Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    ISAHLUKO 4—U-SABELO E-JIPETE

    U-HEROD waye nganyanisile ukuti wayefuna ukuya kuqubuda ku-Yesu. Waye soyika ukuba u-Msindisi uyakukula aze abe ngu-kumkani ampange ubukumkani. Waye tanda ukufumana umntwana lowo ukuze ambulale.KMW 24.1

    Izilumko ezo zazizindla ukuya kumbikela u-Herod. Koko ingelosi ye-Nkosi yabonakala kuzo epupeni, yaziyalela ukuba zigoduke ngenye indlela.KMW 24.2

    “Zite zakubon’ ukuba zimkile -ke zona, naso isitunywa se-Nkosi sibonakala ku-Joseph epupeni, sisiti, vuka umtabate umntwana nonina, usabele e-Jipete, uze ube kona apo ndide ndikuxelele; kuba u-Herod uhlalel’ ukumfuna umntwana-lowo ukuba amtshabalalise.” Mateyu 2: 13.KMW 24.3

    U-Joseph akalindanga okokuba kude kube kusasa; wavuka kwa oko, waza eno-Mary no-mntwana, banduluka ngobusuku batabata olohambo lude.KMW 24.4

    Izilumko zambabala amabaso exabiso u-Yesu, yaza lonto u-Tixo walungiselela indleko yendlela leyo kwa nokuhlala kwabo e-Jipete, de babuyele ezweni labo.KMW 24.5

    U-Herod waqumba kakulu akuqonda ukuba izilumko zihambe ngenye indlela. Wayeyazi into eyatetwa nguTixo ngom-profeti Wake ngokufika kuka-Kristu.KMW 24.6

    Waye sazi nokutunyelwa kwe-nkwenkwezi ukukokela izilumko ezo. Ukanti wayesagqibe ekubulaleni u- Yesu. Emsindweni wake wakupa amasoldati okubulala “bonke abantwana e-Beteleham, . . . ukutabatela kwaba minyaka mibini ehlise.”KMW 24.7

    Ukunga qeleki kwento yokulwa umntu no-Tixo! Mayibe yaba sisibonakalo esibi ngalupi uhlobo oku kubulawa kwe-ntsana ezingenatyala! U-Herod-lo ngapambili wayenze izinto ezininzi ezimbi; kodwa eso similo senkohlakalo sake sasiza kupela msinya. Wafa ukufa okubi.KMW 25.1

    U-Joseph no-Mary bahlala e-Jipete de wafa u-Herod. Yaza-ke i-ngelose yabonakala ku-Joseph, yati, “Vuka utabate umntwana no-nina, uye ezweni lakwa-Siraeli, kuba bafile abo babezonda ubom bomntwana.” Mateyu 2: 16, 20.KMW 25.2

    U-Joseph wayeba uyakuba ngummi e-Betelehem, apo u-Yesu wayezalelwe kona; koko ute xa asondela e-Judea, weva ukuba u-nyana ka-Herod ulaula endaweni ka-Yise.KMW 25.3

    Lento yamenza u-Joseph woyika ukuya kona, waza akayazi into amakayenze; ngoko ke u-Tixo watumela isitunywa sezulu ukuba simyalele. Ngokululamela iziyalelo ze-situnywa sezulu, u-Joseph wabuyela kwikaya lake e-Nazareth.KMW 25.4

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents