Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    5. UKUZINIKELA NGOKUPHELELEYO

    IDINGA likaThixo lithi, “Niya kundifuna, nindifumane, xa nithe nandifuna ngentliziyo yenu yonke.” Jeremiya 29: 13.AOK 33.1

    Mayinikelwe kuThixo intliziyo iphela, ukuze sisetyenziswe silunge kanye, sibuyiselwe kwintsobi yakhe. Sahlukana noThixo kwasekuveleni kwethu. Uthi uMoya oyiNgcwele ukuchaza ubume bethu, “Nifile nje ziziphoso nazizoono;” “yonke intloko iyafa, yonke intliziyo inobulwelwe;” “akukho ndawo iphilileyo.” Sibanjisiwe yimigibe kaSatana; “sibanjiselwe ukuthanda kwakhe nguye.” (Efeso 2: 1; Isaya 1:5, 6; 2 Timoti 2: 26.) U-Thixo ufuna ukusiphilisa, asikhulule. Ke, ekubeni kufuneka siguqulwe siphela, kwaguqulwa ubume bethu bonke; kufuneka sizilahlele kuye ngokupheleleyo.AOK 33.2

    Elona dabi likhulu emntwini lelokulwa nesiqu sakhe. Ukuzeyisa, nokuzinikela kuThixo, ngumsebenzi ofuna imigudu emikhulu. Kufuneka umntu ezilahlele kuThixo, ukuze abe nokuhlaziyeka ebungcwaliseni.AOK 33.3

    Impatho-mntu kaThixo, ayiyiyo lento uSatana anga ingabonakala iyiyo, le yokuba umntu alandele bupupupu njengemfama, engayiqondi neyona nto abizelwa kuyo. Yimpatho yona efuna ukweyisa ingqondo nesazela somntu; kuba uthi, “Khanize sibonisane” (Isaya 1: 18), kwisimemo sakhe ezidalweni zakhe. UThixo akathandi ukuzinyanzela, azibambe ngesikhonkosi izidalwa zakhe kwinto ezingayiqondiyo. Akathandi ukubuswa ngumntu oqhutywayo, nongamqondiyo, kuba wosuka angamkhonzi ngayo yonke ingqondo yakhe, wosuke afane nento eyanyiselelwayo kuye. Inkonzo enjalo akavani nayo umDali wethu. Yena unqwenela ukuba umntu, kuba esisitsaba sendalo yakhe, afikelele kweyona ndawo iphezulu, neyona ibekekileyo, kwizidalwa zakhe azidalileyo. Usimisele awona mathamsanqa makhulu anga angasitsalela kuwo, ngalo ubabalo Iwakhe. Usimemela kuye, ukuze asebenze kuthi ukuthanda kwakhe. Kokwethu ke ukuzinyulela. ukuba singaba sithanda ukukhululwa ebukhobokeni besoono, sibe nesabelo kulonkululeko inkulu yokuba lusapho lukaThixo.AOK 33.4

    Xa sizinikela kuThixo, kufuneka ukuba sikulahle, sahlukane nako konke angakuthandiyo, nokunokuthi kusahlule kuye. Kuba uthi umSindisi, “Wonke umntu kuni ongazishiyiyo zonke iimpahla zakhe, akanakuba ngumfundi warn.” Luka 14:33. Yonke into etsala intliziyo iyisuse kuThixo, kufuneka ukuba siyilahle. Isi- thixo sabantu abaninzi bubutyebi. Ukuthanda imali, nokunqwenela ubutyebi, yingximba yobedu ebophelele abantu abaninzi kuSatana. Ukuthanda udumo nembheko yelizwe, yeyona nto inqulwa lelinye iqela elikwalikhulu. Abanye bakhonza isithixo sokuzithanda nokungakhathaleli nto. Kodwa zonke ezintambo zobukhoboka zimelwe kukuqhaulwa. Asinako ukuba ngoonxazonke, sibe ngabeNkosi zesibuye sibe ngabelizwe. Asi nakuba lusapho lukaThixo singathanga silahle into yonke.AOK 33.5

