“UAmaleki weza, walwa noSirayeli eRefidim. Wa- thi uMoses kuYoshuwa, Sihlelele amadoda; uze wena uphume ulwe noAmaleki; mna ngomso ndiya kuma encotsheni yenduli, intonga kaThixo isesandleni sam. Weenza uYoshuwa njengoko wathethayo uMoses kuye, walwa noAmaleki; bona ke ooMoses noAron noHure benyuka baya encotsheni yenduli. Kwathi xa aziphakamisileyo uMoses izandla, kweeyisa uSirayeli; kwathi xa azihlisileyo izandla, kweeyisa uAmaleki. Izandla zikaMoses zadinwa. Bathabatha ilitye, balibeka phantsi kwakhe, wahlala kulo; bathi ooAron noHure bazixhasa izandla zakhe, omnye engapha, nomnye engaphaya. Zazimaseka izandla zakhe lada ilanga latshona.” IL 118.3
UMoses wazolulela izandla zakhe ezulwini, intonga kaYehova isesandleni sakhe sokunene, ecela uncedo kuYehova. Woyisa ke uSirayeli wazibuyisa umva iintshaba zakhe. Akuba uMoses ezithobile izandla zakhe, kwabonwa ukuba uSirayeli walahlekwa kuko konke awaye kuzuzile, woyiswa zintshaba zakhe. UMoses kwakhona waziphakamisa izandla zakhe wazolulela ezulwini, uSirayeli weyisa, utshaba lwabuyiswa umva. IL 119.1
Isenzo sikaMoses sokuphakamisela izandla zakhe kuThixo, sasi kukufundisa uSirayeli ukuba ngalo lonke ixesha uThixo bemenze ithembha labo babambhelela emandleni akhe bayiphakamisa itrone yakhe, uya kumlwela azoyise iintshaba zakhe. Kodwa bakuba beyekile ukubambhelela emandleni akhe bathembhele kwawabo amandla, babeya kuba buthathaka kuneentshaba zabo, ezazingenalwazi ngoThixo, zize zibongamele iintshaba zabo. “UYoshuwa wamchitha uAmaleki nabantu bakowabo ngohlangothi lwekrele.” IL 119.2
“Wathi uYehova kuMoses, Kubhale oku kube sisikhumbhuzo encwadini, ukuthethe ezindlebeni zikaYoshuwa; ngokuba ndiya kusicima mpela isikhumbhuzo sikaAmaleki phantsi kwamazulu. UMoses waakha isibingelelo, wathi igama laso nguYehovaibanile-yam. Wathi, Isandla siphakanyiselwe etroneni kaYehova, ukuba uYehova uya kulwa imfazwe noAmaleki isizukulwana ngesizukulwana.” Ukuba oonyana bakaSirayeli babe ngamkrokrelanga uThixo, nge wayengazivumelanga iintshaba zabo ukuba zilwe nabo. IL 119.3