Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    ISAHLUKO 3—U-TYELELO LWE-ZILUMKO

    U-TIXO wayenga abantu bangazi ngokufika kukaKristu emhlabeni apa. Aba-priste babemelwe kukubafundisa abantu okokuba bamlindele uMsindisi lowo; koko bona ngokwabo babengazinto ngokufika Kwake.KMW 21.1

    Ngako-ke u-Tixo watumela izitunywa zezulu ukuba ziyokuxelela abelusi okokuba u-Kristu uzelwe, nendawo ababenga Mfumana kuyo.KMW 21.2

    Kwa ngokunjalo akubon’ ukuba u-Yesu usiwa etempileni, kwakuko abo bamamkela engu-Msindisi. UTixo wabalondoloza bapila o-Simeon no-Anna, baza baba nelungelo elivuyisayo lokunqina ukuba u-Yesu lowo nguMesiya owayedingiwe. U-Tixo wayekangele ukuba nabanye, kunye nama-Juda, bamazi u-Kristu ukuba ufikile. Kwi-lizwe elikude empumalanga kwakuko izilumko ezazipengulula izi-profeto ezazingo Mesiya, ezazikolwa ukuba ukufika Kwake sekusondele. Ama-Juda ayewabiza lamadoda ngokuti abahedeni; kodwa ayenga nquli zitixo. Aye ngamadoda atembekileyo, awayezondelele ukuyazi inyaniso, nokwenza intando ka-Tixo.KMW 21.3

    U-Tixo ukangela entliziyweni, Waye sazi-ke ukuba lamadoda angatenjwa. Aye kwesona simo sifanelekele ukwamkela ukanyo oluvela e-Zulwini kunoko kwakunjalo kuba-priste bama-Juda, bona babezele ukuzitanda ne-ratshi. La madoda aye zizilumko. Aye qwalasela umsebenzi-wezandla ka-Tixo oyindalo, aza azuza ukuMtanda kuwo. Aye qwalasele inkwenkwezi, azana nentshukumo zazo.KMW 21.4

    Aye kunanzile ukulongalonga ezo zikanyiso zasezulwini kwi-ntshukumo yazo yase busuku.KMW 22.1

    Ukuba kuti kubonakale inkwenkwezi entsha, bayinandipe imbonakalo yayo ngokwe siganeko esikulu.KMW 22.2

    Ngabo obo busuku ezafikayo izitunywa zezulu kubelusi base-Bethlehem, izilumko zabalula ukanyo olungaqelekileyo esibakabakeni. Yayi bubungcwalisa obabuzingeze u-mkosi wezitunywa zezulu.KMW 22.3

    Kute lwakufipala olukanyo zazibone ezulwini okwakunje nge-nkwenkwezi entsha. Kwa oko zacinga ngesiprofeto eso siti, “I-nkwenkwezi ipuma kwa-Yakobi, iNtonga ivela kwa-Siraeli.” Numeri 24:17. Yaba ngumqondiso-na le nkwenkwezi wokuba u-Mesiya wayeselefikile?KMW 22.4

    Zagqiba ekubeni ziyilandele zibone apo yayiya kuzisa kona. Yazikokelela e-Judea. Kodwa xa zasondelayo eJerusalem, inkwenkwezi leyo yabonakala luzizi ngokokude zingayiboni konke.KMW 22.5

    Zicinga ngokuti ama-Juda aye ngazikokelayo ngokoko azise ku-Msindisi izilumko ezo zasinga e-Jerusalem, zisiti, “Upina lowo uzelweyo, ukumkani wamaJuda? kuba sibone inkwenkwezi Yake empumalanga, size kuqubuda Kuye.”KMW 22.6

    “Ute-ke u-Herode ukumkani akuva ezi zinto, wakatazeka, yena nayo yonke i-Jerusalem naye. Waza ehlanganise-ke bonke ababingeleli abakulu nababali babantu, wababuza ukuba ubeyakuzalelwa pina u-Kristu. Bate- ke kuye e-Betelehem, yelakwa-Juda; kuba kubalwe njalo ngom-profeti.”KMW 22.7

    U-Herode akatandanga ukuva ngo-kumkani obengati ngenye imini atabate itrone yake. Ngako-ke wazitabatela bucala izilumko ezo wazibuza ngexesha eziyibone ngalo inkwenkwezi leyo. Wazituma-ke e-Betelehem esiti: “Hambani niye nicokise ukubuzisa ngomntwana-lowo; xa-ke nite namfumana, zenindibikele ukuze nam ndiye kuqubuda Kuye.”KMW 23.1

    Zimvile-ke izilumko, zahamba kwangendlela yazo. “Nantso, inkwenkwezi-leyo zayibonayo empumalanga izandulela, yada yaya kuma pezu kwe-ndawo abe kuyo umntwana lowo.”KMW 23.2

    “Zingenile endlwini, zambona u-mntwana eno-Mary u-nina, zawa pantsi zaqubuda-Kuye, zati zinqike impahla yazo, zanikela Kuye iminikelo, igolide nentlak’ emhlope ne-more.” Mateyu 2: 2-11.KMW 23.3

    Ezona zinto zixabiso likulu ezazinazo, ezo zilumko zazizisa ku-Msindisi. Kuyo lento zasinika umzekelo. Baninzi abapa izihlobo zabo zase-mhlabeni amabaso, kodwa abananto ye-Sihlobo eso sasezulwini sona sibapa zonke intsikelelo. Masi ngayenzi lento. Ku-Kristu masizise ezona zinto zintle esinazo,—ixesha letu, imali, notando lwetu.KMW 23.4

    Sino kumpa-Yena ngokunikelela ukonwabisa amahlwempu, nangokufundisa abantu ngo-Msindisi. Ngoko singanceda ngokusindisa abo wafa ngenxa yabo. Izipo ezilolohlobo u-Yesu uyazibuka.KMW 23.5

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents