UYesu wawuqala umsebenzi wakhe ngokwaphula amandla kaSatana phezu kwababandezelekileyo. Wa- buyisela abafayo empilweni, wanika ukubona kwaba zimfama, waphilisa abaziqhwala, ebanga ukuba zitsibe ngovuyo zimzukise uThixo. Wabuyisela empilweni aabo babe yimilwelwe bebotshiwe egunyeni elikhohlakeleyo likaSatana iminyaka emininzi. Ngamazwi obubele wabathuthuzela ababuthathaka, nabathuthumelayo, nabadakumbhileyo. Ababuthathaka abasentlungwini abakhonkxwe nguSatana ngokuvuyelela, uYesu wabahlutha esandleni sakhe, wazisa kubo ukuphila komzimbha nokuvuya okukhulu nokonwaba. Wavusela ebomini abafileyo, baza bamzukisa uThixo ngenxa yalembhonakaliso inobungangamsha yamandla akhe. Wabenzela izinto zamandla bonke aabo bakholwayo kuye. IL 181.3
Ubomi bukaKristu babuzaliswe ngamazwi nezenzo zobubele, uvelwano, nothando. Waye soloko ekulungele ukuphula-phula awasuse amashwa aabo bezayo kuye. Izihlwele zabuthwala ubunqhina bamandla akhe obuthixo eziqwini zazo. Kanti noko emva kokuba umsebenzi lowo ugqityiwe, bababaninzi abanetloni ngulomShumayeli uthobekileyo kodwa unaraandla. Ngenxa yokuba abaphathr babengakholwa kuye, abantu babengathandi ukumamkela uYesu. Waye yindoda yeentsizi neyazana nobubi. Babenge nakukuthwala ukulaulwa bubomi bakhe obumsulwa bokuzincama. Babe nqwenela ukuxhamla imbheko enikwa lihlabathi. Kathi noko baninzi abamlandelayo uNyana kaThixo bayiphula-phula imiyalelo yakhe, bezondla ngamazwi awaphuma ngobubele emlonyeni wakhe. Amazwi akhe ayezaliswe yintsingiselo, ecace ngendlela yokuba noyena ubuthathaka ngengqondo awaqonde. IL 183.1