Waza omnye kubo lo ugama lingu-Kleyopa wati Kuye: KMW 168.8

“U-mhambi nguwe wedwa-na ukuba ungazazi-nje izinto ezihle kona ngazo ezi mini?” KMW 168.9

“Wati-ke kuwo, Zipina? Bati-ke bona Kuye, EzingoYesu wase-Nazarete, obe yindoda engum-profeti enobunkunqele ekwenzeni nase kuteteni, pambi ko-Tixo nabo bonke abantu.” Luka 24:16-19. KMW 169.1

Abalisa-ke oko kwakuhlile, bapinda no-daba olweza na-bafazi abebese nchwabeni nge sifingo saleyo ntsasa. Wati-ke: KMW 169.2

“Oyi! basweli-kuqonda, bantliziyo zizekelelayo ukukolwa kuko konke abakutetayo aba-profeti! ubenga melwena u-Kristu kukuti abuve ubunzima ngazo ezizinto, aze angene eluzukweni Lwake?” KMW 169.3

“Uqalele-ke ku-Moses nakubo bonke aba-profeti, wabachazela kuzo zonke i-Zibhalo indawo ezingaye.” Luka 24: 25-27. KMW 169.4

Abafundi babete cwaka bemangalisiwe bevuya. Ababanga nabugasa bakumbuza lo-mhambi lowo anguye. Bapulapula nge nzondelelo xa ebebachazela nge-sigidimi sika-Kristu. Ukuba u-Msindisi wayeqale ngokuzazisa kubafundi ngabaneliswayo. Ekuhluteni luvuyo babenga sokubasalangazelela-nto. Kodwa kwakufuneka beqondile ngokoko u-msebenzi Wake waxelwayo ngenx’engapambili ngayo yonke imifuziselo nange-ziprofitesho zeTastamente-Endala. Pezu kwazo ezi ukolo lwabo lumelwe kukusekwa. U-Kristu akenzanga mmangaliso wakuboyisa, kodwa yayi ngu-msebenzi Wake wokuqala ukuchaza i-Zibhalo. Babe kangele ekufeni Kwake okokuba yeyona mbubhiso yetemba labo. Ngoku-ke wabonisa ngaba-profeti okokuba obu bobona bunamandla ubunqhina bokolo lwabo. KMW 169.5

Ekufundiseni aba bafundi, u-Kristu wabonisa ubalu- leko lwe Ndala i-Tastamente, ukuba linqhina lo-msebenzi Wake. Baninzi ngoku abangayenze-nto e-Ndala i-Tastamente, besiti ayise namsebenzi konke. Ke asiyiyo mfundiso ka-Kristu leyo. Wayi xabisa kangaka-nje Yena, ngokokude abe waka Wati. “Ukuba ababeva o-Moses naba-profeti, abasokoyiseka nokuba kungavuka bani kwabafileyo.” Luka 16: 31. KMW 169.6

Lakubon’ ukuba ilanga lase litshona, abafundi bafika ekayeni labo. U-Yesu “wanga uyadlula.” Ke-bona abafundi babe ngatandi ukwahlukana na-Lowo wabazisela uvuyo ne-temba elingaka. KMW 170.1

Ngoko-ke bati Kuye, “Hlala nati; Ngokuba kuza kuhlwa, nemini seyisangene. Wangena ukuba ahlale nabo.” Luka 24: 28, 29. KMW 170.2

Ukudla okulula kwa ngokuhlwa kwase kulungiselelwe msinya, waza u-Kristu Wahlala kwi ndawo ete qabavu ye-tafile ngokwesiko Lake. KMW 170.3

Bekulisiko ukuba oyi-ntloko emzini asikelele ukudla; ke-Yena u-Kristu Wabeka izandla Zake pezu kwe sonka eso wasisikelela. Aza avulwa amehlo abafundi abo. KMW 170.4

Eso senzo sokusikelela ukutya, isandi sokuteta okwazekayo kaloku, izigqobo zezikonkwane ezandleni Zake, konke kwamxela ukuba ngulowo Mfundisi otandekayo wabo. KMW 170.5

Okomzuzwana bahlala bete cwaka; baza besuka bawa ezinyaweni Zake bemnqula Yena; kodwa Wesuka wati shwaka. KMW 170.6

Ngenxa yovuyo lwabo balilibala ipango labo nokudinwa. Bakushiya ukutya benga kunchamlanga, bakauleza ukubuyela e-Jerusalem nodaba oluxabisekileyo loMsindisi ovukileyo. KMW 170.7

Bakubon’ ukuba basabikela abafundi ezizinto, u-Kristu Siqu wema pakati kwabo, waza, epakamise izandla ngokusikelela wati: KMW 171.1

“Uxolo malube nani.” Luka 24: 36. KMW 171.2

Kuqala boyika; kodwa xa wababonisayo izigqobo zezikonkwane ezandleni Zake nase zinyaweni, ete watya pambi kwabo, bakolwa batutuzeleka. KMW 171.3

Ukolo no-vuyo kaloku lwatabata indawo yokungakolwa, baza ngezimvo ekungeko mazwi okuzibalisa bamnakana u-Msindisi wabo lowo uvukileyo. KMW 171.4

Kuyo lentlangano, u-Thomas waye ngenabo. Wamangala ukwamkela indaba ezingovuko olo. Kodwa emva kwemihla esibhozo u-Yesu wavela kubafundi akubon’ ukuba u-Thomas uko. KMW 171.5

Ngalo elituba Wabuya wababonisa ezandleni Zake nase zinyaweni impau zokubetelelwa. U-Thomas weyiseka ngokoko, wadanduluka, “Nkosi Yam Tixo wam.” John 20: 28. KMW 171.6

Kwelo gumbi lipezulu, u-Kristu wabuya wabacacisela ezo-Zibhalo zi-Ngaye. Waza-ke wabaxelela abafundi Bake ukuba inguquko no-xolelo lwe-zono lumelwe kukushunyayelwa ngegama Lake pakati kwazo zonke intlanga, kuqalelwa e-Jerusalem. KMW 171.7

Ngapambi ko-nyukelo e-Zulwini, Wati kubo, “Niyakwamkela amandla, u-Moya-Oyingcwele uhlile pezu kwenu; niya kuba ngamanqhina Am e-Jerusalem kwa nakulo lonke elakwa-Juda, nelase Samaria, kude kuse nase kupeleni komhlaba.” Zenzo 1:8; Mateyu 28: 20. KMW 171.8

Nibonile, Watsho, ubomi Bam bokuzenz’ idini ngenx’ enehlabati. Nibonile ukuba bonke abeza Kum, bevuma izono zabo, Ndabamkela ngesisa. Bonke abafunayo bangaxolelaniswa ku-Tixo, babe nobomi obungunapakade. KMW 171.9

Kuni, eninga bafundi bam, Ndinipatisa esisigidimi se nceba. Simelwe kukuvakaliswa kuzo zonke intlanga, inteto, na-bantu. KMW 172.1

Yiyani kuzo izipelo zelimiweyo; kodwa yazini okokuba ubuko Bam boba lapo. KMW 172.2

U-myolelo wo-Msindisi kubafundi wabandakanya onke amakolwa ukusa esipelweni sexesha. KMW 172.3

Asingabo bonke abanokuvakalisa kwi-ngqungqutela; kanti bonke banokulungiselela abantu ngabanye. Abo balungiseleli bamkela ababandezelweyo, abanceda abasweleyo, abonwabisa abakedamileyo, kwanabo abaxelela umoni ngotando olunokuxolela luka-Kristu. Aba bangamanqhina ka-Kristu. KMW 172.4