    Kukho abathi bakhonza uThixo, babe bethembe imigudu yabo aboyenza, ukuze bawufeze umthetho wakhe, babe nesimilo esihle, bazuze usindiso. Iintliziyo zabo azichukunyiswa luthando olwendeleyo lukaKristu, koko bathi ukuzenza iimfanelo zobuKristu anga uThixo bangazenza bazenzele ukuze bafumane izulu. Unqulo olunjalo alusizi lutho. Uthi uKristu akuhlala entliziyweni, usuke umphefumlo uzaliswe luthando lwakhe, naluvuyo lobudlelane naye, usuke unamathele kuye; uze uthi ngokumcinga ubonakale uzaliswe nguye, kangangokuba wona usel’uzilibala. Yonke into oyenzayo ibangwa kukuthanda kwawo uKristu. Bonke abanyanzelwa luthando kuThixo, abazibekeli kumenzela intwana encinane, basuke basebezama ngako konke abanako ukuyenza ngokufezekileyo intando yomKhululi wabo. Basuke basebenqwenela ukulahla konke, ngokunga bangabonakalalisa inyameko ebukhulu bulingana nalonto bayifunayo. Ukuthi umntu uyakholwa kuKristu abe engenalo oluthando, kukuthetha nje kodwa, nokuzaphula ngenkonzo engenamsebenzi.AOK 35.1

    Ungaba gxebe ucinga ukuba ukulahla konke ngenxa kaKristu, kukuzibulala? Khauzibuze lombuzo, uthi, “Wanikela ntonina uKristu ngenxa yam?” U-Nyana kaThixo wanikela konke — wa-nikela ubomi, nothando, neentlungu — efuna inkululeko yethu. Kungaba kuyinyaniso na ke, ukuba thina zinto zazingafanelwe loluthando lungakanana, sisuke sazibamba, samangala nazo iintliziyo zethu kuye? Kuseloko sathi sabakho, sasoloko singamadlelane eentsikelelo zobabalo lwakhe, kuyiyo lento singenako ukubuqonda ubunzulu bobudenge nobubi esasindiswa kubo. Gxebe lowo izoono zethu zamhlabaniselayo, singade simkhangele ukuze noko sibuye singalukhathaleli olothando nelodini lakhe? Xa sikhangele ekuthobekeni kweNkosi yozuko, singaba sisakhalaza na kuba sibungena ubomi obu ngemigudu nangokuthobeka?AOK 35.2

    Abantu abaninzi abanekratshi ungeva besithi, “Ndingaba ndiguqukela nina ndide ndizithobe, ndingekabi nangqiniseko nje ukuba uThixo undamkele?” Wena utshoyo, ndithi kuwe khangela kuKristu. Wayenge nasoono, phezu koko eliTshawe lezulu, kanti ke ngenxa yoluntu waba sisoono sesizwe sonke. “Wavuma ukubalelwa kubakreqi, akubona ukuba usithabathele phezu kwakhe isoono sabaninzi, ebathandazele abakreqi.” Isaya 53: 12.AOK 35.3

    Khona side salahla konke singaba silahle ntoni na? Singade gxebe sibe silahlekwe yinto, xa sihlanjululelwe lentliziyo yethu incholiswe sisoono; xa athe uYesu wayicoca wayihlambulula ngegazi elilelaKhe, waza wasisindisa ngenxa yothando lwakhe olukhulu? Lento izintloni ukuba iviwe, ithethwe nokuthethwa; izintloni nokuba ibhalwe. Kanti ke baninzi abacinga ukuba yinto enzima ukulahla konke ngenxa kaYesu.AOK 36.1

    Akatsho uThixo ukuthi masilahle okungaba kulungile, kuba naye ukukhathalele okulufaneleyo usapho lwakhe olusithi. Banga abangekamamkeli uKristu bangaqonda ukuba yena unento elunge ngaphezu kwezo bazifunayo, anga angabanika yona. Umntu omelana nentando kaThixo sukuba ezenzakalisa, sukuba engenzi bulungisa kumphefumlo wakhe. Akukho konwaba kungafunyanwa ngumntu ophikele ukuhamba ngendlela angayifuniyo uThixo, kuba nguye olungisa umendo wezidalwa zakhe. Umendo womaphuli-mthetho udla ngokuba ngumendo wobubi nentshabalalo.AOK 36.2

    Yimposiso ukucinga ukuba uThixo uya vuyiswa kukulubona usapho lwakhe lusiva intlungu. Ukonwaba komntu kulangazelelwa lizulu lonke. U-Thixo ukunonelele kakhulu konke okuzisa uvuyo nokonwaba kwizidalwa zakhe. Ngumthetho wakhe lo Wokuba sizinxweme zonke izinto ezisizisela ububi nentlungu; kuba esazi ukuba zosivalela kulo izulu. Uyavuma umKhululi ukusamkela njengoko sinjalo, sinobo bulwelwe noko kungafezeki kwethu. Akayi kwanela kusihlamba esoonweni, asinike inkuLulo ngegazi elilelakhe; koko uya kuyanelisa iminqweno yeentliziyo zaabo bavumayo ukuyithatha idyokwe yakhe. bawuthwale umthwalo wakhe. Unqwenela ukubanika uxolo nokonwaba bonke abeza kuye befuna isonka sobomi. Ufuna ke kuphela ukuba ser.ze ezonto ziya kusikhokeleia kwezontaba zentsikelelo zingenako ukufikwa ngabangevayo. Obona bomi bumnandi, nobububo, bobu bokuba uKristu abe ngaphakathi emphefumlweni, ithi intliziyo izaliswe lithemba lozuko lwakhe.AOK 36.3

    Baninzi abahlala bebuza besithi, “Azi ndingathinina ukuzinikela kuThixo?” Uya kunqwenela ukuzinikela kuye, koko akunawo amandla obulungisa, kuba se ulik' noboka lentandabuzo, waze wabuye wabanjwa yimikwa yakho ekhohlakeleyo, akusenako uukuzifaka umkhala. Amadinga akho nezigqibo zakho ezilungileyo, zizinto omana ukuzijaca uzaphula. Iingcinga zakho zithe sa kwizinto ezikhohlakeleyo, akusenako ukuzifaka umkhala. Uthi wakufuna ukomelela nokuzithemba, asuke amadinga obukade uwenza ubuye uwaphule akuswelise amandla, abange ukuba uncame ukuba angabuye uThixo akwamkele. Musa ukukhe uncame, funa ukuba uwaqonde kakuhle awona mandla ayinene alento kuthiwa yimvume. Yiyo into elaula umntu, emnika amandla okunyula nawokwenza isigqibo eentweni zonke. Ukuba unemvume eyiyo sukuba unento yonke. U-Thixo usinike thina bantu amandla okuzinyulela esikuthandayo kwinto yonke, ke kokwethu ukuwasebenzisa kakuhle loomandla. Khumbula ukuba akunamandla wena ngokwakho okuyiguqula intliziyo yakho, akunamandla okuguqula iminqweno yayo; kodwa ke unako kona ukunyula ukumkhonza uThixo. Unako ukumnika imvume yakho ukuze ayisebenze ivume ukwenza intando yakhe; ukuze bonke ubume bakho bulaulwe nguMoya kaKristu; ukuze isazulu seminqweno yakho sibe kuye, zithi neengcingane zakho zivane naye.AOK 36.4

    Ukunqwenela ukulunga nokunga unga ngcwele zizinto ezifanelekileyo, kodwa azisizi lutho zingaqhutywanga zifezwe. Baninzi abaya kulahleka batshone kunaphakade welishwa, phofu bethembile bade banqwenela nokunqwenela ukuba bangaba ngamaKristu. Baya kulahlwa kuba bengadange beyiseke bazinikele kuThixo. Kuba bengadange banyule ukuba ngamaKristu.AOK 37.1

    Ungathi ukhe wayisebenzisa kakuhle imvume yakho, ubomi bakho buphela bube nto yimbi. Ungathi ukhe wayinikela imvume yakho kuKristu, ube wenze ubuhlobo naloomandla angaphezu kwawo onke amagunya noozilauli. Ungaba ufumene amandla aphezulu aya kukugcina, naya kukwenza ukuba ekuzinikeleni kwakho kuThixo, uncedeke, uphile ubomi obutsha, ubomi bokholo.AOK 37.2

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents