Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    ISAHLUKO 30—WOBUYA ABUYE

    U-MSINDISI wetu wobuya abuye. Ngapambi kokuba ahlukane nabafundi Bake emhlabeni, Yena i-Siqu wabatembisa ngokubuya Kwake.KMW 180.1

    “Mayi ngakatazeki intliziyo yenu,” Watsho; “Endlini ka-Bawo zininzi indawo zokuhlala: . . . Ndiya ukunilungisela indawo. Ukuba-ke Ndiye kunilungisela indawo, Ndobuye ndize ndinamkelele kum ngokwam; ukuze apo ndikona mna nibekona nani.” John 14: 1-3.KMW 180.2

    Akabashiyanga ukuze batingaze ngokohlobo ayakuza ngalo, “U-Nyana womntu uyakuza esebuqaqaulini Bake, enazo zonke ingelosi ezingcwele, aze-ke ahlale pezu kwetrone yobuqaqauli Bake: zize zihlanganiselwe pambi Kwake zonke intlanga.” Mateyu 25: 31, 32.KMW 180.3

    Ngokunyameka wabayala ngolukuhlo: “Ukuba bati kuni, Nanko, entlango; musani ukupuma niye: nanko emagumbini; musani ukukolwa. Kuba kwa njengokuba umbane uti upume empumalanga ubonakale kude kuse entshonalanga kuya kuba njalo nokufika ko-Nyana womntu.” Mateyu 24: 26, 27.KMW 180.4

    Esi siluleko sesetu. Namhla-nje abefundisi ababuxoki bati, “Nanko, entlango,” aye amawaka epuma ukuya entlango, etembe ukubona u-Kristu.KMW 180.5

    Kanjalo amawaka lawo ati anobudlelana no-moya babafi axela ukuba, “Nanko emagumbini.” Lento yeyona nto etetwa ngabanquli-Minyanya.KMW 180.6

    Ke yena u-Kristu uti, “Musan’ ukukolwa; kuba njengokuba umbane uti upume empumalanga ubonakale kude kuse entshonalanga kuya kuba njalo nokufika koNyana womntu.”KMW 181.1

    Ekunyukeni kuka-Kristu i-ngelosi eziya zaxela kubafundi ukuba Uya “kuza kwa ngoluhlobo” abambona esiya ngalo e-Zulwini. Zenzo 1: 11. Wenyuka ekumzimba, Bambona-ke ekubashiyeni Kwake waza wamkelwa lilifu. “Uya kubuya nge-lifu elikulu elimhlope, aye onke amehlo eyakumbona Yena.” Isityilelo 1: 7.KMW 181.2

    Eyona-nqu mini ne-lixa lokufika Kwake ayityilwanga. U-Kristu wabaxelela abafundi Bake okokuba Naye-Siqu akana kuwazisa umhla kwa-nelixa lokubonakala Kwake kwesibini. Kodwa wakankanya iziganeko ezitile ababeya kwazi ngazo xa ukufika Kwake koba sekusondele.KMW 181.3

    “Kuya kubako imiqondiso,” Watsho, “elangeni, nasenyangeni, nase zinkwenkwezini.” Luka 21: 25. Waye eteta esacacisa ngakumbi: “I-langa liya kwenziwa mnyama, iti ne-nyanga ifipale, ziti ne-nkwenkwezi ziwe ezulwini.” Mateyu 24:29.KMW 181.4

    “Apa pezu komhlaba, Wati, kuya kubako ukuxinezeleka kwentlanga, zitingaza, lugquma ulwandle namaza; abantu besifa kukoyika nakukulindela izinto ezilizelayo elimiweyo.” Luka 21: 25, 26.KMW 181.5

    “Bandule-ke ukumbona u-Nyana womntu, ngamafu ezulu, enamandla nobuqaqauli obukulu. Azitume izitunywa Zake zasezulwini zine-xilongo elisandi sikulu, zihlanganisele ndawo-nye abanyulwa Bake bapume kumacala omane omoya, kutabatela esipelweni samazulu, kude kuse kwesinye isipelo sawo.” Mateyu 24: 30, 31.KMW 181.6

    U-Msindisi wahambisa: “Wufundeni-ke umzekeliso kuwo u-mkiwane; xa selite latamba isebe lawo, lahluma amagqabi, niyazi ukuba likufupi ihlobo: ngokukwanjalo nani, xa nite nazibona zonke ezozinto, yazini ukuba kukufupi sekuse mnyango.” Mateyu 24: 32, 33.KMW 181.7

    U-Kristu wanika imiqondiso yokufika Kwake. Uti okokuze sazi xa selekufupi, selese-mnyango. Xa imiti ivelisa amagqabi ayo e-ntlakohlaza, siyazi ukuba ihlobo selisondele. Kangangoko kuqiniseka, xa leyo miqondiso iyakubonakala elangeni enyangeni nase zinkwenkwezini, siya kwazi ukuba ukufika kuka-Kristu kusondele.KMW 182.1

    Le-miqondiso seyibonakele. Ngo-May 19, 1780 ilanga lenziwa mnyama. Lowo mhla waziwa ngokwase balini ngokuti “u-mhla omnyama.” Kwi mpumalanga yom-Ntla-we-Melika, ubumnyama babubukulu ngangokuba kwi-ndawo ezininzi abantu balumeka izibane eminenkulu. Naxa kwase kude kwase-mva kwapakati kobusuku inyanga nakuba yayi seyihlangene ayizanga yakanya.KMW 182.2

    Int’ eninzi yakolwa ukuba sekuyimini yo-mgwebo. Akuzanga kwabako sizatu sanelisayo salo mnyama ungaziwayo esaka sanikwa, ngapandle kweso sase mazwini ka-Kristu. Ukusityekelwa kwe-langa ne-nyanga yayingumqondiso wokufika Kwake.KMW 182.3

    Ngo-November 13, 1833, kwakuko umboniso omkulu ongummangaliso wokuwa kwe-nkwenkwezi kowaka wabonwa luluntu. Nangawo amawaka akolwa okokuba imini yo-mgwebo ifikile.KMW 182.4

    Ukutabatela kwelo, xesha inyikima-mhlaba, inqwitelo, ugugumo lwamaza, indyikitya, ne-ndlala, imbubhiso zemililo no-nogumbe, zaba nokwanda. Zonke ezi, kwa-“nokuxinezeleka kwe-ntlanga, zitingaza,” zixela ukuba ukufika kwe-Nkosi kusondele.KMW 182.5

    Ngokusingisele kwabo bayibonayo lemiqondiso Uti, “Esi sizukulwana asisokudlula, zingadanga zonke ezi zinto zizaliseke. Liya kudlula izulu no-mhlaba, ke wona amazwi Am akasayi kudlula.” Mateyu 24: 34, 35.KMW 183.1

    ” I-Nkosi-Siqu (Ngokwayo) iyakuhla ezulwini inendanduluko, ine-lizwi le-sipata-zitunywa, inexilongo lika-Tixo; baze abafele ku-Kristu bavuke kuqala: sandule tina babudlayo ubomi basaseleyo, sixwilelwe emafini, kwakunye nabo, siye kuyikaulela i-Nkosi esibhakabhakeni; size ngokunjalo sihlale sihleli sindawo-nye neNkosi. Ngoko-ke tutuzelanani ngala mazwi.” 1 Tesalonika 4: 16-18.KMW 183.2

    U-Kristu uyeza, uza ngamafu no-buqaqauli obukulu. I-ndimbane ye ngelosi ezikazimlayo iya kumpahla. Uya kuza kuvusa abafileyo, aguqule abangcwele abapilileyo bese buqaqaulini besiya ebuqaqaulini.KMW 183.3

    Uya kuza kuzukisa abo bamtandayo bayigcinayo imiteto Yake, aze abatabatele Kuye ngokwake. Akabalibalanga kwa na-madinga Ake.KMW 183.4

    Kuya kubuye kuqhagamshelwe lawo mak’onco omxokelelwane wezindlu. Xa sikangele pezu kwabetu abafi, singa cinga ngomso lowo xa ixilongo lika Tixo liya kuhlokoma, xa “abafi beya kuvuswa bengenakonakala, saye siya kuguqulwa.” 1 Korinte 15: 52.KMW 183.5

    “Elo xesha lisondele. Kusaya kuba lixeshana, saye siya kuyibona i-Kumkani ebuhleni Bayo. Kusaya kuba lixeshana, aze Asimise singena sipako pambi ko-buqaqauli Bake sigcoba ngokuncamisileyo.” Juda 24.KMW 183.6

    Ngoko-ke xa Wanika imiqondiso yokufika Kwake Wati, “Kekaloku zakubon’ ukuba ezizinto ziyaqala ukuhla, sukani nizipakamise intloko zenu; ngenxa yokuba iyasondela inkululeko yenu.” Luka 21:28.KMW 183.7

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents