Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    ISAHLUKO 6—IMIHLA YEMBAMBANO

    O-TITSHALA abangama-Juda benzela abantu imiteto, baza balindela ukuba benze izinto ezininzi abe ngaziyalelanga u-Tixo. Kwa nabantwanake babe yifunda beyilulamele lemiteto. Kodwa uYesu akazange azame ukufunda okwakufundiswa ngo-rabi. Waye zigcinile ukuba angateti ngokwentswela-mbeko ngezi titshala, kodwa wazipengulula iZibalo, wayilulamela imiteto ka-Tixo.KMW 35.1

    Ubedla ngokutetiswa ngokungenzi njengabanye abantwana. Ubesakufundisa-ke etabatela e-Baibileni oko kulungileyo.KMW 35.2

    U-Yesu wayepilele ukonwabisa abanye. Ngokuba Waye nobubele elulamile, o-rabi babeba bomenza abalandele. Kodwa ababanga nako. Xa wavuselelwayo ukuba ahambe ngokwe miteto yabo wabuza okufundiswa yi-Baibile. Yonke into ebitetwa yiyo, ubesakuyenza.KMW 35.3

    Lento yabenza shushu o-rabi. Babe sazi ukuba imiteto yabo ayinqinelani ne-Baibile, ukanti babe ngamtandi u-Yesu ngokusuke angabeva.KMW 35.4

    Babekisa kubazali Bake ngaye. O-Joseph no-Mary babecinga ukuba o-rabi aba ngamadoda alungileyo, waza u-Yesu watwala ukusolwa, awakunyamezela nzima.KMW 35.5

    Abazalwana baka-Yesu batelela o-rabi. Bati amazwi aba titshala, amelwe kukuviwa angamazwi ka-Tixo. Bamtetisa u-Yesu ngokuzikulisa kubafundisi babantu.KMW 35.6

    O-rabi babe zenze abalungileyo kunabanye abantu, babe ngazidibanisi nabantu nje. Amahlwempu nabangafundanga babe ngabenze-nto. Kwa nabagulayo ababandezelweyo bebe badlula benge natemba nalonwabo.KMW 36.1

    U-Yesu wazibalula ngokunanza ko-tando bonke abantu. Wonke obandezelweyo abesakuhlangana naye Wasebenza ukumnceda. Waye nemali encinane ukwenza isisa, kodwa Wayedla ngokuzikanyeza ukwenzela ukunceda abanye.KMW 36.2

    Xa abazalwana Bake babe sakuteta bukali kumahlwempu, azi, ndwayinge, u-Yesu ubesakuya kwa kwabo bantu atete ngobubele nango kukutaza.KMW 36.3

    Kwabo babe lambile benxaniwe, Ube sakuza ne-ndebe yamanzi abandayo, Ubedla ngokubapa oko kudla bekungo-Kwake.KMW 36.4

    Yonke lonto ayiba nelisanga abazalwana Bake. Bamqobisela bezama ukumoyikisa, koko Wahambisa Yena esenza oko abekuyalelwe ngu-Tixo.KMW 36.5

    Ukuba u-Yesu waye ngoyiselwa ukuba enze noko sisinye isenzo esigwenxa nokuteta ilizwi lokuswela u-monde, Waye ngeze abe waba ngu-Msindisi wetu, ne-hlabati eli lipela ngela lahlekayo. U-Satana wayeyazi lonto, kwa kungenxa yayo kanye awazama ngamandla angaka ukumtsalela esonweni u-Yesu.KMW 36.6

    U-Msindisi waye soloko ekuselwe zizitunywa zezulu, ukanti ubomi Bake yayi kukulwa okwa kungena siqabu esilwa namagunya obumnyama. Akuko namnye kuti oyakuze alwe nezihendo eziburalarume nje Ngaye.KMW 36.7

    Kodwa kwi-sihendo ngasinye Waye na mpendulo nye: “Kubaliwe.” Ukwenza okugwenxa kwa bazalwana Bake Akajokisanga ukukukalimela, kodwa Wabaxelela okwakutetwe ngu-Tixo.KMW 36.8

    I-Nazareth yayi ngu-mzi okukohlakala, baye abantwana no-lutsha babe zama ukumtsalela u-Yesu ukuba ahambe ngendlela zabo. Waye nokuqonda ecwayitile, babe tanda ukuba abe nabo. Kodwa ingqibo Yake engokuhlonel̕ u-Tixo yavusa ubushushu babo.KMW 37.1

    Kwadla ngokuti akumangala ukubatelela kwi-senzo esinge sakwenziwa, Abizwe ngokuti igwala. Ubedla ngokugxwalwa, kusitiwa uno nonelelo gqita lwezinto ezincinane. Kuko konke oku impendulo Yake ibiba: Kubaliwe, “Ukoyika i-Nkosi bubulumko; nokutyeka ebubini yingqondo.” Job 28: 28. Ukutanda ububi kukutanda ukufa, ngokuba “umvuzo we sono kukufa.”KMW 37.2

    U-Yesu akazanga wawabanga awake amalungelo. Xa wadlakazeliswayo, Waba no-monde. Ngokuba Waye tumekelela kangaka engakalazi, Umsebenzi ubusakwenziwa nzima ngokunge kwamfuneko. Kanti ubengaze atyafe, ngokuba Waye sazi ukuba u-Tixo uyaneliswa Nguye.KMW 37.3

    Elona xesha lokonwaba-Kwake kuxa ebesakuba yedwa nemvelo kwano-Tixo. Ubusakuti wakupela umsebenzi Wake, Akuvuyele ukuya ezindle (emapandleni), ukuba acinge ekwi-ntlambo zohlaza, atandaze ku-Tixo ecaleni lentaba, okanye pakati kwemiti yehlati.KMW 37.4

    Ube sakupulapula igwangqa litsholoza ingoma ngaku Mdali walo, nelizwi Lake lali sakutelela ingoma ye ndumiso yovuyo no-mbulelo. Nge lizwi lokuvuma Ube sakubungezelela ukukanya komso. Ukuti qipu kokusa bekudla ngoku-Mfumana ekwi ndawo ezolileyo ecinga ngo-Tixo, eqwalasela i-Baibile okanye umtandazo.KMW 37.5

    Ukusuka kula maxa okuzola Ube sakubuyela ekaya angene kwa kwi misebenzi Yake, aze abe ngumzekelo wokusebenza ngo-monde. Kuyo yonke indawo abesakuba kuyo, ubuko Bake bekusuke bunge busondeze izitunywa zezulu. Impembelelo yobomi Bake obunyulu, bungcwele, bebuvakala kuzo zonke indidi zabantu.KMW 38.1

    Engena ngozi nakudyobeka, Wahamba pakati kwaba ngena kuqonda nabanga marawu, abangenabunene; abange nabulungisa ababuti berafu, izityututyutu zamadungudwane, ama-Samaria angena bulungisa, ama-soldati angabahedeni, nabalimi abangqwangangqwili.KMW 38.2

    Wateta ilizwi lovelano apa, nelizwi paya xa ebebona abantu bediniwe, benyanzelekile koko kutwala nzima noko, Wancedisana nabo kwi mitwalo yabo. Waye funde kuyo imvelo, ngo tando nobubele, nango bulungisa buka-Tixo.KMW 38.3

    Waye bafundisa ukuba bazicingele ngokwabane talente ezixabisekileyo, eziyakuti ukuba zisetyenziswe kakuhle zibangenisele ubutyebi obungapeliyo. Ngawo umzekelo Wake Wafundisa ukuba umzuzu ngamnye wexesha une xabiso, ufanelwe kukucitelwa okulungileyo.KMW 38.4

    Akazanga wadlula mntu ngokwento engenaxabiso, koko wamela ukukutaza ezona ndlavini ezona zazingatembisi. Wazixelela ukuba u-Tixo uyazitanda kuba zingabantwana Bake, nokuba bezi ngafana Naye ngesimilo.KMW 38.5

    Ngokute cwaka njalo-ke u-Yesu kwase buntwaneni Bake wasebenzela abanye. Lo msebenzi akuko wotitshala bodumo, nokuba ngabazalwana Bake kanye, ababe ngamenza awuncame. Ngaleyo njongo enyamekileyo Wahambisa ukupumeza injongo yobomi Bake, ngokuba Wayeze kuba lukanyiselo lwe hlabati.KMW 38.6

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents