Go to full page →

Ukubaptizwa kukaYesu IL 175

Izithunywa zikaThixo zaphaphazela phezu kwendawo awayebaptizwa kuyo uYesu; uMoya oyiNgcwele wehla unjengehobe phezu kwakhe, bathi abantu xa babemi bekhwankqisiwe ngokukhulu, amehlo abo ethe nzo kuye, lavakala izwi likaYise liphuma ezulwini, lisithi, UnguNyana wam oyintanda, endikholisiweyo nguye. IL 175.3

UJohane wayengaqinisekanga ukuba ngumSindisi lo weza kuye ukuba abaptizwe nguye eJordan. Kodwa uThixo wayemdinge ngomqondiso aya kuyazi ngawo imVana kaThixo. Loo mqondiso wanikwa lakuba ihobe lihleli phezu koYesu nobuqaqauli bukaThixo bubengezela bumraqile. UJohane wolula isandla sakhe, walatha kuYesu, waza ngelizwi elikhulu wadanduluka wathi, “Naantso imVana kaThixo, ethwala isuse isoono sehlabathi!” Johane 1: 29. IL 175.4