Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    ISAHLUKO 11—UKUGCINWA KWE-SABATA

    U-MSINDISI wayigcina i-Sabata, wafundisa abafundi Bake-ke ukuba bayigcine. Wayeyazi indlela yokuyigcina, ngokuba Nguye Ngokwakelo owayenza ngcwele.KMW 65.1

    I-Baibile iti, “Kumbula umhla we-Sabata ukuba uwungcwalise.” “Umhla we-sixenxe uyi-Sabata ka-Yehova u-Tixo wako.” “Ngokuba ngemihla emitandatu u-Yehova wenza izulu no-mhlaba no lwandle, nazo zonke izinto ezikwezo zinto, wapumla ngomhla wesixenxe; ngenxa yoko u-Yehova wawusikelela umhla weSabata wawungcwalisa.” Eksodus 20:8, 10, 11; 31: 16, 17.KMW 65.2

    U-Kristu waye sebenza no-Yise ekudaleni ihlabati eli, Wayenza-ke i-Sabata le. I-Baibile iti, “Zonk’ izinto zabako Ngaye.” John 1: 3.KMW 65.3

    Xa sikangela ilanga inkwenkwezi, imiti kwanentyatyambo ezintle, masikumbule ukuba zonke zenziwa nguKristu. Ke, Wenza ne-Sabata ukuba isikumbuze utando namandla Ake.KMW 65.4

    Abefundisi bama-Juda babenze imigaqo emininzi ezindlela zokugcinwa kwe-Sabata, aye lindele ukubona wonk’ ubani ehamba ngaleyo migaqo yawo. Ngako-ke amlalela u-Msindisi, ukuba Waye zakwenza ntonina Yena.KMW 65.5

    Ngenye i-Sabata akubon’ ukuba u-Yesu nabafundi Bake bapuma endlwini-yesikungu begoduka, becanda entsimini yenqholowa. Kwase kuhlwile, baye abafundi belambile. Suka-ke baman’ ukuqaula izikwebu zenqholowa bezihlikihlela ezandleni zabo besidla inkozo.KMW 65.6

    Nangawupina ongomnye umhla, umntu edlula ecanda kwintsimi okanye umyezo ubenelungelo ukuka oko akukanukayo atye. Kodwa kwaku ngavumelekile ngeSabata. Intshaba zika-Kristu zakubona okwaku senziwa ngabafundi, zeza zati ku-Msindisi:KMW 66.1

    “Yabona abafundi Bako benza oko kunga vumelekileyo ukwenziwa nge-Sabata.” Mateyu 12: 2.KMW 66.2

    Kodwa u-Kristu wabatetelela abalandeli Bake. Wabakumbuza ngo-Davide abamangaleli abo Bake, yena, wati akulamba, wazidla izonka ezingcwele zomnquba, wapa nabalandeli bake ababelambile.KMW 66.3

    Ukuba kwakulungile ukuba u-Davide azidle ezo zonka zingcwele xa wayelambile, kwaku ngalungile-na-ke ukuba abafundi xa babelambile baqaule izikwebu zenqholowa ngezo yure ezingcwele ze-Sabata?KMW 66.4

    I-Sabata ayenzelwanga ukuba ibe ngu-mtwalo emntwini. Yayi ngokokulungelwa kwake, ukuba imfumanise uxolo nokupumla. Kungako i-Nkosi yetu yati, “I-Sabata yenziwa ngenxa yomntu, asimntu owabako ngenxa ye-Sabata.” Marko 2: 27.KMW 66.5

    “Kwati-ke, nangenye i-Sabata, Wangena endlwiniye-sikungu, wafundisa; Kwaye kuko apo umntu owome isandla sokunene.” “Baye-ke ababali nabafarisi, bemlalele ukuba wopilisa-na nge-Sabata; ukuze bammangalele.”KMW 66.6

    “Ke-Yena, ubezazi izicamango zabo, wati kulomntu usandla somileyo, Pakama umele pakati. Usukile-ke wema.”KMW 66.7

    “Ute ngoko u-Yesu kubo, Ndiya kunibuza into: Okuvumelekileyo nge-Sabata kukwenza okulungileyo kukwenza okubi, kusinina? kukusindisa ubomi, kukubulala kusinina?”KMW 67.1

    “Akuba ebasingasingile bonke nge-ngqumbo, ebuhlungu ngenx’ enobulukuni bentliziyo zabo, Wati kumntu lowo, Solule isandla sako. Wasolula-ke; sabuya sapilake isandla sake sakwa njengesinye.”KMW 67.2

    “Basuka-ke bazala bugeza babeteta bodwa ukuba bangamenza nto-nina u-Yesu.” Luka 6:6-9, 11; Marko 3: 5.KMW 67.3

    U-Msindisi wakutyila ukungaqondi kwabo ngokubabuza umbuzo. “Wati-ke kubo, Nguwupina-ke kuni aba umntu ongeti, enemvu inye, yaza yona yeyela emhadini nge-Sabata, ayibambe ayirole?”KMW 67.4

    Abazanga babe nokuyipendula lento. Ngoko-ke, Wati, “Ubeke pina-ke umntu ukuyigqita imvu? Ngoko-ke, kuvumelekile ukwenza okulungileyo nge-Sabata.” Mateyu 12: 11, 12.KMW 67.5

    Kuvumelekile; oko kukuti, kungoko-mteto. U-Kristu akazanga wawohlwaya ama-Juda ngokugcina umteto ka-Tixo, nokuba kukubeka i-Sabata. Into awayenzayo, Waba kusoloko wawupakamisayo umteto ngokokugqibelela konke kwawo.KMW 67.6

    U-Yesaya waprofitesha ngaye u-Kristu, “Uya kusikulisa isiyalo Asenze sibe nobungangamsha.” Yesaya 42: 21. Ukukulisa kuteta ukwandisa, ukunyusela kwiwonga elite-tyi.KMW 67.7

    U-Kristu wawukulisa umteto ngokucacisa indawo nganye yawo intsingiselo yawo engummangaliso. Wa- bonisa okokuba umelwe kukululanyelwa, kunge ngazenzo zodwa, ezibonwa ngabantu, koko nakuzo ingcamango zona zaziwa ngu-Tixo yedwa.KMW 67.8

    Kwabo bati Weza kucita umteto, Wati, “Ningabi Ndize kucita umteto nokuba ngabaprofeti; Andizanga kucita ndizokuzalisekisa.” Mateyu 5: 17.KMW 68.1

    Ukuzalisekisa kuteta ukugcina okanye ukwenza. Yakobi 2:8. Kungako xa wezayo ukuba abaptizwe nguJohn um-Baptizi, Wati, “Kuba kusifanele tina ukwenza njalo ukuzalisa bonke ubulungisa.” Mateyu 3: 15. Ukuzalisa umteto kukuwululamela ngoku gqibeleleyo.KMW 68.2

    Umteto ka-Tixo awunakuze uguqulwe; kuba u-Kristu wati, “Koda kudlule izulu no-mhlaba, kungakanga kudlule nalinye icapaza nokuba lisuntswana emtetweni, kude kwenzeke konke.” Mateyu 5: 18.KMW 68.3

    Xa wabekisa umbuzo lo, “Okuvumelekileyo nge-Sabata kukwenza okulungileyo, kukwenza okubi kusinina? kukusidisa ubomi kukubulala kusinina?” U-Kristu wanqhinisisa ukuba wayenako ukuzifunda intliziyo zabaFarisi bona babe mmangalele.KMW 68.4

    Akubon’ ukuba uhlangula ubomi Yena ngokupilisa imilwelwe, babe zama ukutshabalalisa ubomi bona ngoku mbulala. Kwaku lungile ukubulala nge-Sabata, njengoko babe zilungiselela kona, ngapezu kokupilisa abo babe bandezelwe, njengoko wenzayo Yena?KMW 68.5

    Okona kwakulungile kukubulala entiiziyweni ngomhla ongcwele ka-Tixo kunokutanda abantu,—utando olutyilwa ngobubele nangezenzo zenceba?KMW 68.6

    Amaxesha amaninzi ama-Juda emmangalela uKristu ngokwapula i-Sabata. Kwabafuti efuna ukumbulala ngokuba engayigcinanga ngokwezitete zawo. Kodwa lento ayizanga yampazamisa. Wayigcina i-Sabata ngokoko kuka Tixo.KMW 68.7

    Paya e-Jerusalem kwakuko icibi elikulu lamanzi elibizwa Bethesda. Kumaxesha atile eli cibi belidungwadungwa; abantu babekolwa ukuba isitunywa se-Nkosi besisakuhlela kulo, siwadungadunge-ke amanzi, nokuba lowo ubengena kuqala emva kokudungwadungwa kwamanzi, ubepiliswa nakusipina isifo abebanjwe siso.KMW 69.1

    Iziqhu ezikulu zabantu bezisakuza kule ndawo, zitembe ukupiliswa; kodwa inkoliso kuzo ibisakudaniswa. Ekuzanyazanyisweni kwamanzi lawo ibisakuba luxhontelwano, ngokokude into eninzi ingabinako nokusondela enyeleni ye-cibi.KMW 69.2

    Ngenye i-Sabata u-Yesu wafika apo e-Bethesda. Intliziyo yake yazala lusizi xa Wayebona imilwelwe elusizi kona.KMW 69.3

    Enye indoda yabaluleka budwayinge ngokute-tyi kwabanye. Iminyaka emashumi matatu anesibozo yabe isisiqwala esingena kuzinceda. Kungeko gqira waye nokuyipilisa. Amaxesha amaninzi yeziswa apa e-Bethesda; kodwa xa amanzi ate adungwadungwa, kosuka kungene omnye ampangele.KMW 69.4

    Ngayo lo-Sabata yayi buye yenza ilinga lokuya kufikelela kwelo cibi, koko ayipumelelanga. U-Yesu wayibona xa yayikhasa ibuyela elukukweni olwalu ngumandlalo wayo. Amandl̕ayo aye selebupela. Ngapandle kokuba kuvele uncedo msinya yayi melwe kukufa.KMW 69.5

    Yakubon’ ukuba ilolo tywantsi oluman’ ukupakamisa amehlo lukangela kwelo cibi, yabona ubuso obunotando sebutobe pezu kwayo, yeva nelizwi lisiti, “Uyatanda-na ukuba upile?” Le-ndoda yapendula ngosizi olukhulu, “Nkosi andinamntu wokuti, xa ate agxojwagxojwa amanzi, andipose ecibini; kuti-ke ndakubon’ ukuba mna ndiyaya, ndipangelwe ngomnye ukuhla.”KMW 69.6

    Yayi ngazi ukuba Lowo waye secaleni layo wayenako ukupilisa angabi mnye kupela, koko bonke abezayo Kuye. U-Kristu wati kuyo: “Vuka, utabate ukuko lwako uhambe.”KMW 70.1

    Kwa ngoko yalinga ukululamela umyalelo, suka amandla afika kuyo. Yesuka yema ngenyawo zayo yazifumana inako ukuma kwa nokuhamba. Yaba luvuyo olunjani lona! Yawutabata umandlalo wayo yakauleza ukumka, idumisa u-Tixo kwi nyatelo ngalinye, Msinya-ke yahlangana nenxenye yakuba-Farisi yabaxelela ngopiliso olu lungummangaliso. Ababonakalanga bevuya, koko basuka bayohlwaya ngokupata ukuko lwayo ngomhla oyi-Sabata. Indoda leyo yabaxelela, “Lowo ondipilisileyo nguye ote kum, Tabata ukuko lwako uhambe.” John 5: 1-11.KMW 70.2

    Ngoko-ke ababanga sayijalela yona, koko basola lowo wayeyi yalele ukutwala ukuko lwayo ngomhla oyiSabata.KMW 70.3

    E-Jerusalem apo u-Msindisi-lo waye kona ngokoku, kwakuhlala into eninzi yo-rabi abafundileyo. Kulap’ apo inkolo ebuxoki yabo ngokwe-Sabata yayifundiswa abantu kona. Izihlwele ezikulu bezisakuza kuqubuda etempileni, baze-ke o-rabi beneke imfundiso zabo kuse kude nabanzi. U-Kristu wayetanda ukuzibeka ngendlela ezi-mpazamo. Yiyo lento eyenza ukuba ayipilise le-ndoda nge-Sabata, eyiyalela ukutwala umandlalo wayo. Waye sazi ukuba esi senzo siya kuzintsala ingqiqo zo-rabi, aze ngako afumane ituba lokubafundisa. Kwa- ye ba yilonto-ke kanye. Aba-Farisi bamzisa u-Kristu lowo pambi kwe-Bhunga-elikulu-lama-Juda, emangalelwa ngokwapula i-Sabata.KMW 70.4

    U-Msindisi waxela ukuba isenzo Sake eso siyavunyelwa ngu-mteto we-Sabata. Sasivumelana ne-ntando kwano-msebenzi ka-Tixo. “U-Bawo uyasebenza kude kube ngoku,” Watsho, “Nam ndiya sebenza.” John 5: 17.KMW 71.1

    U-Tixo usebenza ngokungayeki-pi exasa zonke izinto ezipilileyo-nje. Lowo msebenzi Wake wawuza kuma-na ngomhla we-Sabata? U-Tixo uza kulinqumamisa-ha ilanga ukwenza umsebenzi walo nge-Sabata? Uza kunqumamisa imita yalo ekufudumaliseni umhlaba nokukulisa uhlaza?KMW 71.2

    Yonqumama-na imilanjana ukunyakamisa amapandle kwana-maza olwandle okuzolisa-na okokuva-kolwandle nokuguguma kwalo? Yona inqholowa no-mbona zoyeka-na ukukula, imiti nentyantyambo yosuka ingavezi midumba okanye intyantyambo-na nge-Sabata?KMW 71.3

    Ngalo-ndlela umntu ubenga lambata iziqamo zomhlaba, kwanazo intsikelelo ezimise ubomi bake. Imvelo imelwe kukuhambisa umsebenzi wayo, kungenjalo uluntu lunga buba. Ngokunjalo nomntu uno msebenzi amakawenze ngalo-mhla. Imfanelo zokudliwa-kobomi zifuna ukulungiselelwa, imilwelwe ifun’ ukongiwa, intswelo zabakulambata zilanyulelwe. U-Tixo akangi izidalwa Zake zingase ntlungwini nangokwe yure enye xa kuko ukuba zikululwe nge-Sabata nokuba kungawupina omnye umhla.KMW 71.4

    Umsebenzi we-Zulu awuzanga wanqumama, nati masinga kupumleli ukwenza okulungileyo. Ngo ngowetu umsebenzi osinqanda umteto ukuba siwenze ngomhla wokupumla we-Nkosi. Umsebenzi wokuxas’ impilo mawunqumame; akuko msebenzi olilungelo lehlabati nongenelo ovumelekileyo ngalowomhla. Kodwa i-Sabatale ayi zukucitelwa ebuvileni. Njengo-Tixo owanqumamayo emsebenzini Wake wokudala, wapumla nge-Sabata„ nati ngokunjalo masipumle. Usiyalela ukubekela bucala imisebenzi yetu yemihla ngemihla, sinikele ezo yure zingcwele kupumlo olune mpilo, lokuqubuda, kwane zenzo ezingcwele.KMW 71.5

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents