Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    ISAHLUKO 16—E-GETSEMANI

    U-BOMI bo-Msindisi apa emhlabeni yayi bubomi bo-mtandazo. Maninzi amaxa abesakuwa cita yedwa eno-Tixo. Waye nyusela futi izicelo ezinyamekileyo ku-Yise wase-zulwini. Kungalo ndlela-ke awamkela amandla no-bulumko ukumzimasa emsebenzini Wake, no-kumgcina ukuba angawi pantsi kwezihendo zika-Satana.KMW 103.1

    Emva kwe-sidlo-sangokuhlwa se-pasika ekunye nabafundi Bake, u-Yesu waya nabo emyezweni oyi-Getsemani, apo ebedla ngokuya kutandaza kona. Ekuhambeni wayeteta nabo, ebafundisa; kodwa ekusondeleni kuwo u-myezo lowo Waba sekutini cwaka ngokumangalisayo.KMW 103.2

    Lonke ixesha lobomi Bake, u-Yesu wahlala eno-Yise. U-Moya ka-Tixo wahlala ungu-mkokeli nomxasi Wake. Wahlala enika uzuko ku-Tixo ngenxa yomsebenzi Wake emhlabeni, esiti, “Mna okuko-Kwam andina kwenza nto.” John5:30.KMW 103.3

    Asina kwenza nto ngokuko kwetu. Kupela kungokutembela ku-Kristu ukufumana onke amandla etu esingati sibe nokoyisa, senze intando Yake apa emhlabeni. Masibe noko kutembela komntwana Kuye awayenako Yena ku-Yise. U-Kristu wati, “Ngapandle Kwam anina kwenza nto.” John 15:5.KMW 103.4

    Ubusuku obo boyikekayo bentlungu yo-Msindisi ba- qala ekusondeleni kwabo e-myezweni lowo. Kwasuka kwanga ubuko buka-Tixo obe kuluzimaso Lwake akuseko Kuye. Waye qala ukuva into ekuyiyo ukuvalelwa ngapandle kuka Yise.KMW 103.5

    U-Kristu emelwe kukutwala izono zehlabati. Ekubekweni kwazo kaloku pezu Kwake, zanga zingapezu koko Waye ngaba nokunyamezela. Ityala lesono loyikeka ngokokude, Ahendwe ukuba oyike ukuba u-Tixo akasokuba saba nakumtanda Yena.KMW 104.1

    Akubon’ ukuba ukangele ububi-oboyikekayo bukaYise bokucasa inkohlakalo, lamazwi azityobozela ukupuma Kuye, “Umpefumlo Wam ubuhlungu ngokugqitileyo ngokokude ube sekufeni.”KMW 104.2

    Kufupi ne-sango lo-myezo lowo, u-Yesu wayebashiye kona bonke abafundi Bake ingengabo o-Petros, Yakobi, no-John, waya kungena-ke emyezweni apo nabo batatu. Babe ngabona balandeli Bake babe nyamekile, babe ngawona madlelane Ake amakulu.KMW 104.3

    Kodwa Waye ngenako ukunyamezela ukuba nabo babeko ekubandezelekeni Awayeza kukuva. Wati kubo:KMW 104.4

    “Hlalani apa nilinde Nam.” Mateyu 26: 38.KMW 104.5

    Wahamba umganyana esuku kubo, wawa pantsi emhlabeni. Weva ukuba isono simahlule ku-Yise.KMW 104.6

    U-msantsa pakati kwabo wawubanzi, umnyama, unzulu ngangokude ahanjelwe ngamanwele pambi kwawo.KMW 104.7

    U-Kristu akabandezelwanga ngenxa yezono ezize Zake, koko kwakungenxa yezono zehlabati. Waye siva ingqumbo ka-Tixo ecase isono ngokoko ayakuva ngako u-moni ngemini enkulu yo-mgwebo.KMW 104.8

    Entlungwini Awayenayo, u-Kristu wati nama e- mhlabeni obandayo. Kuleyo milebe Yake ekuxweba kwapuma esi sikalo esibUhlungu, “Yo Bawo, ukuba kunokwenzeka, mayidlule le-ndlebe Kum; noko makungabi njengokutanda Kwam, koko njengokutanda Kwako.” Mateyu 26: 39.KMW 104.9

    Ilixa lipela u-Kristu wayetwele yedwa oku kubandezeleka. Weza-ke kubafundi, eba wova lizwi lovelano. Kodwa kwakungeko luvelwano lwalu kangele Yena, ngokuba babelele. Botuswa kukuteta Kwake, kodwa kwaba nge nkankulu ukuba bamazi, ubuso Bake babubumbi kangaka yindandateko. Ebhekisa ku-Petros, Wati:KMW 105.1

    “Simon, ulele-na? Ubunge nakulinda noko lilinyena ilixa?” Marko 14: 37.KMW 105.2

    Ngapambi koko-nje Awasingisa amabanga Ake ukuya e-myezweni, u-Kristu wayeke wati kubo abafundi, “Nonke niya kukubeka Kum ngobu busuku.” Babe mqinisekise ngokona komelezela ukuba baya kuya Naye entolongweni nase kufeni.KMW 105.3

    Kwa no-Petros usizana oluzitembayo waqokela, “Nokuba baya kukubeka bonke, mna nakanye.” Marko 14: 27, 29.KMW 105.4

    Ke bona abafundi babe zitemba. Babe ngatembelanga kulowo Mncedi Onamandla njengoko u-Kristu waye bacebisile Ngoko-ke ngetuba u-Msindisi awaye lukangele ngokukulu uvelwano lwabo nemitandazo basuka balala. Kwa no-Petros lowo wayelele.KMW 105.5

    No-John, lowo mfundi olutando owaye yame esifubeni sika Yesu, walala. Ngenene utando loko u-John waye tanda u-mfundisi wake ngelwalu mgcine akalala. Imitandazo yake ngeya yidibene naleyo yo-Msindisi wa- ke amtandayo ngelo xesha lokuhlungiseka okukhulu Kwake.KMW 105.6

    U-Mkululi wacita ubusuku bonke etandazela abafundi Bake, okokuze ukolo lwabo lungawi ngexesha locikido. Ukanti babe ngena kuhlala balinde kunye Naye noko lilinye ilixa.KMW 106.1

    Ukuba u-Kristu ngokoku waye ngabuza o-Yakobi noJohn, “Ninako-na ukuyisela indebe e-Ndiyiselayo mna? nibaptizwe ngobaptizo e-Ndibaptizwa ngalo mna?” ngababe ngapendulanga ngokukalipa okunje ngoku bapendula ngako ngapambili, “Sinako.” Marko 10: 38, 39.KMW 106.2

    Intliziyo yo-Msindisi yayizaliswe lusizi nalu velwano ngenxa yobutataka babafundi Bake. Waye soyika ukuba babe ngenakunyamezela ucikido ababeya kuluziselwa kukubandezeleka nakukufa Kwake.KMW 106.3

    Kodwa-ke akatetanga lukuni nabo ngobo butataka babo. Waye cinga nge-zilingo ezazibalindile, wati:KMW 106.4

    “Lindani nitandaze ukuze ningangeni ekuhendweni.”KMW 106.5

    Wakutetelela ukusilela kwabo ekumlungiseleleni: “U-moya wona okunene une ntumekelelo, ke yona inyama itambile.” Mateyu 26: 41. Ngu-mzekelo mni wotando oluncendezelayo imfesane yo-Msindisi! Kwakona u-Nyana ka-Tixo wabuya wabanjwa yimbandezelo eno kubongamela ubuntu. Eyoba epela, Wagxadazela waroxa waza Watandaza kwanje ngokwapambili:KMW 106.6

    “Yo Bawo ukuba ayinako lendebe ukudlula Kum Ndingatanga ndiyisele, Makwenzeke ukutanda Kwako.” Mateyu 26: 42.KMW 106.7

    Intlungu yalo mtandazo yacudisa amatontsi egazi apuma kwi-ntunjana zo-mzimba Wake. Wabuya waya kondla imfesane yabafundi, Wabuya wabafumana be- lele. Ukufika Kwake kwabotusa. Bakangela ebusweni Bake boyika ngokuba babu namacapaza egazi. Babe ngakuqondi ukubandezeleka kwe-ngqondo okwaku pimiselwe bubuso Bake. Isihlandlo sesitatu waya kuleyo ndawo yo-mtandazo. Ubumnyama obenza amanwele bamsibekela Yena.KMW 106.8

    Waye pulukene nobuko buka-Yise. Ngapandle kwalento, Woyika okokuba kuyo imveli-yobuntu Bake Waye ngenako ukulutwala uvavanyo olo.KMW 107.1

    Ngese sitatu isihlandlo utandaze kwanje ngoko kwangapambili. Ingelosi zazi nqwenela ukuza kumhlangula, koko kwakunga miselekanga njalo. U-Nyana kaTixo wayemelwe kukuyisela le ndebe, kungenjalo ihlabati laliya kulahleka ngonapakade. Ubona ukungabi nakuzinceda komntu Ubona amandla esono. Impanziso ye-hlabati eligwetyiweyo yadlula imbonakalo yayo pambi Kwake.KMW 107.2

    Wenza ukuzimisela kokugqibela. Wayeya kumsindisa nangokwayipina indleko eyiye Yake. Waye shiye amabotwe ase-Zulwini, apo kububunyulu, nokonwaba, nobungcwalisa ukuza kusindisa imvu enye elahlekileyo, ilizwe ekukupela kwelawayo nge-sigqito, Waye ngeguquke kwi nzindlo Yake. Umtandazo Wake ngoku wawukukupimisela imvume:KMW 107.3

    “Ukuba ayinako lendebe ukudlula Kum ndingatanga ndiyisele, makwenzeke ukutanda Kwako.”KMW 107.4

    U-Msindisi ngoku wawa emhlabeni ngokopelayo. Kwa kungeko mfundi, wokufaka ngokutantamisa isandla pantsi kwe-ntloko yo-Mfundisi wake, nokuhlamba elo bunzi, elalonakele ngapezu ko-nyana-baka-Adam. UKristu waye yedwa; akuko namnye kubo bonke abantu owaye Naye.KMW 107.5

    Kodwa u-Tixo Wabandezeleka no-Nyana Wake. Ingelosi zamkangela u-Msindisi entlungwini Yake. Kwabako ukuzola e-Zulwini. No-hadi aluvakalanga. Ukuba uluntu lwalungake lukangele unqaziso lomkosi wengelosi wakubon’ ukuba uzole ngosizi wondele u-Yise esusa e-Yake imita yokukanya, utando no-bungcwalisa kuye u-Nyana oyintanda Wake, belungaqondayo ubuntshontsho be-sono ebusweni Bake. Ingelosi enamandla kaloku yeza ecaleni kuka Kristu. Yayipakamisa intloko yo-mbandezelwa obutixo yayayamisa esifubeni sayo isalata e-Zulwini. Yamxelela okokuba umoyisile u-Satana. Isipumo salonto, izigidi zoba ngabeyisi ebukumkanini Bake obubungcwalisa.KMW 108.1

    U-Xolo lwase zulwini lwahlala pezu kobuso obuna macapaza egazi bo-Msindisi. Watwala oko kungeko namnye kubantu ongaze akutwale; ngokuba wanchamla inimba zokufa ngenxa yalo lonk’ uluntu.KMW 108.2

    Wapinda u-Msindisi waya kuvelela abafundi Bake, wafumana bebuye balala. Ukuba babete bahlala abalala, balinda betandaza no-Msindisi wabo, ngababefumene uncedo kolo luvavanyo lwalupambi kwabo. Ngokusilela kulento, ababanga namandla kwelo lixa lentswelo yabo.KMW 108.3

    Ebakangele ngokubasizela, u-Kristu wati, “Lalani ngoku, nipumle; yabonani lisondele ilixa lokuba u-Nyana womntu anikelwe ezandleni zaboni.”KMW 108.4

    Nasekubeni ebewateta la mazwi, Wayeziva inyawo zalo mbutumbutu eyayimfuna, Wati:KMW 108.5

    “Vukani, sihambe; yabonani usondele lowo undinikelayo.” Mateyu 26: 45, 46.KMW 108.6

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents