Go to full page →

UYoshuwa Inkokeli Elumkileyo Nezinikeleyo IL 158

Kwa kungekho bala esimilweni esingcwele sikaYoshuwa. Waye yinkokeli elumkileyo. Ubomi bakhe babunikelwe ngokupheleleyo kuYehova. Ngaphambhi kokuba afe wawuhlanganisela ndawonye umkhosi wamaHebere, waza, elandela umzekelo kaMoses waphinda ukuwabalisela ngeehambho zawo zasentlango nokusebenza kukaYehova nawo ngenceba. Wathetha ke nabo ngobuciko. Wabakhumbhuza ukuba ukumkani wamaMowabi waalwa nabo wabiza uBileham ukuba abaqalekise; kodwa uYehova “akavuma ukumphulaphula uBileham; wanisikelela.” Walandelisa wathi kubo, “Ke ukuba kubi kuni ukumkhonza uYehova, zinyuleleni namhla oyena niya kumkhonza; nokuba ngoothixo ababekhonza bona ooyihlo, ababephesheya komLambho, nokuba ngoothixo bamaAmori, enihleli ezweni lawo. Ke mna nendlu yam siya kukhonza uYehova.” IL 158.3

“Baphendula abantu, bathi, Ma kube lee kuthi ukumshiya uYehova, sikhonze thixo bambhi. Kuba uYehova, uThixo wethu, nguye osinyusileyo thina noobawo bethu ezweni laseJiputa, endlwini yobukhoboka ; owayenzela emehlweni ethu loo miqondiso mikhulu, wasigcina endleleni yonke esahambha ngayo, nasezizweni zonke esacanda phakathi kwazo.” IL 159.1

Abantu bawuphinda umnqophiso wabo kunye noYoshuwa. Bathi, “Siya kukhonza uYehova uThixo wethu, siliphula-phule ilizwi lakhe.” UYoshuwa wawabhala amazwi omnqophiso wabo encwadini leyo inemithetho nemimiselo kaMoses. UYoshuwa wayethandwa ehlonelwe nguye wonke uSirayeli, kwaza ukufa kwakhe kwalilelwa ngabo bonke. IL 159.2