Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    ISAHLUKO 31—I-MINI YO-MGWEBO

    IMINI yokufika kuka-Kristu yimini yo-mgwebo, pezu kweli hlabati.KMW 184.1

    I-Zibhalo ziyaxela, “Yabona, iyeza i-Nkosi namawakawaka abangcwele Bayo, ukuba ibagwebe bonke.” Juda 14.KMW 184.2

    “Pambi Kwake ziya kuhlanganiswa zonke intlanga; aze abahlule abanye kwabanye, njengoko u-malusi ezahlula izimvu ezibhokweni.” Mateyu 25: 32.KMW 184.3

    Kodwa ngapambi kwawo umhla lowo, u-Tixo uvusa abantu ngokwento leyo izayo. Wahlala ebavusa abantu ngokwe migwebo ezayo. Abanye bebe sakusamkela isivuso baze balive ilizwi lika-Tixo. Abo bebesinda kwimigwebo leyo ebisakuwa pezu kwabangevayo bengakolwa.KMW 184.4

    Ngapambi koko walitshabalalisayo ngo-nogumbe ihlabati, u-Tixo wayalela u-Nowa, “Ngena wena nendlu yako yonke emkombeni; ngokuba Ndibone wena ilungisa pambi kwam.” Genesis 7: 1. U-Nowa wenza oko waza wasindiswa. Ngapambi kokutshatyalaliswa kwe-Sodom, ingelosi zesa udaba ku-Lote, “Sukani nipume kule ndawo; ngokuba u-Yehova uya kuwonakalisa.” Genesis 19:14. U-Lote wakunyamekela ukuvuswa oko waza wasindiswa.KMW 184.5

    Ngokunjalo kaloku siya vuswa ngokufika kwesibini kuka-Kristu nange ntshabalalo ezela ihlabati eli, baye bonke abakunonelelayo ukuvuswa oku beya kusindiswa.KMW 184.6

    Amalungisa, xa aya kondela ku-Kristu ekufikeni Kwake, aya kudanduluka, “Yabona lo-ngu-Tixo wetu; besitembele Kuye ukuba asisindise.” Yesaya 25: 9.KMW 185.1

    “Ngenx’ enokuba singalazi ngokute nqo ixesha lokufika Kwake siyalelwa ukuba silinde.” “Banoyolo abo bakonzi eyoti i-Nkosi yabo yakufika ibafumane belindile.” Luka 12: 37.KMW 185.2

    Abo balindele ukufika kwe-Nkosi abasokuhlala ngovilapo. Ulindelo lokufika kuka-Kristu lumelwe kukubenza abantu boyike izigwebo zika-Tixo pezu kwe-zigqito. Lufanele ukubavuselela baguquke kwi zono zabo zokwapula imiteto Yake.KMW 185.3

    Sakubon’ ukuba sikangele ukufika kwe-Nkosi, simelwe kukusebenza ngokukutala. Ukwazi ukuba uselese mnyango, kumele ukusikokelela ukuba sisebenze nge nyameko ngakumbi ngenx’ enosindiso lwabantu nje ngati. Xa u-Nowa waye vuselela abantu etunywe ngu-Tixo pambi ko-nogumbe, ngokunjalo bonke abaliqondayo ilizwi lika-Tixo bamelwe kukuvusa abantu belixesha.KMW 185.4

    “Kodwa nje ngoko ibinjalo imihla ka-Nowa, koba njalo nokufika ko-Nyana womntu. Kuba nje ngokuba bebesiti ngemihla ebi ngapambi konogumbe, badle, basele, bazeke, bendise, kwada kwayimini awangena ngayo emkombeni u-Nowa, bengaqondanga wada wafika unogumbe, wabakukulisa bonke, koba njalo nokufika koNyana womntu.” Mateyu 24: 37-39.KMW 185.5

    Abantu bemihla ka-Nowa bafeketa nge-mfefe zikaTixo. Ukutya no-kusela kwabo kwabenza amadlakudla na-manxila.KMW 185.6

    Bamlibala u-Tixo, bazinikela kuyo yonke intlond’ embi nezenzo ezinga masikizLKMW 186.1

    “U-Tixo wabona ukuba ububi babantu bandile emhlabeni, konke ukuyila kwe ngcinga zentliziyo zabo zibububi bodwa imihla yonke.” Genesis 6: 5. Kwakungenx’ enenkohlakalo yabo abatshatyalaliswayo abantu belo xesha.KMW 186.2

    Uluntu lusenza lonto nanamhla oku. Ubudlakudla, ukungabi-nakuzeyisa, iminqweno-eburau, imikwa emibi, izalisa ihlabati nge nkohlakalo.KMW 186.3

    Ngemihla ka-Nowa ihlabati latshatyalaliswa ngamanzi. Ilizwi lika-Tixo lifundisa okokuba ngoku liya kutshatyalaliswa ngo-mlilo.KMW 186.4

    “Ngalo ilizwi lika-Tixo, . . . ihlabati laoko lantywiliselwa ngamanzi, latshabalala; ke wona amazulu angoku, nawo umhlaba lo, kwa ngelo lizwi aqwetyelwe, egcinelwe, umlilo, kuse kwimini yomgwebo nentshabalalo yabantu abangahlonel’ u-Tixo.” 2 Petros 3: 5-7.KMW 186.5

    Abantu bangapambi ko-nogumbe bahlekisa ngazo imvuselelo zika-Tixo. Bambiza u-Nowa ngokuti nguqalazive no-sinxungupalisi. Amadod’ odumo nafundileyo ati u nogumbe wamanzi onje ngokukubaliswa kwenx’ engapambili asint’ eyaka yabonwa, yaye ingasoze ifike.KMW 186.6

    Namhla-nje ilizwi lika Tixo linonelelwe kancinane. Uluntu luyahlekisa ngokuvuselela kwalo. Indimbane ziti, “Zonk’ izinto zahlala zihleli nje ngokwase kuqalekeni kwe-ndalo.” Akuko-nto yakoyikwa.KMW 186.7

    Ngalo elixesha, intshabalaliso seyifikile. Bakubon’ ukuba abantu babuza ngokugculela, “Lipina kaloku idinga lokufika Kwake?” imiqondiso iyazalisekiswa.KMW 186.8

    “Xenikweni baya kuti, Luxolo no-kunqaba; oko baya kufikelwa yintshabalaliso nge-bhaqo, . . . baye bengayi kuke basinde.” 1 Tesalonika 5: 3.KMW 187.1

    U-Kristu uti: “Ukuba ngoko akutanga ulinde, Ndokufikela nje nge sela, akusokulazi ilixa endokufikela ngalo.” Isityilelo 3: 3.KMW 187.2

    Namhlanje uluntu lusa bambeke ekutyeni nasekuseleni, ekulimeni nase-kwakeni, ekuzekeni nase-kwendiseni. Abarwebi balibele kukutenga betengisa. Uluntu lubangisana ngobukulu. Abatandi beziyolo baxinanise kwi-zindlu zemidlalo, ingqatso zamahashe, kwi mihadiyamaqash’-emali. Kumacalan’ onke upatshazeko lwandile; ukanti yona imini yokuvalwa kwe-nceba iyakauleza ukupela, nocango lwe nceba seluza kuvalwa ngonapakade.KMW 187.3

    Kungenx’ enetu awavakaliswayo amazw’ o-Msindisi ovuso:KMW 187.4

    “Zilumkeleni-ke, hleze zisindwe intliziyo zenu kukuzinxala nakukunxila nangamaxala obubomi, ize lomini inifikele ngebhaqo.” Luka21:34.KMW 187.5

    “Papani ngoko, nikunga amanxa onke, ukuze kutiwe nikufanele ukuzisaba zonke ezozinto ziza kuhla, nokumiswa pambi ko-Nyana womntu.” Luka 21: 36.KMW 187.6

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents