Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    ISAHLUKO 5—U-MNTWANA U-BOMI BUKA-YESU

    U-YESU ebuntwaneni Bake wahlala kumzana opakati kwe-ntaba. Waye ngu-Nyana ka-Tixo, waye ngatabata nayipina indawo apa emhlabeni ukwenza ikaya-Lake. Ngawayengenise uzuko nakuyipina indawo. Kodwa akazanga waya ku-makaya ezityebi naku-mabotwe okumkani. Wenyula ukuhlala pakati kwamahlwempu ase-Nazareth. U-Yesu unga amahlwempu angazi ukuba uyaziqonda izilingo zawo. Uzitwele zonke inzima amelwe kukuzitwala. Enokuvelana nawo kwa nokuba awasize.KMW 27.1

    Ngeminyaka yokuvela kuka-Yesu i-Baibile iti, “Wakula umntwana waya esomelela emoyeni, wazaliswa bubulumko; nalubabalo luka-Tixo.” “Waye u-Yesu ehambela pambili ebulumkweni, nasebukulwini, nasekutandweni ngu-Tixo nangabantu.” Luka 2: 40, 52.KMW 27.2

    Ingqondo Yake yayityilekile ipapile. Waye qonda msinya ebonakalisa isitelekelelo nengqondo engapezu kobudala Bake. Kodwa isimo Sake sasimsulwa sibuntwanara, waye ekula engqondweni nase-mzimbeni ngokufana nabantwana bonke.KMW 27.3

    Kodwa u-Yesu waye ngafani ngezinto zonke nabanye abantwana. Izandla Zake ezibuntumekelelo zazisoloko zilungele ukukonza abanye. Waye no-monde ezele yinyaniso. Waye qine njenge dwala ukumela okute tye. Waye ngazanga wawa pantsi ekutantamiseni nase bubeleni ngakubantu bonke. Kwi kaya Lake, napina apo ebenokuba kona, Wayenje ngomta we langa okanyayo. Waye bacingela enobubele kwasebekulile beswele, Waye notando nakwizilo ezingatetiyo. Wayenonelele nentakana esebuhlungwini, nayo yonke into epilileyo yayi vuya bubuko Bake.KMW 27.4

    Kwimihla ka-Kristu ama-Juda ayeyinonelele kakulu imfundo yabantwana bawo. Izikolo zabo zazidibene nezindlu ze-sikungu, okanye indawo zokuqubuda, otitshala babesakubizwa rabi, amadoda abecingelwa fundileyo.KMW 28.1

    U-Yesu akazanga waya kwezo zikolo Yena, ngokuba zazi sakufundisa into eninzi eyayi ngenene. Endaweni ye-lizwi lika-Tixo, kwaku pengululwa inteto zabantu, zaye-ke ezi nteto zazikolisa ukupambana noko kwakufundiswa ngu-Tixo ngaba-profeti.KMW 28.2

    U-Tixo Ngokwake ngo-Moya Oyingcwele Wake wamfundisa u-Mary ukumqeqesha u-Nyana Wake. UMary wamfundisa u-Yesu ngokwase-Zibalweni Ezingcwele, waza wafunda ukulesa nokuzipengulula Ngokwake.KMW 28.3

    U-Yesu waye tanda ukuqwalasela izinto ezingu mmangaliso awazenzayo u-Tixo, ezise mhlabeni nezise-zulwini. Kuyo le-ncwadi ye-mvelo wabona imiti nezityalo nezilo ne-langa ne-nkwenkwezi.KMW 28.4

    Imihla-le waye ziqwalasela, emana efunda izifundo kuzo, nokokuze ayiqonde indlela yezinto.KMW 28.5

    Izitunywa ezingcwele zazi Naye, zimnceda xa efunda ngo-Tixo kwezi zinto. Ngako, ekukuleni nasekomeleleni, Wakula nase kwazini nase bulumkweni.KMW 28.6

    Wonke umntwana angarweba ukwazi kwanje ngoYesu. Singe silicitela ixesha letu ekufundeni kupela ngezo zinto ziyinene. Ubuxoki ne-ntsomi azisokusinceda.KMW 29.1

    Yinyaniso kupela into enexabiso, yona ke sinokuyifunda e-Lizwini lika-Tixo nase-misebenzini Yake. Xa siziqwalasela ezizinto izitunywa zezulu ziya kusinceda ukuba siziqonde.KMW 29.2

    Siya kububona ubulumko nobulungisa bo-Bawo wetu osezulweni. Ingqiqo zetu ziya kuzinyaswa, intliziyo zetu zenziwe nyulu, saye siya kufana ngakumbi no Kristu.KMW 29.3

    Yonke iminyaka u-Joseph no-Mary baya e-Jerusalem emtendelekweni we pasika. Xa u-Yesu waye lishumi elinambini iminyaka ubudala, bahamba Naye.KMW 29.4

    Yayiluhambo olutandekayo olu. Abantu babesakuhamba nge-nyawo, nokuba bakwela inkabi, kwa namaesile, lwalu batabata intsuku eziliqela-ke. Umgama wokusuka e-Nazareth usiya e-Jerusalem umayela nemaile ezimashumi asixenxe.KMW 29.5

    Ukusuka kuzo zonke iziqingata zelizwe elo de kube nakwamanye amazwe, abantu babesakuya kulo-mtendeleko, bati-ke abesiqingata esitile bahambe ndawonye besisiqu esikulu.KMW 29.6

    Umtendeleko lowo ubusakuba kufupi nokupela kuka March okanye ekuqalekeni kuka April. Eli-ke lixeshalase-kwindla paya e-Palestine, laye ilizwe lonke limhlope zintyantyambo, litsholoza ingoma yentaka.KMW 29.7

    Eluhambeni olo, abazali babe sakubalisela intsapo zabo ngezinto ezi-ngummangaliso ezenzelwa ama-Siraeli ngu-Tixo kwizizukulwana ezidlulileyo. Babe sakuvuma ngakunye inxenye yemihobe ka-David.KMW 29.8

    Nge mihla ka-Kristu abantu basebepolile sebequba isiko-nje inkonzo yabo ku-Tixo. Babe xabise kakulu okwabo ukulungelwa kunoko Yena ebebalungele.KMW 30.1

    Kodwa u-Yesu yena waye ngenialo. Waye kutanda ukucinga ngo-Tixo. Xa wezayo etempileni, Wabondela ababingeleli no-msebenzi wabo. Waqubuda kunye nabaqubudi ekuguqeni betandaza, ne-lizwi Lake latelela ingoma ze-ndumiso.KMW 30.2

    Imiso yonke nokuhlwa konke imvana ibi sakubingwa pezu kwe-sibingelelo. Lento-ke ibi sakufuzisela ukufa ko-Msindisi. Njengoko lo-mntwana u-Yesu ebe sakondela kweli dini elingenatyala, u-Moya Oyingcwele ubusakumfundisa intsingiselo yalo. Waye sazi ukuba Yena Ngokwake, njenge Mvana ka-Tixo, uyakufela izono zabantu.KMW 30.3

    Ekwingcamango ezilolohlobo, u-Yesu ubedla ngokuba yedwa. Ngako-ke akahlalanga nabazali Bake etempileni, ekwati-ke xa bagodukayo akahamba nabo.KMW 30.4

    Kwi-gumbi elaliqagamshelene ne-tempile leyo kwakuko sikolo esasifundiswa ngo-rabi, kwaza-ke exesheni umntwana u-Yesu weza kuleyo ndawo. Wahlala kunye nezinye intwana ezinyaweni zotitshala abakulu, waye pulapula amazwi azo.KMW 30.5

    Ama-Juda ayene ngcinga ezininzi ngaye u-Mesiya. U-Yesu wayeyazi lento, kodwa akazanga wazipikisa ezomfundi. Njengo wayetanda ukufundiswa, wabuza imibuzo ngezo zinto babebale ngazo abaprofeti.KMW 30.6

    Esamashumi omahlanu anantatu isahluko kwekaYesaya kutetwa ngokufa ko-Msindisi, no-Yesu wasifunda esi sahluko, ebuza nentsingisela yaso.KMW 30.7

    O-rabi babe ngena mpendulo. Baqala bambuza uYesu, baye bemangaliswa lulwazi-Lwake nge-Zibalo.KMW 31.1

    Baqonda ukuba Uyayazi i-Baibile ngokungapezulu kakulu kunabo. Baqonda ukuba eyabo imfundiso ibibucala, kodwa babe ngavumi ukwamkela eyiyenye into.KMW 31.2

    Kanti u-Yesu yena waye tobekile enobulali ngangokuba bangabi nakumqumbela Yena. Babe tanda ukumgcina abe ngu-mfundi, bamfundise ukucaza i-Baibile njengabo.KMW 31.3

    Xa u-Joseph no-Mary banduluka e-Jerusalem ukusinga ekaya, abaqondanga ukuba u-Yesu usele. Bacinga ukuba upakati kwezihlobo emkokeni lowo.KMW 31.4

    Kodwa kwi ndawo abalalisa kuyo, bamlambata lowo mncedi wabo. Bamfuna emkokeni lowo, akabiko.KMW 31.5

    U-Joseph no-Mary boyika kunene. Bakumbula ukuzungula kuka Herode ukuba ambulale u-Yesu kwase-busaneni Bake, babe soyika ukuti kungaba kuko monakalo umhleleyo.KMW 31.6

    Bebuhlungu nge ntliziyo bakauleza ukubuyela e-Jerusalem; kodwa baya kumfumana kolwesitatu usuku.KMW 31.7

    Lwaba lukulu uvuyo lwabo bakuba bebuye bambona, ke-yena u-Mary wacinga ukuba Uyasoleka ngokwahlukana nabo. Wati: “Mntwanam, yinina ukuba usenze nje? uyabona, u-yihlo nam sibe sikufuna sibuhlungu kakulu.”KMW 31.8

    “Wati uYesu kubo; Benindifunela ntonina? beningazi-na ukuba Ndimelwe kukuba Ndibe semcibini kaBawo.” Luke 2: 48, 49.KMW 31.9

    Xa Wayeteta lamazwi, u-Yesu walata pezulu. Ebusweni Bake kwakuko ukukanya okwaba mangalisayo. U-Yesu waye sazi ukuba ungu-Nyana ka-Tixo, Waye senza lowo msebenzi awaye mtumelele wona u-Yise ehlabatini.KMW 31.10

    U-Mary akazanga wawalibala lamazwi. Kwiminyaka eyalandelayo, wayiqonda ngokona kukuko intsi ngiselo yawo engu mmangaliso.KMW 32.1

    O-Joseph no-Mary babemtanda u-Yesu, ukanti bamlibalela ukude alahleke nje. Babe libele lowo msebenzi kanye u-Tixo waye banike wona. Ngolibalelo lomhla omnye balahlekana no-Yesu.KMW 32.2

    Kwa ngayo le ndlela nanamhla baninzi abalahlekana no-Msindisi kuwo umxukuxela wabo. Xa singakutandi ukucinga Ngaye, nokuba sitandaze Kuye: xa siteta ngokungakatali, singa tantamisi, nokuba siteta amazwi amabi, siya zahlula ku-Kristu. Ngapandle Kwake singamalolo alusizi.KMW 32.3

    Kodwa ukuba sibunqwenela ngenene ubuko Bake, Uyakuba kusoloko enati. Nabo bonke ababu nanzileyo ubuko Bake, u-Msindisi uyatanda ukuhlala nabo. Usuke anandipise nelona lipantsi ikaya, avuyise noyena untliziyo idakumbileyo.KMW 32.4

    Nakuba Waye zazi ukuba ungu-Nyana ka-Tixo, uYesu wagodukela e-Nazareth eno-Joseph no-Mary. Wada waba mashumi matatu iminyaka ubudala Waye “balulamele bona.”KMW 32.5

    Yena lowo owaye ngu-Mlauli we-Zulu waye semhlabeni engu nyana okutandeka olulamileyo. Ezo zinto ezinkulu ezazi ziswe engqondweni Yake yinkonzo yase tempileni wazigcina entliziyweni Yake. Walinda kwada kwaba lelika Tixo ixesha lokuba aqale umsebenzi Wake awaye wutunyiwe.KMW 32.6

    U-Yesu wakulela kwi kaya lo mlimi-nje indoda elihlwempu. Ngokutembeka nangokucwayita Awatelela wancedisa ukuxasa ikay’ elo. Wati nje ukuba abe mdala ngokulingeneyo, Wafunda ishishini wasebenza kwi-sakiwosokucwelela no-Joseph.KMW 33.1

    Etsho ngezinxibo ezirwexayo nje ngabasebenzi bonke Wahamba kwezo zitrata zalowo mzana, esiya ebuya ngomsebenzi Wake. Akazanga wasebenzisa amandla obutixo Bake ukuba azenzele lula.KMW 33.2

    Njengoko u-Yesu wasebenza ebuntwaneni de waba yindodana, Waya esomelela emzimbeni nase ngqondweni. Walinga ukusebenzisa onke amandla Ake ngaleyo ndlela yokuze ahlale esempilweni, ngokokuze abe nokwenza owona msebenzi ulungileyo ngazo zonke indlela.KMW 33.3

    Ube sakwenza yonke into abeti ayenze, ayenze kakuhle. Ube sakuzondelela ukugqibelela, nase kupateni impahla ezi zokusebenza. Ngawo umzekelo wake Wasifundisa ukuba simelwe kukukutala, okokuba simelwe kukwenza umsebenzi wetu ngokunyameka nangokucoceka nokuba umsebenzi onjalo uxabisekile. Bonke abantu bamelwe kukuba nento yokwenza eyakuba luncedo kubo ngokwabo nakwabanye.KMW 33.4

    U-Tixo wasinika umsebenzi ngokoku sisikelela, Waye esaneliswa ngabantwana abakucwayiteleyo ukutelela kwimisebenzi yekaya, besebenzisana no-yise no nina. Abantwana abanjalo baya kupuma ekayeni babe yintsikelelo nakwabanye. Ulutsha oluzama ukukolisa u-Tixo kuko konke oluti lukwenze, olwenza okuhle ngokuba kulungile, loba luncedo ehlabatini apa. Ngokutembeka endaweni epantsi luzilungiselela isihlalo esipakamileyo.KMW 33.5

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents