Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    ISAHLUKO 21—PAMBI KUKA HEROD

    U-HEROD waye ngazanga wambona u-Yesu, kodwa kwakukade elangazelela ukumbona, nokuba abone lamandla angummangaliso Ake. Akubon’ ukuba u-Msindisi umiswe pambi kwake, imbutumbutu yaguguma yanyatelana, abanye benqangaza lento abanye leya. U-Herod wayalela ukuba kuzolwe, ngokuba waye nqwenela ukumbuza u-mbanjwa lowo.KMW 134.1

    Wondela ngokokuti nqa kobo buso bulututu buka Kristu. Wabona kubo impau zobulumko obunzulu kwa nobunyulu. Waneliswa, kwanje ngo-Pilate, wabona ukuba lulunya no-mona kupela okubange ukuba ama-Juda ammangalele u-Msindisi.KMW 134.2

    U-Herod wamquba u-Kristu ukuba enze ummangaliso pambi kwake. Wamdinga ukuba womkulula ukuba uwenzile. Ngokumisela kwake, iziqwala ne-zilima zangeniswa, waza wawisela u-Yesu umteto wokuba azipilise. Kodwa uMsindisi wema pambi ko-Herod nje ngongakanga wabona weva.KMW 134.3

    U-Nyana ka-Tixo waye tabatele pezu kwake imvelo yomntu. Wamelwa kukwenza njengoko amelwe kukwenza umntu kwizimeko ezifanayo. Ngako-ke waye ngesebenze mmangaliso wokuba kubukelwe nje, okanye ukuzisindisa kwintlungu nakwi ntobeko amelwe kupumela kuyo umntu xa ekwa kwisihlalo esilolohlobo.KMW 134.4

    Abamangaleli Bake botuka xa u-Herod wabiza ummangaliso ku-Kristu. Babesoyika isibonelo samandla obungcwele Bake ngapezu kwazo zonke izinto. Imbonakaliso elolohlobo yayiyakuba yinto ebang’ ukufa kumacebo abo, yayingade mhlaumbi itate nobomi babo.KMW 135.1

    Ngoko-ke bapakamisa unqangazo lokuba u-Yesu imimangaliso uyisebenza ngamandla awanikwa ngu Belezabube u-mpati wama-demoni.KMW 135.2

    Iminyaka eliqela ngapambi koku, u-Herod wayeve imfundiso zika John um-Baptizi. Waye hlabeke kakulu zizo, kodwa waye ngazilahlanga indlela zokuswela-ubuchatu nezono. Ngoko-ke intliziyo yake yaya iba lukuni, waza wagqiba ngokuti emtayini womnxilo wawisa umteto wokuba u-John abulawe ukuvuyisa isikohlakalikazi u-Herodiya.KMW 135.3

    Kungoku waye selehambele pambili ukuba lukuni. Waye ngapiliswa kukuzola kuka Yesu. Ubuso bake baguquka mnyama bushushu waselesuka ngengqumbo emsongela u-Msindisi, owaye sasoloko engashukumi ete cwaka. U-Kristu weza ehlabatini ukuza kubopa abantliziyo zapukileyo. Ukuba wayengati atete ilizwi lokupilisa utyabuko kumpefumlo ogula sisono, ngawayengazanga wati cwaka. Kodwa waye ngenamazwi awaye ngawabo ababeya kusuke bayinyatele inyaniso pantsi kwe nyawo zabo ezingengcwele.KMW 135.4

    U-Msindisi Ngawatetayo ku-Herod awayeya kuzihlaba indlebe zaleyo kumkani eqaqadekileyo. Ngawaye mkwanqisile ngoloyiko nokututumela ngokubeka pambi kwake ureqo oluzalisekileyo lwesimilo sake, nokoyikeka kwesigwebo sake esasesi sondele. Kodwa ukuti- cwaka kuka Kristu kwaba sisohlwayo esaba buhlungu ngokona kukulu kuye.KMW 135.5

    Leyo ndlebe eyayisoloko yavulelwa ukuva isikalo sobunzima boluntu, yayi ngena ndawo yomyalelo kaHerod. Leyo ntliziyo eyahiala icukumiseka zibongozo nezoyena moni ugqitileyo, yayi valiwe ngakuleyo kumkani ekuqanqalaza eyayi ngaziva kwakumswela u-Msindisi.KMW 136.1

    Ngobushushu u-Herod waguqukela kwi-ndimbane, emnyelisa u-Yesu ngokwe bedengu. Kodwa abamangaleli baka-Yesu babemazi ukuba akamkohlisi. Babe bone gqita ubuninzi bemisebenzi Yake yamandla babe ngekolwe leli tyala awayebekwa lona. Yaza-ke ikumkani leyo yaqala ukudlala ihlekisa ngokuhlazisayo u-Nyana-kaTixo. “U-Herod-ke kwa nempi yake wamenza into engento, wadlala ngaye, wamti wambu ngengubo eqaqambileyo, wamtumela ku-Pilate.” Luka 23: 11.KMW 136.2

    Ite le-kumkani ikohlakeleyo yakumbona u-Yesu eyamkela yonke le-ncapukiso ngokute cwaka, yangenwa lunkwantyo ngesiqupe ngokuti lo umi pambi kwake waye nge mntu nje kodwa. Wakatazwa yingcamango eti lombanjwa ingabi kanti sisiqu sasezulwini esehle seza emhlabeni.KMW 136.3

    U-Herod akabanga nabugasa bakusiqinisela isigwebo sika-Yesu. Wayenga angazikulula kobu butyala oboyikekayo, waselesuka embuyisela u-Msindisi ku-Pilate.KMW 136.4

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents