Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    ISAHLUKO 12—U-MALUSI OLUNGILEYO

    U-MSINDISI Wazixela ukuba ungu-malusi abafundi bangumhlambi. Watsho: “Ndim u-Malusi Olungileyo, ndiyazazi izimvu Zam, Ndiyaziwa zizimvu Zam.” John 10: 14. U-Kristu waye selezakubashiya abafundi Bake, Wateta nje-ke ebomeleza.KMW 73.1

    Ukuze xa Ayakuba engasenabo bawakumbule amazwi Ake. Naxa baya kubona u-malusi ekangela izimvu zake, babeya kucinga ngotando nolondolozo lo-Msindisi kubo.KMW 73.2

    Kwelo lizwe u-malusi uhlala nezimvu zake emini nobusuku. Woqabela induli ezibugqagala etubela nase mahlatini ehamba pambi kwazo emini, ezisa kwi-dlelo elinengca emnandi ecaleni lo-mlambo.KMW 73.3

    Ubusuku bonke uyazilinda, azikusele ku-marancwa asendle nakuwo amasela, adla ngokuncatama kufupi. Ngokutantamisa uyazikangela ezibutataka nezigulayo. Imvana ezincinane uziwolela ezingalweni zake azigone esifubeni sake. Nokuba sowumkulu kangakananina mhlambi u-malusi uyazazi izimvu zawo nganye. Unegama lemvu nganye, uyibiza ngegama layo elo.KMW 73.4

    Ngokunjalo-ke u-Kristu, u-Malusi wase zulwini, uyazalusa izimvu Zake ezilusali ne-hlabati lonke. Uyasazi sonke ngamagama. Wazi nendlu esihlala kuyo umntu, negama lohlala kuyo ngamnye. Wondela kumntu ngamnye njengokungati akuko wumbi kwelihlabati lingaka.KMW 73.5

    U-malusi uhamba ngapambi kwazo izimvu, aze ahlangabezane nazo zonke ingozi. Uqubisana namaramncwa asendle nezihange. Ngamanye amaxesha u-malusi ubebulawa akubonukuba walusa izimvu.KMW 74.1

    Wenza njalo-ke u-Kristu ukwalusa umhlambi wabafundi Bake. Usele sandulele. Wahlala kulo mhlaba, njengati-nje. Waba ngumntwana, waba ngumnt’ omtsha, waba yindoda. Wamoyisa u-Satana kuzo zonke izihendo zake, ukuze nati soyise njengoko.KMW 74.2

    Wafa ukuba Asisindise. Nakuba Ese-zulwini-nje ngoku, Akake Asilibale noko mzuzu. Woyigcina ngokunqaba imvu nganye. Akuko nomnye omlandelayo Yena ongake abanjwe lolo tshaba olukulu.KMW 74.3

    U-Malusi ubengaba nekulu lezimvu, kodwa ukuba bekungalahleka enye ubengahlali kwezo zise mhlambini ebuhlanti. Ubepuma ukufuna leyo ilahlekileyo.KMW 74.4

    Koti kubusuku obumnyama, kulo uqwitela, eqabela kozintaba nentlambo, ubehamba. Ubengapumli de ifunyanwe leyo mvu ebilahlekile.KMW 74.5

    Aze-ke ayitwalele ezingalweni zake, abuyele nayo esibayeni. Ube ngakalazi ngomgama omde wokufuna nzima, kodwa ube sakuvuya ati:KMW 74.6

    “Vuyisanani nam ngokuba ndiyifumene imvu yam ebilahlekile.” Luka 15: 4-7.KMW 74.7

    Ngokunjalo-ke ulondolozo lo-Msindisi-ongu-Malusi asilulo lwabo basemhlambini kupela. Uti, “U-Nyana womntu weza kufuna nokusindisa oko kulahlekileyo.” Mateyu 18: 11.KMW 74.8

    “Nditi kuni, Ngokukwanjalo kuya kubako uvuyo ezulwini ngomoni eba mnye oguqukayo kunamashumi asi- toba anesitoba amalungisa angaswele nguquko.” Luka 15:7.KMW 74.9

    Sona, semka-ke ku-Tixo. U-Kristu uti sifana nemvu elahleke yemka kuwo umhlambi. Weza ukuba asincede singenzi sono. Lento uyibiza ngokuti kukusibuyisela emhlabini. Sakuba sibuya kunye no-Malusi lowo siyeka ukona, u-Kristu uti kuzo izitunywa-zezulu: “Vuyisanani Nam, ngokuba Ndiyifumene imvu Yam ebilahlekile.”KMW 75.1

    Usuke-ke u-mhobe-wemihlali uhlokonyiswa zi-mvumi ezibungelosi, uzalise lonk’ izulu nge ntsholo-emnandi kunene.KMW 75.2

    U-Kristu akasiniki mzekelo wo-malusi olusizi ubuya engenayo imvu. Nasi isinyanisekiso sokuba akuko noko inye imvu elahlekayo yomhlambi ka-Tixo elityalelweyo.KMW 75.3

    Akuko eyekwa ingancedwa. Wonke ozilahlela ekuhlaulelweni, u-Msindisi uyakumhlangula kubo ubureletyo besono.KMW 75.4

    Ngako-ke wonke olahlekeneyo no-mhlambi makakutale. U-Malus’ Olungileyo uyakufuna. Kumbula ukuba umsebenzi Wake u “kukusindisa oko kulahlekileyo.” Kutshiwo ngawe-ke. Ukutandabuza impumelelo yosindiso lwako, kukutandabuza amandla asindisayo a-Lowo wakutenga ngexabiso elingena mlinganiso. Ukolo malutabate leyo ndawo ikukungakolwa. Kaukangele ezo zandla ezahlatywayo ngenx’enako uvuye kulawo mandla azo okusindisa.KMW 75.5

    Uz’ ukumbule ukuba u-Tixo no Kristu baya kutanda, nokuba wonke umkosi we Zulu uxinaniseke ngumsebenzi wosindiso lwaboni.KMW 75.6

    Xa u-Kristu waye lapa emhlabeni, Wabonisa ngemimangaliso Yake okokuba Unamandla okusindisa pume- leleyo. Ngokupilisa izifo zomzimba, Wabonisa ukuba unako ukususa isono kuyo intliziyo.KMW 75.7

    Walulamisa ukuhamba kwe-ziqwala, izitulu ukuba zive ne-mfama ukubona. Wahlambulula abane-qenqa wapilisa ne-ndoda enedumbe, nabo bonke ababe nezifo ngezifo. Nge lizwi Lake, nazo idemoni zakutshwa kwabo babe banjwe zizo. Abo bawubonayo lomsebenzi ungummangaliso bamatsheka bati: “Lizwi linina eli! lento abatetela nge-gunya nangamandla omoya abancholileyo aba baze bapume! Luka 4: 36.”KMW 76.1

    Ngokuyalela kuka-Yesu, u-Petros wabanako uku hamba emanzini. Kodwa wayemelwe kukuwaxoma kuMsindisi amehlo ake. Ute nje ukuba akangele ecaleni, waqala ukutandabuza wazika-ke.KMW 76.2

    Wakala-ke, “Nkosi, ndisindise,” saza isandla so-Msindisi solulelwa kuye ukumpakamisa. Mateyu 14:28-31. Ngokunjalo-ke xa ubani akalela uncedo Kuye, isandla sika Kristu siyolulelwa ukusindisa.KMW 76.3

    U-Msindisi wavusa abafi badl’ ubomi. Omnye wabo yayi ngu-nyana wo-mhlolokazi wase-Nain. Abantu babe mtwalele enchwabeni, xa bahlangana no-Yesu wayibamba indodana leyo nge-sandla, wayipakamisa wayinikela kunina ipilile. Laza-ke elogqiza labuyela emakaya ngomemelelo lwemivuyo ne-ndumiso ku-Tixo.KMW 76.4

    Ngokukwanjalo intombi ka-Jairus yavuswa, nange lizwi lika-Kristu, u-Lazaro owaye selena ntsuku ne efile, wabizwa ukuba apume engcwabeni.KMW 76.5

    Ngokunjalo xa u-Kristu ayakubuye eze ehlabatini ilizwi Lake liyakugqoboza amanchwaba, ke “abafele kuKristu baya kuvuka, bangene ebungcwaliseni, boku- ngafi; size ngokunjalo sihlale sihleli sindawo-nye neNkosi.” 1 Tesalonika 4: 16, 17.KMW 76.6

    Yayi ngumsebenzi ongummangaliso owenziwa yiNkosi yetu ngexesha lo-lungiselelo Lwayo emhlabeni. Ngawo lo-msebenzi Yateta kwi-mpendulo Eyayitumela ku-John um-Baptizi. U-John wayese ntolongweni, wayetyumke intliziyo-ke; waye katazwa nayinto yokutingaza kokuba lo-Yesu ingaba ngu-Mesiya nyani-na. Ngoko watumela abanye babafundi bake ukuya kumbuza u-Msindisi:KMW 77.1

    “Wena ungu-Lowo uzayo-na, silinde wumbi kusinina?”KMW 77.2

    Xa abatunywa abo bafikayo ku-Yesu, waye ngqongwe yint’ eninzi yemilwelwe, leyo Wayeyipilisa. Leyo mini yonke abatunywa balinda, akubon’ ukuba Usebenza nge-nkutalo engena kudinwa enceda ababandezelekileyo. Ekugqibeleni Wati:KMW 77.3

    “Hambani niye kumbikela u-John izinto enizivayo nenizibonayo: Imfama zamkela ukubona, neziqwala ziyahamba, abane qenqa bayahlanjululwa, nezitulu ziyeva, abafileyo bayavusa namahlwempu ayazishunyayezwa indaba ezilungileyo.” Mateyu 11: 3-5.KMW 77.4

    Ngoko-ke iminyaka emitatu ene-siqingata u-Yesu “Wahamba esenza okulungileyo.” Kekaloku-ke lafika ixesha lokuba ulungiselelo Lwake emhlabeni lugqitywe. Kunye nabafundi Bake-ke Waye-melwe kukuya e-Jerusalem ukuba anikelwe, agwetywe aze abetelelwe emnqamlezweni.KMW 77.5

    Ayemelwe kukuzalisekiswa ngokunjalo-ke amazwi Ake, “U-Malus’ Olungileyo ubomi Bake ubuncamela izimvu.” John 10: 11.KMW 77.6

    “Okwenene, Uzitabatele pezu Kwake izifo zetu, watwala intlungu zetu, Kanti Yena uhlatywe ngenxa yezireqo zetu, Watyunyuzwa ngenxa yezenzo zetu ezigwenxa; ubeto lokuba sibe noxolo belupezu Kwake; sipiliswe ngemivumbo Yake. Tina sonke salahleka njengegusha; sabheka elowo endleleni yake; waza u-Yehova wamwela ngobugwenxa betu sonke.” Yesaya 53: 4-6.KMW 78.1

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents