Go to full page →

Phambhi Kwesihlalo Sokugweba IL 381

Bonke abakhohlakeleyo behlabathi bema bemangalelwa phambhi kwesihlalo sokugweba, sikaThixo, ngetyala lokuvukela umbuso wezulu. Kwa kungekho bani wokubathethelela; babe ngenasilandulo; saza isigwebo sokufa okungunaphakade savakaliswa kubo. IL 381.2

Kwacaca ngoku kubo bonke ukuba umvuzo wesoono awuyiyo inkululeko yobunene nobomi obungunaphakade, kodwa bubukhoboka, ukonakala, nokufa. Abakhohlakeleyo baya kubona oko balahlekwe kuko ngenxa yobomi babo bovukelo. Uzuko olungunaphakade oluncamise kwaphela baludela bakuba belunikwa; kodwa lwabanjani ukunqweneleka ngoku bakuba belukhangele. “Konke oku,” wakhala usitsho umphefumlo olahlekileyo, “ngendiba ndikuzuzile, kodwa ndaanyula ukuzikhwelelisa kude kum ezi zinto. Awu ukuyobeka okungekuko! Ndananise ngoxolo, nokonwaba, nembheko ndazuza usizi, nehlazo, nokuncama.” Bonke bayabona ukuba ukuvalelwa kwabo ngaphandle kwezulu kufanelekile. Ngobomi babo bathe, Asithandi ukuba uYesu abe ngukumkani phezu kwethu. IL 381.3

Ngokungathi banyangiwe, abangendawo bayakubonela ukuthweswa isitsaba kukaNyana kaThixo. Babona ezandleni zakhe amacwecwe omthetho ongcwele, imimiselo abayidelayo bayaphula. Bayayiva intlokoma yokumangaliswa, neyovuyo neyendumiso ephuma kwabasindisiweyo; kwaza wakuba umsinga wesandi sengoma emyoli uvakala kwizihlwele ezingaphandle komzi, bonke ngazwi nye badanduluka, besithi, “Mikhulu, ingummangaliso imisebenzi yakho, Nkosi, Thixo Somandla; zinobulungisa, ziyinyaniso iindlela zakho, Kumkani weentlanga” (IsiTyhilelo 15: 3), baza beziphose phantsi, balinqula iTshawe lobomi. IL 382.1