Go to full page →

Ukuhla koMoya oyiNgcwele IL 221

“Ke kaloku ekuzalisekeni komhla wePentekoste, baye bonke bemxhelo mnye ndaweni nye. Kwaza ngequbuliso kwaphuma ezulwini isandi esinjengesomoya ovuthuza ngamandla, sayizalisa indlu yonke ababehleli kuyo. Kwabonakala kukho iilwimi ezabekileyo, ngathi zezomlilo, lwaaolo lwahlala phezu kwabo bonke ngabanye. Bazaliswa bonke nguMoya oyiNgcwele, baqala ukuthetha ngalwimi zimbhi, njengoko uMoya wayebanika ukuba bathethe baphimisele.” UMoya oyiNgcwele, ekuthabatheni isimo seelwimi zomlilo ezabekileyo ezincamini, ezahlala phezu kwaabo babehlanganisene, sasingumqondiso wesipho ababesiphiwa sokuthetha ngokucacileyo iilwimi ngeelwimi, ababe ngazazi ngaphambhili. Ukubonakala komlilo kwakusalatha uzondelelo lobushushu ababeza kusebenza ngabo negunya elaliza kupheleka amazwi abo. IL 221.1

Phantsi kwalenkanyiselo yasezulwini izibhalo ezo uKristu wayezicacisile kubo zathi thaa ezingqondweni zabo ngokukhanya okucacileyo nokubukeka okucacileyo kwenyaniso enamandla. Isigubungelo ebe sibasithile ukuba bangakuboni ukuphela koko kubhangisiweyo ngoku satyhilwa, yaza injongo yomsebenzi kaKristu nobume bobukumkani bakhe baqondakala ngokucaca okugqibeleleyo. IL 221.2