Go to full page →

ISAHLUKO 17—U-NGCATSHO NO-KUBANJWA KMW 111

KWA kungaseko lubaluleko lwakubandezeleka abesand’ ukuba kuko xa u-Msindisi wati gqada pambili ehlangabeza umnchatshi Wake lowo. Emi pambi kwa-Bake abafundi Wayibuza imbutumbutu leyo: KMW 111.1

“Nifuna banina?” KMW 111.2

“Bampendula bati, “U-Yesu um-Nazarete.” KMW 111.3

“U-Yesu wapendula, “Ndinguye.” John 18: 4, 5. KMW 111.4

Akubon’ ukuba u-Yesu uyawateta lamazwi, i-ngelosi leyo ebisand’ ukumlungiselela kutsha-nje yangena pakati Kwake ne mbutumbutu leyo. Ukukanya kobutixo kwabengezelisa ubuso bo-Msindisi nesitomo esibuhobe sandanda pezu Kwake. KMW 111.5

Pambi kobo buqaqauli bobutixo eso sihlwele sababulali sasingena kuma nomzuzwana. Bagxadazela babuya umva. Ababingeleli, abadala nama-Soldati bawela emhlabeni njengabafileyo. KMW 111.6

Ingelosi yaroxa, kwaza ukukanya kwafipala. UYesu ngawayemkile, kodwa wahlala, wazola wonwaba. Abafundi Bake babemangaliswe gqita ukuba babengateta ilizwi. KMW 111.7

Ama-soldati ase-Roma asusela ema nge nyawo. Kwa kunye nababingeleli no-Judas, bamngqonga u-Kristu. Babonakala benentloni ngabo ubutataka babo, besoyika nokuba bangapulukana naye. Kwakona umbuzo wabhekiswa ngu-Mkululi: “Nifuna banina?” KMW 111.8

“Babuya bapendula, “U-Yesu um-Nazarete.” Watike u-Msindisi, “Ndinixelele ukuba Ndinguye. Ukuba nifuna mna bayekeni aba (esalata ku-ba-fundi Bake) bemke.” John 18: 7, 8. KMW 112.1

Kweli lixa locikido, u-Kristu wayecinga nga-bafundi Bake abazintanda. Waye ngatandi ukuba babandezeleke, nakuba Yena wayemelwe kukuya entolongweni nase kufeni. KMW 112.2

U-Judas, u-mnchatshi, akasilibalanga esake isabelo. Wasondela ku-Yesu waza wamanga. KMW 112.3

U-Yesu wati kuye, “Wetu! uko nganina?” Mateyu 26: 50. Elake ilizwi lalingcangcazela akubon’ ukuba usateta-nje, “Umnikela u-Nyana womntu ngokumangana?” Luka 22:48. KMW 112.4

Lamazwi atantamisayo ayemelwe kukuyicukumisa intliziyo ka Judas; koko utantamiso no-bekeko kwakumkile oko kuye. U-Judas-lo wayezinikele elulaulweni luka Satana. Wema ngokungafihlisiyo pambi kweNkosi, akabi nazintloni ukumnikela kweso siqhu sikohlakeleyo. KMW 112.5

U-Kristu akakumangalanga ukwanga ko-mchatshi. Kuyo lento usinike umzekelo wo-nyamezelo, utando nemfesane. Ukuba singabafundi Bake, masizipate ezetu intshaba ngokolohlobo awapata u-Judas. KMW 112.6

Elo-xokondiba (gqiza) lezihange lakutala lakumbona u-Judas ecukumisa eso sitomo esibe sisandukuzukiswa kutsha-nje pambi kwamehlo abo. Bambamba ngokokoke u-Msindisi, baziqamangela ezo zandla ezabe zisenza okulungileyo. KMW 112.7

Abafundi bona babe ngazi ukuba u-Kristu uyakuzinikela ekubanjweni. Babe sazi ukuba lawo mandla abe wisele pantsi leyo mbutumbutu baba nje ngabafileyo aye nokubabamba bengena kwenza-nto de u-Kristu namadlelana Ake bemke. KMW 113.1

Badana bazala umsindo bakubona kurolwa intsontelo kubotshwa izandla zalowo babemtanda. U-Petros engqumbeni yake, wakauleza ukuti rutu irele lake, walinga ukulwela umfundisi wake. Kodwa waneP ukususa-nje indlebe yo-mkonzi wo-mbingeleli omkulu. KMW 113.2

Akukubona u-Yesu okwenzekileyo, Wazisombulula izandla Zake, ekubeni ebanjwe ngokuqinileyo ngamasoldati ase-Roma, esiti, “Yekani kwanele” (Luka 22: 51), Wayi cukumisa leyo ndlebe yayi ngxweleriwe, yaza yapiliswa kwangoko. KMW 113.3

Waselesiti-ke ku-Petros “Libuyisele endaweni yalo irele lako; kuba bonke abatabata irele beya kutshabalala nge-rele. Uba andinako-na ngoku ukumbongoza u-Bawo, andikupele imikosi yezitunywa zezulu engapezu kweshumi elinambini? Bezingati-nina-ke oko ukuzaliseka izibhalo eziti, Kumele ukuba kube nje?” Mateyu 26: 52-54. “Indebe andinikileyo u-Bawo andisayi kuyisela-na?” John 18:11. KMW 113.4

U-Kristu kaloku waguqukela kubabingeleli abakulu nabapati betempile, ababe kunye ne-mbutumbutu leyo, wati, “Nipumele ukuza kubamba mna-na ninamarele nentonga-nje nanga nipumele isihange? Bendikuni imihla ngemihla etempileni ndifundisa anandibamba; Kodwa kunje ukuze zizaliseke izibhalo.” Marko 14: 48, 49. KMW 113.5

Abafundi bakubeka (bacapuka) bakubona u-Msindi- si engenzi no-mzamo wokuzikulula kwezo ntshaba Zake. Bamsola ngokungenzi njalo. Ababanga nakukuqonda ukuzinikela Kwake kuleyo mbutumbutu, baza, bengenelwe lunkwantyo, (uloyiko) bamshiya besaba. KMW 113.6

U-Kristu waluxela ngenx’ engapambili olu reqo (sabo). “Yabonani,” Watsho, “kuza ilixa, nakaloku lifikile, lokuba nicitwe, elowo aye kowabo, nindishiye Ndedwa; ukanti andindedwa, ngokuba u-Bawo u-Nam.” John 16: 32. KMW 114.1