Go to full page →

Ukulungiswa KweNgcwele IL 339

Njengokuba izoono zabantu mandulo zazifuduselwa, ngokomfuziselo, engcweleni yasemhlabeni ngegazi ledini lesoono, kwa ngokunjalo izoono zethu, ngokuyinene, zifuduselwa engcweleni yasezulwini ngegazi likaKristu. Kwaye njengokuba ukuhlanjululwa kweyasemhlabeni ngokwesithunzi kwa kusenziwa ngokususwa kwezoono eyayincholiswe zizo, kwa ngokunjalo ke ukuhlanjululwa kwenene kwa leyo yasezulwini kuya kwenziwa ngokususwa, okanye ukucinywa, kwezo zoono bezibhalwe khona. Oku ke kufuna ukuphengululwa kweencwadi zeengxelo ukuze kwenziwe isigqibo sokuba ngoobani na, abayakuthi ngokuguquka esoonweni nangokukholwa kuKristu, bafanelwe zintsikelelo zocamagushelo lwakhe. Ukulungiswa kwengcwele ke ngako oko kuphethe umsebenzi wogwebo lophengululo. Lomsebenzi umelwe kukwenziwa ngaphambhi kokufika kukaYesu ukuza kukhulula abantu bakhe, kuba ekuzeni kwakhe, umvuzo wakhe unaye ukuba anike elowo njengoko umsebenzi wakhe uya kuba njalo. (IsiTyhilelo 22: 12.) IL 339.1

Ngalendlela ke aabo bakulandelayo ukukhanya okuhambhayo kwelizwi lesiprofeto babona ukuba endaweni yokuza emhlabeni ekupheleni kwemihla e2300 ngo-1844, uKristu wangena ngoko kwiingcwele ka ngcwele yengcwele yasezulwini, ebusweni bukaThixo, ukuya kwenza umsebenzi wokuvala ucamagushelo lwakhe, ukulungiselela ukuza kwakhe. IL 339.2