Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    ISAHLUKO 22—EGWETYWA NGU-PILATE

    EKUBUYENI kwama-Juda evela ku-Herod, ezisa kwakona u-Msindisi ku-Pilate, weva kakubi kunene, wabuza okokuba bafuna ukuba makenze ntonina. Wabakumbuza ngokoko waye mvavanyile u-Yesu, waza akafumana tyala kuye. Wabaxelela ukuba babezise amatyala okummangalela, kodwa ababanga nakumisa bunqhina nobelinye ityla.KMW 138.1

    Nangapezu, koko, babemse ku-Herod, engum-Juda yena, kwanje ngabo, naye akukonto elingenwe kukufa ayifumene Kuye. Kodwa ngokutomalalisa abamangali abo, wati:KMW 138.2

    “Ndoti ke-ngoko ndakumbeta ndimkulule.” Luka 23: 16.KMW 138.3

    Kulento u-Pilate watyila ubutataka bake. Wayesazi ukuba u-Kristu lowo umsulwa; ke nganina ukuba amohlwaye nje? Yayi kukulungiselelana (ukuyekelelana) nokungendawo. Bayi qwantisa iruluneli ye-Roma, bazake ngoku balinyanzela ilungelo labo bada basifumana isigwebo sika-Yesu.KMW 138.4

    Indimbane yaxokozela ngakumbi ifuna ukubulala umbanjwa lowo.KMW 138.5

    Akubon’ ukuba u-Pilate usatingaza ngokwento amakayenze, kweziswa kuye ncwadi eyayivela ku mfazi wake eyayisiti:KMW 138.6

    “Uz’ ungabi nakutini kulomntu ulilungisa; kuba na- mhla-nje ndive izinto ezininzi ezinzima epupeni ngenxa yake.” Mateyu 27: 19. KMW 138.7

    U-Pilate waguquka waba lututu ngenx’enesi sigidimi; kodwa indimbane yangxam’ okunye njengoko babebona ukuba unokutingaza.KMW 139.1

    U-Pilate wabona ukuba makubeko nto yenziwayo. Yayilisiko ngomtendeleko we-Pasika ukukulula umbanjwa abemnye, lowo ubesakunyulwa ngabantu. Amasoldati ase-Roma ayesand’ukubamba isihange esibalulekileyo, u-Barabbas igama. Waye yint’ engento yesigelekeqe engu-mbulali. Ngoko-ke u-Pilate waguqukela endimbaneni, waye siti ngokunyameka:KMW 139.2

    “Nitanda ukuba ndinikululele wupina? u-Barabbas, u-Yesu ekutiwa ngu-Kristu, kusinina?” Mateyu 27: 17.KMW 139.3

    Bapendula, “Msuse lo, mntu, usikululele u-Barabbas.” Luka 23: 18.KMW 139.4

    U-Pilate waba simumu kukumangaliswa kwa nokudana. Ngokunikela umgwebo wake abenele kubo abantu, walahlekelwa bubukulu bake nokuba nolaulo endimbaneni. Emva koko waselesuka eba yinto yokusebenza-nje yaleyo ndimbane. Bamjinga-jingisa ngokutanda kwabo. Wabuza-ke, ngoko:KMW 139.5

    “Ndimenze-nina-ke u-Yesu ekutiwa ngu-Kristu?”KMW 139.6

    Bati kuye bonke, “Makabetelwe emnqamlezweni.”KMW 139.7

    “Yati-ke i-ruluneli, Kuba, enze bubi bunina?”KMW 139.8

    “Kwaba kukona-ke bancamisayo ukunqangaza, besiti, Makabetelwe emnqamlezweni.” Mateyu 27: 22, 23.KMW 139.9

    Izidlele zika Pilate zaguquka zaba lututu akuva olunqangazo loyikekayo, “Makabetelwe emnqamlezweni.” Wayenga cinganga ukuba kuyakuba yilonto. Watsho futi okokuba u-Yesu umsulwa, ukanti abantu abo basebegqibe ukuba afe ngokoluhlobo olulolona lubi loyikekayo.KMW 139.10

    Wabuya-ke wabuza kwalo mbuzo:KMW 140.1

    “Kuba, enze bubi bunina?”KMW 140.2

    Kwabuya-ke kwenyuswa olunye unqangazo; “Mbetele emnqamlezweni, Mbetele emnqalezweni!”KMW 140.3

