Go to full page →

ISAHLUKO 31—I-MINI YO-MGWEBO KMW 184

IMINI yokufika kuka-Kristu yimini yo-mgwebo, pezu kweli hlabati. KMW 184.1

I-Zibhalo ziyaxela, “Yabona, iyeza i-Nkosi namawakawaka abangcwele Bayo, ukuba ibagwebe bonke.” Juda 14. KMW 184.2

“Pambi Kwake ziya kuhlanganiswa zonke intlanga; aze abahlule abanye kwabanye, njengoko u-malusi ezahlula izimvu ezibhokweni.” Mateyu 25: 32. KMW 184.3

Kodwa ngapambi kwawo umhla lowo, u-Tixo uvusa abantu ngokwento leyo izayo. Wahlala ebavusa abantu ngokwe migwebo ezayo. Abanye bebe sakusamkela isivuso baze balive ilizwi lika-Tixo. Abo bebesinda kwimigwebo leyo ebisakuwa pezu kwabangevayo bengakolwa. KMW 184.4

Ngapambi koko walitshabalalisayo ngo-nogumbe ihlabati, u-Tixo wayalela u-Nowa, “Ngena wena nendlu yako yonke emkombeni; ngokuba Ndibone wena ilungisa pambi kwam.” Genesis 7: 1. U-Nowa wenza oko waza wasindiswa. Ngapambi kokutshatyalaliswa kwe-Sodom, ingelosi zesa udaba ku-Lote, “Sukani nipume kule ndawo; ngokuba u-Yehova uya kuwonakalisa.” Genesis 19:14. U-Lote wakunyamekela ukuvuswa oko waza wasindiswa. KMW 184.5

Ngokunjalo kaloku siya vuswa ngokufika kwesibini kuka-Kristu nange ntshabalalo ezela ihlabati eli, baye bonke abakunonelelayo ukuvuswa oku beya kusindiswa. KMW 184.6

Amalungisa, xa aya kondela ku-Kristu ekufikeni Kwake, aya kudanduluka, “Yabona lo-ngu-Tixo wetu; besitembele Kuye ukuba asisindise.” Yesaya 25: 9. KMW 185.1

“Ngenx’ enokuba singalazi ngokute nqo ixesha lokufika Kwake siyalelwa ukuba silinde.” “Banoyolo abo bakonzi eyoti i-Nkosi yabo yakufika ibafumane belindile.” Luka 12: 37. KMW 185.2

Abo balindele ukufika kwe-Nkosi abasokuhlala ngovilapo. Ulindelo lokufika kuka-Kristu lumelwe kukubenza abantu boyike izigwebo zika-Tixo pezu kwe-zigqito. Lufanele ukubavuselela baguquke kwi zono zabo zokwapula imiteto Yake. KMW 185.3

Sakubon’ ukuba sikangele ukufika kwe-Nkosi, simelwe kukusebenza ngokukutala. Ukwazi ukuba uselese mnyango, kumele ukusikokelela ukuba sisebenze nge nyameko ngakumbi ngenx’ enosindiso lwabantu nje ngati. Xa u-Nowa waye vuselela abantu etunywe ngu-Tixo pambi ko-nogumbe, ngokunjalo bonke abaliqondayo ilizwi lika-Tixo bamelwe kukuvusa abantu belixesha. KMW 185.4

“Kodwa nje ngoko ibinjalo imihla ka-Nowa, koba njalo nokufika ko-Nyana womntu. Kuba nje ngokuba bebesiti ngemihla ebi ngapambi konogumbe, badle, basele, bazeke, bendise, kwada kwayimini awangena ngayo emkombeni u-Nowa, bengaqondanga wada wafika unogumbe, wabakukulisa bonke, koba njalo nokufika koNyana womntu.” Mateyu 24: 37-39. KMW 185.5

Abantu bemihla ka-Nowa bafeketa nge-mfefe zikaTixo. Ukutya no-kusela kwabo kwabenza amadlakudla na-manxila. KMW 185.6

Bamlibala u-Tixo, bazinikela kuyo yonke intlond’ embi nezenzo ezinga masikizL KMW 186.1

“U-Tixo wabona ukuba ububi babantu bandile emhlabeni, konke ukuyila kwe ngcinga zentliziyo zabo zibububi bodwa imihla yonke.” Genesis 6: 5. Kwakungenx’ enenkohlakalo yabo abatshatyalaliswayo abantu belo xesha. KMW 186.2

Uluntu lusenza lonto nanamhla oku. Ubudlakudla, ukungabi-nakuzeyisa, iminqweno-eburau, imikwa emibi, izalisa ihlabati nge nkohlakalo. KMW 186.3

Ngemihla ka-Nowa ihlabati latshatyalaliswa ngamanzi. Ilizwi lika-Tixo lifundisa okokuba ngoku liya kutshatyalaliswa ngo-mlilo. KMW 186.4

“Ngalo ilizwi lika-Tixo, . . . ihlabati laoko lantywiliselwa ngamanzi, latshabalala; ke wona amazulu angoku, nawo umhlaba lo, kwa ngelo lizwi aqwetyelwe, egcinelwe, umlilo, kuse kwimini yomgwebo nentshabalalo yabantu abangahlonel’ u-Tixo.” 2 Petros 3: 5-7. KMW 186.5

Abantu bangapambi ko-nogumbe bahlekisa ngazo imvuselelo zika-Tixo. Bambiza u-Nowa ngokuti nguqalazive no-sinxungupalisi. Amadod’ odumo nafundileyo ati u nogumbe wamanzi onje ngokukubaliswa kwenx’ engapambili asint’ eyaka yabonwa, yaye ingasoze ifike. KMW 186.6

Namhla-nje ilizwi lika Tixo linonelelwe kancinane. Uluntu luyahlekisa ngokuvuselela kwalo. Indimbane ziti, “Zonk’ izinto zahlala zihleli nje ngokwase kuqalekeni kwe-ndalo.” Akuko-nto yakoyikwa. KMW 186.7

Ngalo elixesha, intshabalaliso seyifikile. Bakubon’ ukuba abantu babuza ngokugculela, “Lipina kaloku idinga lokufika Kwake?” imiqondiso iyazalisekiswa. KMW 186.8

“Xenikweni baya kuti, Luxolo no-kunqaba; oko baya kufikelwa yintshabalaliso nge-bhaqo, . . . baye bengayi kuke basinde.” 1 Tesalonika 5: 3. KMW 187.1

U-Kristu uti: “Ukuba ngoko akutanga ulinde, Ndokufikela nje nge sela, akusokulazi ilixa endokufikela ngalo.” Isityilelo 3: 3. KMW 187.2

Namhlanje uluntu lusa bambeke ekutyeni nasekuseleni, ekulimeni nase-kwakeni, ekuzekeni nase-kwendiseni. Abarwebi balibele kukutenga betengisa. Uluntu lubangisana ngobukulu. Abatandi beziyolo baxinanise kwi-zindlu zemidlalo, ingqatso zamahashe, kwi mihadiyamaqash’-emali. Kumacalan’ onke upatshazeko lwandile; ukanti yona imini yokuvalwa kwe-nceba iyakauleza ukupela, nocango lwe nceba seluza kuvalwa ngonapakade. KMW 187.3

Kungenx’ enetu awavakaliswayo amazw’ o-Msindisi ovuso: KMW 187.4

“Zilumkeleni-ke, hleze zisindwe intliziyo zenu kukuzinxala nakukunxila nangamaxala obubomi, ize lomini inifikele ngebhaqo.” Luka21:34. KMW 187.5

“Papani ngoko, nikunga amanxa onke, ukuze kutiwe nikufanele ukuzisaba zonke ezozinto ziza kuhla, nokumiswa pambi ko-Nyana womntu.” Luka 21: 36. KMW 187.6