Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    ISAHLUKO 26—“U-VUKILE”

    KWENZIWA unonelelo olukulu lokulindwa kwenchwaba lo-Msindisi, no-mnyango wavalwa ngelitye elikulu. Ngapezu kweli litye kwakutywinwe nge-tywina le-Roma ngendlela apa elalinge shukunyiswe ilitye lingaqaqeki elo tywina.KMW 160.1

    Lali ngqongwe ngama-soidati e-Roma inchwaba elo. Aye melwe kukulinda ngqongqo, ukuze umzimba kaYesu ungatatwa. Inxenye kuwo yayi hambahamba pambi kwe nchwaba, akubon’ ukuba amanye apumle ngase nchwabeni apo kufupi.KMW 160.2

    Kodwa kwakuko abanye abalindi ngase nchwabeni apo. I-ngelosi ezomeleleyo ezapuma ezulwini zazilapo. Nayipina yeligqiza le-ngelosi, ukuba yayi ngasebenzisa amandla ayo, yayi ngawuti qwaka wonke lowo mkosi we-Roma.KMW 160.3

    Obo busuku bandulela umso wosuku lokuqala lweveki badlula bulibaleka, nelona lixa lobona bumnyama elipambi kokuti qipu ukusa, lafika.KMW 160.4

    Enye yezona zinamandla i-ngelosi yakutshwa ezulwini. Ubuso bayo babufana no-mbane, ingubo zayo zimhlope njenge kepu. Yabuti gqipu ubumnyama endleleni yayo, nalo lonke izulu lakanyiselwa bubuqaqauli bayo.KMW 160.5

    Ama-soldati awayelele avuka, esuka ema ngenyawo. Ngoloyiko nokuti-nqa ondela kuwo amazulu avulekileyo, nakuwo umbono we-nkazimlo owawusondela kubo.KMW 160.6

    Umhlaba wadidizela wafukuka sakubon’ ukuba eso siqu esinamandla esivela kwelinye ilizwe siyasondela. Sasisiza sipete umcimbi wo-vuyo, waza umkaulezo namandla okupapa kwaso wazamazamisa umhlaba ngokwenyikima-mhlaba enkulu. Ama-soldati, abapati, nabalindi bawa emhlabeni ngokwa bafileyo.KMW 162.1

    Kwaku kwako nelinye igqiza labalindi apo ngasenchwabeni lo-Msindisi. Ingelosi ezinobubi zazilapo Ngokuba u-Nyana ka-Tixo waye lele ekufeni, u-mzimba Wake wawu sewubangwa ngokwexoba lalowo unamandla okufa,—u-mtyoli-lo.KMW 162.2

    Ingelosi zika Satana zazilapo zilinde ukuze kungabiko gunya limtabatayo u-Yesu kolo-xakamfulo Iwazo. Kodwa njengoko isiqu esibungangamsha esakutshwa sipuma e-troneni ka-Tixo sasondelayo, zasaba ngomotuko kweso sibonakalo.KMW 162.3

    Ingelosi leyo yalibamba elo litye elikulu elalivale umlomo we-nchwaba, yaliqengqa yalisusa, ngokungati yingqalutye nje. Yaza nge-ntlokoma eyabangela ukuba u-mhlaba udidizele, yadanduluka:KMW 162.4

    “Yesu, Wena Nyana ka-Tixo, puma, U-Yihlo uyakubiza!”KMW 162.5

    Suka-ke Yena lowo wayezuze igunya pezu kokufa ne nchwaba wapuma enchwabeni. Ngapezu kwelo nchwaba elirazukileyo Wavakalisa, “Mna Ndiluvuko kwa nobomi.” Nawo u-mkosi we-ngelosi wati-guqaqa pantsi ngokuqubuda pambi ko-Mkululi, wambungezelela ngengoma ze-ndumiso.KMW 162.6

    U-Yesu wapuma ngo-nyalaso lo-meyisi. Pambi Kwake umhlaba watendeleka, u-mbane wabengezela, nendudumo zazongoma.KMW 163.1

    I-nyikima-mhlaba yayibalulekisa i-Yure leyo u-Kristu wabeka pantsi ubomi Bake. I-nyikimamhlaba yabuya yanqhina xa wabutabatayo ngolo-Yiso.KMW 163.2

    U-Satana waqumba kakulu kukusuke ingelosi zake zisabe ngokusondela kwe-situnywa se-zulu. Wayebe nobugasa bokutemba ukuba u-Kristu akasokuba nako ukubuye abutabate ubomi Bake, kwa nokuba icebo le-nkululo liya kuwa. Kodwa njengoko wabona u-Msindisi epuma enchwabeni enoloyiso, lonke itemba lawa.KMW 163.3

    U-Satana kaloku waqonda ukuba ubukumkani bake bupelile, nokuba umelwe ukugqibela ngokutshatyalaliswa.KMW 163.4

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents