Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    ISAHLUKO 9—UKUQALA KOLUNGISELELO

    UKUSUKA entlango, u-Kristu wabuyela e-Jordan, kuleyo ndawo waye shumayela kuyo u-John umBaptizi. Ngalo elo xesha amadoda awatunywa ngabapati base-Jerusalem ayembuza u-John nge-gunya lake lokufundisa kwa noku-baptiza abantu.KMW 49.1

    Bambuza ukuba unguye-na u-Mesiya okanye u-Elija, nokuba unguye “um-profeti lowo-na,” oko kukuti uMoses. Kuyo yonke lento wapendula, “Andinguye.” Bambuza:KMW 49.2

    “Ungubanina-ke ukuze sibapendule abo basitumileyo.”KMW 49.3

    “Wati, Mna ndililizwi lodandulukayo entlango lisiti, Yityenenezeni indlela ye-Nkosi njengoko watshoyo uYesaya um-profeti.” John 1: 21-23.KMW 49.4

    Endulo xa i-kumkani ibisakunduluka endaweni isinge kwelinye icala lelizwe layo, bekusakukutshwa amadoda andulele inqwelo yayo ukulungisa indlela.KMW 49.5

    Abe sakugaula imiti, akwelelise amatye, adibelele izigingqi, ukuze iti tye indlela ye-kumkani.KMW 49.6

    Ngokunjalo-ke okuya u-Yesu, oyi Kumkani yase zulwini, wezayo, u-John um-Baptizi watunywa ukulungisa indlela ngokushumayeza abantu, ebavuselela ukuba baguquke ezonweni zabo.KMW 49.7

    Akubon- ukuba u-John usabapendula abatunywa abapuma e-Jerusalem, wambona u-Yesu emi pezu kwendonga zomlambo. Ubuso Bake bukanyisiwe, esolula izandla zake, wati:KMW 49.8

    “Kumi pakati kwenu eningamaziyo nina, Yena ngote, esiza emva kwam-nje, wesuka waba pambi kwam, endinga fanelekileyo mna ukuba ndinyobulule umtya wembadada zake.” John 1: 26, 27.KMW 50.1

    Abantu bapongoma kakulu. U-Mesiya waye pakati kwabo! Babekabeka ngokondela ukuba bambone lowo u-John wayeteta ngaye. Koko u-Yesu waye pakati kwe ndimbane, akabi nakubonakala.KMW 50.2

    Ngomhla olandelayo u-John wabuya wambona uYesu, waza, esalata Kuye wadanduluka: “Bonani i-Mvana ka-Tixo, etwala isuse isono se-hlabati!”KMW 50.3

    Waza-ke uJohn wateta ngalowo mqondiso owabonakala elu baptizweni luka Kristu. “Nam ndibonile ndinqhinile, wateta, ukuba lo nguye u-Nyana ka-Tixo.” John 1: 29, 34.KMW 50.4

    Ngoloyiko nokuti manga abapulapuli bamondela uYesu. Babe buzana bodwa, Ingaba nguye lo u-Kristu?KMW 50.5

    Babe bona ukuba lo Yesu wayengena mqondiso wabuhandiba banqhwebo yomhlaba. Ingubo zake zazifana nezo zazisambatwa ngabantu bonke nabanga mahlwempu. Kodwa kobo buso Bake bulututu bumbatshileyo kwakuko-nto eyayizamazamisa intliziyo zabo.KMW 50.6

    Kobo buso balesa ubukakamela (undiliseko) ne-gunya; no-jezulo ngalunye lwe liso yonke immilo yobuso, yayixela imfesane ebutixo notando olunge nambaliso.KMW 50.7

    Kodwa izigidimi ezapuma e-Jerusalem zazinga tsalelekanga ku-Msindisi. U-John akatetanga oko babenga angateta kona. Babelindele ukuba u-Mesiya afike eyi kumkani enkulu. Babona ukuba u-Yesu wayengezelanga lo-msebenzi, baza bedanile bamtshikilela.KMW 50.8

    Ngomhla olandelayo u-John ubuye wambona u-Yesu, wabuya wadanduluka, “Bonani i-Mvana ka-Tixo!” Ababini ku-bafundi baka John babemi kufupi, abati bamlandela u-Yesu. Bapulapula kwi mfundiso Zake, baza baba ngabafundi Bake. Omnye wabo babini waye nguAndrew, omnye engu-John.KMW 51.1

    U-Andrew wezisa kwa-oko u-mzalwana u-Simon, owatiywa ngu-Yesu elokuba Peter. Ngomhla olandelayo, endleleni esinga e-Galilee, u-Kristu wabiza omnye umfundi, u-Philip. Ngako nje ukuba u-Philip afumane u-Msindisi, wezisa umhlobo wake u-Nathanael.KMW 51.2

    Ngayo lendlela umsebenzi omkulu ka-Kristu waqalwa. Ngokulandelelana Wababiza aba bafundi Bake, wati lo wabiza umzalwana wake, omnye umhlobo wake. Lento ifanelwe kukwenziwa ngumlandeli ka-Kristu ngamnye. Ngako kodwa nje ukuba yena ate wamazi uYesu, umelwe kukuxelela abanye ngo-mhlobo oxabisekileyo ate wamfumana. Lo ngu-msebenzi ongenziwa ngabo bonke, nokuba batsha okanye abadala.KMW 51.3

    E-Kana yelase Galilee, u-Kristu, nabafundi Bake, baya esidlweni so-msito. Ngokonwabisa abo babe hlanganiselene kulowo mzi, amandla Ake angummangaliso abonakaliswa.KMW 51.4

    Ibilisiko kwelo lizwe ukusebenzisa i-waine kwi tuba elilelo. Ngapambi kokuba isidlo sipele, yapela i-waine. Ukulambateka kwe waine esidlweni eso bekunokucingelwa ukuba kukuswela-kubuk’ indwendwe, into-ke leyo ibitatwa nje ngehlazo.KMW 51.5

    U-Kristu waxelelwa ngoko kwakuhlile, waza wayalela abakonzi ukuba bazalise imipanda yamatye emitandatu ngamanzi. Waza-ke wati, “Yikani ngoku, nise kwinjoli ye-sidlo.” John 2: 8.KMW 52.1

    Aza amanzi lawo, aguquka aba yi-waine. Leyo waine yayi lunge kakulu kunaleyo ebilungiselelwe ngapambili, yaye yona yafunyanwa ngabo bonke.KMW 52.2

    Emva kwalowo mmangaliso, u-Yesu wemka ngokunga qondakaliyo. Kwada kwaba sekubeni emkile, abamenywa babengazi ngalowo msebenzi waye wenzile.KMW 52.3

    Isipo sika-Kristu kwisidlo emsitweni apo sasingu mfuziselo. Amanzi ayemele ubaptizo, i-waine yayimele igazi Lake, elaliza kupalazwa ngenxa yehlabati.KMW 52.4

    Leyo waine eyenziwa ngu-Yesu yayinge butywala buna mbiliso. Obo tywala buzala ubunxila nento eninzi yobubi, no-Tixo akakuvumele ukusetyenziswa kwabo. Uti, “Ingumgxeki i-waine, singumxokozeli isiselo esinxilisayo; bonke abayotywe yiyo abalumkile.” “Iluma njenge nyoka, ihlaba njengonqinishe.” Imizekeliso 20: 1; 23: 32.KMW 52.5

    Leyo waine yayi setyenziswa kweso sidlo, yayiye nyulu, emnandi incindi ye-diliya. Yayifana naleyo ayibiza u-mprofeti u-Yesaya “i-waine entsha . . . esihlokweni;” waye esiti, “Kuko intsikelelo kuso.” Yesaya 65: 8.KMW 52.6

    Ngokuya esidlweni so-msito, u-Kristu wacacisa ukuba kufanelekile ukuhlangana ngale ndlela enandipekayo.KMW 52.7

    Wayetanda ukubona abantu becwayitile. Waye sakubavelela futi emakayeni abo, azame ukuba bawalibale amaxala nenkatazo zabo, bacinge ngobulungisa no-tando luka-Tixo.KMW 52.8

    Napin’apo Waye sakuba kona, u-Kristu wayesoloko azama ukwenza lento. Napin’apo intliziyo ibivulelwe ukwamkela ilizwi lika-Tixo, Waye sakufundisa inyaniso zendlela yosindiso.KMW 53.1

    Ngomnye umhla, Akubon’ ukuba ucanda kwelase Samaria, Wahlala ngase quleni epumla. Xa kwafika intokazi izokuka amanzi, Wacela ukuba impe Asele.KMW 53.2

    Umfazi lowo wamangaliswa yilonto, ngokuba wayesazi ukuba ama-Juda awatiyile ama-Samaria. Kodwa u-Kristu wmxelela ukuba xa waye ngacela Kuye, Waye ngampa amanzi apilileyo. Wamangaliswa okunye yilento. Waza wati-ke u-Yesu kuye:KMW 53.3

    “Bonke abasela kulamanzi baya kubuya banxanwe; ke yena ote wasela kuwo amanzi, endiya kumpa wona Mna, akasoze anxanwe napakade; aya kusuka amanzi, endiya kumpa wona abe ngumtombo kuye wamanzi ampompozel ebomini obungunapakade.” John 4: 13, 14.KMW 53.4

    La-manzi apilileyo ngu-Moya-Oyingcwele. Njengomhambi onxanelwe ukusela amanzi, sinjalo nati ukunxanelwa u-Moya ka-Tixo ezintliziyweni zetu. Lowo usela kulamanzi akasoze anxanwe.KMW 53.5

    U-Moya Oyingcwele ungenisa utando luka-Tixo ezintliziyweni zetu. Wanelisa ulangazelelo lwetu, ngokokude ubutyebi nembeko kwa neziyolo zelihlabati zingabinako ukusitsala. Waye usihlutisa ngolo vuyo esiti sitande ukuba nabanye balufumane. Wosuka kuti ufane no mtombo wamanzi, ompompozela ukusikelela abanye.KMW 53.6

    Waye wonke ekukoyo u-Moya ka-Tixo ngapakati kwake, eya kuhlala ngonapakade no-Kristu ebukumkanini Bake. Wakuba wamkelelwa entliziyweni ngo-kolo, usisiqalo sobomi obungunapakade.KMW 53.7

    Le ntsikelelo exabisekileyo u-Kristu waxelela umfazi lowo ukuba Waye ngampayo ukuba uyayicela. Ngokunjalo nati Uyakusipa.KMW 54.1

    Lo-mfazi waye yapule imiteto ka-Tixo, waza uKristu wambonisa ukuba uyazazi izono awaye kade ezenza. Koko wambonisa, kwa, nokuba Waye ngu-mhlobo wake, owaye mtanda emsizela, nokuba xa waye nokuzincama izono zake u-Tixo Waye yakumamkela abe ngumntwana Wake.KMW 54.2

    Wavuya kakulu ukuyazi lento! Eluvuyweni lwake wakauleza ukuya emzini owawukufup’apo, waye emema ebiza abantu ukuba bazokubona u-Yesu. Ngoko-ke beza equlen’apo, bamcela ukuba ake ahlale nabo. Wahlala imihla yamibini, ebafundisa, baye abaninzi bapulapulayo emazwini Ake. Baguquka kwizono zabo, baye bekolwa Kuye ukuba ungu Msindisi wabo.KMW 54.3

    Ngexesha lolungiselelo Lwake, u-Yesu izihlandlo ezibini wahambela kwikaya Lake elidala e-Nazareth. Kolokuqala uvelelo waya endlwini-yesikungu ngomhla weSabata.KMW 54.4

    Apo wafunda kwi siprofeto sika-Yesaya esingomsebenzi ka-Mesiya,—oko wayeya kushumayela indaba ezilungileyo ku-mahlwempu, omeleze abanesijwili, ababale imfama ukubona, nokupilisa abo batyunyuziweyo.KMW 54.5

    Waselebaxelela abantu ukuba oko kwaku zalisekisiwe ngawo lowo mhla. Lo yayi ngulowo msebenzi Awaye wenza Yena ngokwake.KMW 54.6

    Kuwo lamazwi abapulapuli bazaliswa luvuyo. Bakolwa okokuba u-Yesu lowo ungu-Msindisi owayedingiwe. Intliziyo zabo zazanyazanyiswa ngu-Moya Oyi- ngcwele, bapendula ngo amen abashushu ne-ndumiso kuyo i-Nkosi.KMW 54.7

    Baza bakunakana ukuhlala kuka Yesu pakati kwabo engu mchweli. Babedla ngokumbona esebenza endaweni yokuchwelela no-Joseph. Nangona ebomini Bake bonke yayi kupela izenzo zotando nemfesane, babe ngavumi ukukolwa ukuba Waye ngulowo Mesiya.KMW 55.1

    Ngezo ngcamango ezilolohlobo bamvulela ituba uSatana ukuba azilaule ingqondo zabo. Baye-ke babezaliswe bubushushu bokumcasa u-Msindisi. Banqangaza bemcasile Yena, baye begqibe ekubeni bambulale.KMW 55.2

    Bamkupa buputuputu, bezindla ukumposela ezantsi esuka emqongeni we ntaba epakamileyo. Kodwa ingelosi ezingcwele zazikufupi ukuba zimkusele. Wadlula engabanga nanto enzeke yona kuleyo ndimbane ayambona.KMW 55.3

    Okokupinda efika e-Nazareth, abantu babe ngasatandi ukumamkela. Wemka, engazanga abuye apindele.KMW 55.4

    U-Kristu wasebenzela abo babefuna ukuncedwa Nguye, nakulo lonke elo lizwe abantu babe sakuxontelana Kuye. Xa Waye bapilisa ebafundisa kwakusakuba luvuyo olukulu. I-zulu lafana ngati lihlile leza emhlabeni, babezondla-ke ngalo ubabalo lo-Msindisi ozi-mfesane.KMW 55.5

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents