Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    ISAHLUKO 19—U-JUDAS

    ABAPATI bama-Juda babesoloko benga u-Yesu lo angaba segunyeni labo, kodwa besoyika ukuvusa isidubedube pakati kwabantu ababanga nabugagu bakumbamba ekuhleni. Ngako-ke bafuna mntu owayeya kumnikela ngokufihlakeleyo, yaza yaba ngu-Judas, omnye kubafund’ abo bashumi linababini umntu owavumayo ukwenza esi senzo sipantsi ngoluhlobo. U-Judas lo ikakade lake ubetanda kakulu imali, kodwa waye ngakohlakele kwa nakonakala okwakuno kumbangela ukwenza esi senzo. Wakutaza lowo u moya okohlakeleyo wokutand’ inzuzo wada waba sisimo esilaulayo ebomini bake, ke ngoku waye seleno kuyitengisa i-Nkosi yake ngamaceba amashumi matatu esilivere mayela neponti ezintatu ezinesheleni ezisibozo (£3-8-0), ixabiso le-koboka. Eksodus 21: 28-32.KMW 124.1

    Waye selemnikela ngoku u-Msindisi ngokwanga paya e-Getsemane. Kodwa walandela njalo emva koNyana ka-Tixo, xa wasuka emyezweni esiya ematyaleni pambi kwabapati bama-Juda. Waye ngakumbulelanga ukuba u-Msindisi uyakuzinikela kuma-Juda ambulale, njengoko ayegqibe ukwenza njalo.KMW 124.2

    Kumzuzwana ngamnye wayetembe ukumbona ekululwe ekuselwe ngamandla ka-Tixo, njengoko kwaka kwenzeka ngapambili. Kodwa ekuhambeni kwamaxa, u-Yesu ezinikele ngokuzola ngapantsi kwayo yonk’ impa- to-mbi eyayifunjwa pezu Kwake, unkwantyo oloyikekayo lwamfikela u-ntamnani (u-mnchatshi), ngokoko kunikela u-Mfundisi wake ekufeni Kwake.KMW 124.3

    Lwakubon’ ukuba uvavanyo lusondela esipelweni, uJudas akabanga sabana kuyinyamezela imbandezelo yesazela setyala lake. Ngoko-ko kwahlokoma kulondl̕ erulumeli ilizwi elitshotozayo, elangenisa unkwantyo kwintliziyo zabo babelapo:KMW 125.1

    Akanatyala. Mconge-bo, (msindise-bo) Wa Kayafa. Akenzanganto elingenw’ ukufa!KMW 125.2

    Eso sitomo side sika-Judas sabonakala sinyanzeleka pakati kwalo ndimbane yotukileyo. Ubuso bake basebusuke balututu buxolozekile, aye amatontsi aqavileyo okubila ete ngqengqelele kwibunzi lake. Ute etyudisela kuyo lo-trone yokugweba, wayiposa pantsi pambi ko-mbingeP omkulu imali lomaceba esilivere awaye lixabiso lokunikela i-Nkosi yake.KMW 125.3

    Waxakamfula ngobunxhamo ingubo ka-Kayafa, wayembongoza okokuba amkulule u-Yesu, esiti akanabubi abenzileyo. U-Kayafa wamvutulula ngobushushu ukumsusa, wayesiti bugculela:KMW 125.4

    “Iyinina lonto kuti? zibonele wena.” Mateyu 27: 4.KMW 125.5

    U-Judas kaloku nanko seleziposa ezinyaweni zo-Msindisi. Waye nqhina ukuba u-Yesu ungu Nyana ka-Tixo, emkunga ukuba Azisombulule Yena kwezo ntshaba Zake.KMW 125.6

    U-Msindisi wayesazi ukuba u-Judas akapelelisanga ukuguquka koko waye kwenzile.KMW 125.7

    Lowo mfundi onkohliso waye soyika eso sohlwayo esasimlindile ngenxa yeso senzo sake esikoyikeka: kodwa akevanga buhlungu bendeleyo ngenxa yokuntama uNyana ka-Tixo ongena bala.KMW 125.8

    Ukanti u-Kristu akabhekisanga lizwi lakumgweba. Wamondela ngosizi u-Judas lowo wati:KMW 126.1

    “Kungenxa yalo eli lixa e-Ndezayo kweli hlabati.”KMW 126.2

    Ukurora kokumangaliswa kwatyutya yonke leyo ngqungqutela. Beno kumangaliswa balondela uncendezelo luka Kristu ngaku mnchatshi Wake.KMW 126.3

    U-Judas wabona ukuba izitaruziso zake zazingasancedi nto, waza wadyuduza ukumka endlwin’ eruluneli ebomboloza:KMW 126.4

    Sekusemva! Sekusemva!KMW 126.5

    Weva kungenzeke ukuba adl̕ ubomi abukele u-Yesu ebetelw’ emnqamlezweni, waza ngokuncama nanko esiya kuzixoma.KMW 126.6

    Emva koko kwangawo lowo mhla kulo ndlela evela endlwin’ eruluneli ka-Pilato ukusinga e-Calvary, nalo eloxokondiba eliburalarume lalirola u-Msindisi ukusinga kwindawo yokubetelelw’ emnqamlezweni. Ngesiqupe kwavela upitizeliso bakubon’ ukuba basanqangaza begxwala. Besacanda kwindawo ete-geqe, babona esikondweni somti owomileyo ngo-mzimba ofileyo ka-Judas.KMW 126.7

    Yaba sibonelo esingaqelekileyo. Ubunzima bake bajaca intsontelo leyo awaye zixome ngayo kulowo mti. Ekuweni, umzimba wake watyumzeka ngokoyikekayo, zaye izinja kaloku zase ziwudla.KMW 126.8

    Eso sidumbu sake sancwatywa buputuputu; koko lwatota nogxwalo, nento eninzi yabo baba lututu ubuso bebaluleke ngokuba noloyiko kwingcamango zabo. Impindezelo yayi selizixela kwabo babe netyala le-gazi lika Yesu.KMW 126.9

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents