UMsindisi uyixabise ngothando olungapheliyo imiphefumlo awayithenga ngegazi laKhe. Ilibango lothando lwaKhe. Uyikhangele ngolangazelelo olungathethekiyo. Intliziyo yaKhe itsaleleke kuyo, kungekuphela kubantwana abaqeqesheke kakuhle nabanomtsalane, kodwa nakwabo bathe ngemfuza nangokutyeshelwa basuka baba neempawu zesimilo ezingathandekiyo. Abazali abaninzi abayiqondi indlela abafanele ukuphendula ngayo ngezi mpawu zisebantwaneni babo. Abanalo uthando nobulumko bokuphatha abaphuma ecaleni abathe bona ngokwabo babenza loo nto bayiyo. UYesu Yena ubakhangela aba bantwana ngovelwano. Usilanda isiphumo abasiso koko kwahlwayelwayo. UL 27.1
Umntu ongumsebenzi ongumKristu unokuba ngumthunywa kaKristu ekutsaleleni aba baneziphako bonayo kuMsindisi. Ngobuchule nobulumko unokubaqamangela entliziyweni yakhe, unokubanika isibindi nethemba, kuthi ngobabalo lukaKristu bababone beguquka esimilweni, kangangokuba kuthiwe ngabo, “Ubukumkani bamazulu bobabo banjalo.” UL 27.2