Go to full page →

Ukubanjwa Nokumiswa Ematyaleni KwabaPostile IL 228

Oku kushunyayelwa kokuvuka kukaKristu, kwa nokuba ngako ukufa nokuvuka kwakhe uya kubavusa emanchwabeni bonke abafileyo, kwabachukumisa kakhulu abaSadusi. Baziva ukuba imfundiso yabo abayithandayo isengozini nodumo lwabo lusesichengeni. Inxalenye yamagosa etempile, aye ngabaSadusi. Umthetheli mkhosi, encediswa liqela labaSadusi, wababambha aaba bapostile babini wabafaka entolongweni, kuba kwa kusekuhlwile ukuba amatyala abo avavanywe ngobobusuku. IL 228.1

Ngomhla olandelayo uAnas noKayafa, kunye nezinye izikhulu zasetempileni, bahlanganisana ukuba babavavanye ababanjwa aba, abaziswa kengoko phambhi kwabo. Kulo kanye elogumbhi, naphambi kwawo kanye loo madoda, uPetros waye yikhanyele ngokuzintloni iNkosi yakhe. Konke oku kwathi tyaba ngokucacileyo engqondweni yalomfundi xa wayemi ngoku kwelakhe ityala. Waye nethuba ngoku lokubuhlambha obuya bugwala bakhe bukhohlakeleyo bangaphambhili. IL 228.2

Iqela elalikho apho layikhumbhula indlela uPetros awaziphatha ngayo ekumisweni phambhi kwamatyala kweNkosi yakhe, baza bazithuthuzela ngokuthi angankwantyiswa kukusongelwa ngokuvalelwa entolongweni nangokufa. Kodwa laa Petros wayekhanyele uKristu ngelona xesha lokumfuna kwakhe okukhulu waye ngulaa mfundi unxhamayo uzithembhileyo ahlukile kwaphela kulo Petros waye phambhi kweNtlanganiso yamaJuda ukuba imvavanye ngaloo mini. Wayeguqukile; waye ngasazithembhanga, engasenguye umqhayisi onekratshi. Wayezaliswe nguMoya oyiNgcwele, waza ngamandla akhe womelela wathi nkqi njengeliwa, ekhaliphile, kodwa ethobekile, ekuphakamiseni kwakhe uKristu. Waye kulungele ukulisusa ibala lokukreqa kwakhe ngokulihlonela igama awayekhe walikhanyela. IL 228.3