    U-Pilate wenza ilinga lokugqibela laba linye esiti wozicukumisa umfesane zabo. U-Yesu watatyatwa, etyafile kukudinwa ezele ngamanxeba etyakatywe pambi kwabamangaleli Bake.KMW 140.4

    “Aza ama soldati aluka isitsaba sameva asibeka pezu kwentloko Yake; amti-wambu ngengubo ebomvu, amana esiti, Ah, Kumkani wama-Juda ammonxoza.” John 19: 2, 3.KMW 140.5

    Bamtshicela, esinye isandla sabangena mteto saxwila lo-ngcongolo babempatise ngesandla Sake, wabeta eso sitsaba sasise bunzi Lake, ngokubetelela ameva lawo kwezo ntlafuno Zake, into eyabangela igazi ukuba litsitse lehlele ebusweni nasezindevini zake.KMW 140.6

    U-Satana walikokela elo buto lama-soldati ukunyelisa kwalo u-Msindisi. Injongo yake yayi kukumcunukisa ukude azipindezele, ukuba kungenzeka, okanye amqubele ekwenzeni ummangaliso wokuzikulula, aze ngako alapule icebo losindiso. Ibala elinye ebomini Bake bobuntu, ukusilelela ngendawo enye yobuntu Bake ukuba anyamezele olo lucikido oloyikekayo, nayo i-Mvana kaTixo ngeyayibe ngu-mnikelo ongagqibelelanga, nenkululo yoluntu ngeyaba kukuputa.KMW 140.7

    Kodwa Lowo owaye laula u-mkosi we-zulu, aze ngomzuzwana acele uncedo kwimikosi ye ngelosi ezingcwele, ekwakunokuti inye yazo ngesiqupe iqukule elogqiza labangendawo, Lowo waye nokubati qwaka abatutumbisi Bake abo ngokubaneka kobungangamsha bobungcwele Bake,— wazinikela ngokuzola okukulu kolona lurabaxa ugculelo noburalarume.KMW 140.8

    Kwakubon’ ukuba izenzo zabatutumbisi Bake zibatobele ngapantsi kobuntu zabafanisa naye u-Satana, ngokunjalo ubulali nomonde ka-Yesu zampakamisa Yena waba ngapezulu kobuntu, wabunqhina ubalamano Bake ku-Tixo.KMW 141.1

    U-Pilate wacukunyiswa ngokwendeleyo ngulowo monde ongena kukalaza wo-Msindisi. Watumelela ukuba kungeniswe u-Barabbas enkundla yamatyala; waza ke wabamisa abo babanjwa bobabini balungelelana. Esalata ku-Msindisi, watsho ngelizwi lobongozo olundilisekileyo, “Bonani u-mntu.” “Ndimzisa kuni, ukuze nazi ukuba andifumani tyala Kuye.” John 19: 5, 4.KMW 141.2

    Wayemi apo u-Nyana ka-Tixo, ambete ingubo ebomvu yogculelo ne-sitsaba sameva. Ehlutywe kwaya kuti ga ngesinqe, lowo mhlana Wake wawupanjwe yemide, imivimbo yokungabi nantliziyo eyayi ncenceza igazi. Ubuso Bake babu namabal’ egazi bune mpau zokudinwa (uminyeleleko) kwa nentlungu; kodwa abuzanga babonakala bubuhle ngokungapezulu. Indawo nganye yabo yayi balulekise intobeko notozeko, kwa nolona sizi luncendezelayo ngokubhekisele kwezo ntshaba Zake ezingena ntliziyo.KMW 141.3

    Kwakuko umahluko obalulekileyo kumbanjwa lowo waye secaleni Lake. Wonke umgca wobuso buka Barabbas wawumxela ukuba yileyo nqhola yetshabane awaye yiyo-ke.KMW 141.4

    Pakati kwaba bukeli abo kwakuko ababe msizele uYesu. Kwa ababingeleli nabapati ngokwabo baboyisekile entweni yokuba uyilento azibiza ukuba uyiyo. Kodwa babe ngavumi. Bayi kwezelela indimbane leyo yashushu bupambana, bapinda-ke ababingeleli, abapati nabantu banqangaza:KMW 142.1

    “Mbetel’ emnqamlezweni, MbeteP emnqamlezweni!”KMW 142.2

    Ekugqibeleni selepelelwe ngu-monde ngenx’ enalonqala, yobujora yabo engasukeli ntweni, u-Pilate wati kubo:KMW 142.3

    “Mtabateni nina nimbetele emnqamlezweni; kuba mna andifumani tyala Kuye.” John 19: 5, 6.KMW 142.4

    U-Pilate wazama kunene ukumkulula u-Msindisi; koko ama-Juda anqangaza:KMW 142.5

    “Ukuba ute wamkulula-lo akusihlobo sika Kesare.” John 19: 12.KMW 142.6

    Lento yamcukumisa u-Pilate ngeyona ndawo abutataka ngayo. Waye seleranelwa kakade ngu-mbuso weRoma, wayesazi ukuba udaba olunje luyakuba yi-ncitakalo yake.KMW 142.7

    “Ute-ke u-Pilate akubona ukuba akancedi luto ebona ukuba sisuke sangakumbi isipitipiti, watabata amanzi wahlamba izandla zake pambi kwe ndimbane, esiti:KMW 142.8

    “Andinatyala egazini lalomntu ulilungisa; ziboneleni nina.” Mateyu 27: 24.KMW 142.9

    Akumncedanga nto u-Pilate ukulinga ukuzitetelela ezenza omsulwa kwelo tyala lokumgweba u-Yesu. Ukuba wayenze ngokukauleza wamis’ inyawo kwase kuqaleni, wakupumeza okuya koyiseka kwake kokwenza oko kulungileyo, intando yake ngeyayi ngazanga ipetulwe yilo-ndimbane; ngababe ngazanga babe nabugasa bakumyalela amakakwenze.KMW 142.10

    Ukutingaza namatidala ake kwaba yi-ncitakalo yake. Wabona ukuba wayenge mkulule u-Yesu, aze abe esabambe isihlalo ne-wonga lake.KMW 143.1

    Kanye kunokuba alahlekelwe bubukulu bake base mhlabeni, wenyula ukubingelela obobomi babungenatyala. Akubon’ ukuba uvuma ibango le-ndimbane wabuya wamtyakatya u-Yesu, wamnikela-ke ukuba abetelwe emnqamlezweni.KMW 143.2

    Kodwa pezu kwalawo malungiselelo ake, yona lonto abe yoyikisela emva kwexesha isuke yehla pezu kwake. Amawonga ake ahlutwa, watotywa kwisihlalo sake esipakamileyo, waza wahlatywa sisazela sokungendawo nakukudlavulwa kwe-qayiya, akubanga kade emva kobetelo-emnqamlezweni wabupeta ubomi bake.KMW 143.3

    Ngokunjalo bonke abatomalalisana ne-sono baya kuzuzana no-sizi kupela kwa ne-ntshabalalo. “Kuko indlela ete-tye pambi komntu; ukanti ukupela kwayo zindlela zokufa.” Imizekeliso 14: 12; 16: 25.KMW 143.4

    Okuya u-Pilate wavakalisa ubumsulwa bake egazini lika-Kristu, u-Kayafa wapendula ngokudelela, “Igazi Lake malibe pezu kwetu napezu kwabantwana betu.” Mateyu 27: 25.KMW 143.5

    Lawo mazwi oyikekayo anqakulwa ngababingeleli, abuya anqakulwa nangabantu.KMW 143.6

    Yayi sisigwebo esoyikekayo eso basibeka pezu kwabo bona. Yayi lilifa eloyikekayo elo balinikela inzala yabo.KMW 143.7

    Yazalisekiswa lento pezu kwabo kweso siganeko soyikekayo sengcitakalo ye Jerusalem, kwituba leminyaka emashumi mane emva koko.KMW 143.8

    Yazalisekiswa ngokute nqo ngokucitakala, ukucu- kucezwa, nokubandezelwa kwe nzala yabo ukutabatela kulowo mhla.KMW 143.9

    Yozalisekiswa cace ngokupindiweyo ngexesha lengxelo yokugqibela. Eso siganeko ngeloxesha siya kuba nto yimbi, kwa “lo-Yesu” uyakuza enomlilo odangazelayo ibapindezela abangamaziyo u-Tixo.” Zenzo 1: 11; 2 Tesalonika 1: 8.KMW 144.1

    Ngoko baya kutandaza ku-mawa ne-ntaba:KMW 144.2

    “Siweleni, nisifihle ebusweni balowo uhleli etroneni, nase ngqumbeni ye-Mvana; ngokuba ufikile umhla omkulu wengqumbo yayo.” Isityilelo 6: 16, 17.KMW 144.3

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents