Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    ISAHLUKO 2—U-YESU ESIWA E-TEMPILENI

    U-JOSEPH no-Mary babe ngama-Juda, babe hamba ngamasiko esizwe sabo. Xa u-Yesu waye nenyanga ezintandatu ubudala, bamzisa e-Nkosini etempileni e-Jerusalem.KMW 15.1

    Oku kwakungoko-mteto owawunikwe amaSirael ngu-Tixo, waye u-Yesu emelwe kukululamela zonke izinto. Ngoko-ke u-Nyana ka-Tixo, i-Tshawe leZulu, ngo-mzekelo Wake usifundisa ukuba silulame.KMW 15.2

    Ngu-nyana wamazibulo kupela kumlibo ngamnye obesakusiwa e-Tempileni. Esi sitete sesibakumbuza ngesiganeko esidala ngapambili.KMW 15.3

    Xa onyana baka-Israeli babe ngamakoboka e-Jipete, i-Nkosi yatumela ukuya kubakulula. Yamyalela uMoses yiya ku-Faro, ukumkani wase-Jipete, uti:KMW 15.4

    “Utsho u-Yehova ukuti: u-Siraeli ngu-nyana Wam; kwa u-nyana Wam wamazibulo; nditi kuwe, Mndulule unyana Wam lowo andikonze: ukuba ute wamangala ukumndulula, uyabona ndombulala unyana wako, amazibulo ako.” Eksodus 4: 22, 23.KMW 15.5

    U-Moses wasihambisa isigidimi eso ku-kumkani. Koko impendulo ka-Faro yati, “Ngubanina u-Yehova ukuba ndipulapule izwi lake, lokuba ndindulule uSiraeli? Andimazi u-Yehova, kananjalo andiyi kumndulula u-Siraeli” Eksodus 5: 2.KMW 15.6

    Waza ke u-Yehova watumela izibeto ezoyikekayo pezu kwama-Jipete. Esokugqibela kwezo zibeto yaba kukubulawa kwamazibulo u-nyana olizibulo kumzi ngamnye, kutabatela kowe-kumkani kuse koyena wayepantsi apo kwelo lizwe.KMW 16.1

    I-Nkosi yamxelela u-Moses okokuba indlu yakumaSiraeli mayibulale imvana, baze baqabe nxalenye yegazi emgubasini wezindlu zabo. Lento yayi ngumqondiso wokokuze ingelosi yokufa idlule ngapezulu kwazo zonke izindlu zama-Siraeli, ingatshabalalisi namnye koko ibe ngalawo ma-Jipete akuzidla akohlakeleyo. Eli-gazi le“pasika” lalibambele ngokwaku-ma-Juda igazi likaKristu.KMW 16.2

    Ngokuba ngexesha elililo u-Tixo wayeya kumncama u-Nyana Wake oyintanda ukuba axelwe nje ngalo-mvana ebisakuxelwa; ukuze bonke abakolwayo Kuye bahlangulwe ekufeni okungunapakade. U-Kristu ubizwa ngokuti uyeyetu i-pasika. (1 Korinte 5:7.) Ngalo igazi Lake, ngokolo, siyakululwa. (Efeso 1:7.) Ngoko njengoko indlu nganye kwa-Siraeli yayi zisa unyana wamazibulo etempileni, babeya kukumbula ukusindiswa kwabantwana kwizibeto, noko bangati bonke basindiswe ezonweni nasekufeni okungunapakade. Umntwana obesakusiwa etempileni ubetatyatelwa ezingalweni zom priste, apakanyiselwe pambi kwesibingelelo.KMW 16.3

    Ngayo lo-ndlela-ke ngokundilisekileyo waye sakungcwaliselwa ku-Tixo. Aze emva koko abuyiselwe kunina, igama lake libalwe emqulwini, okanye encwadini, edwelise amagama amazibulo kwa-Siraeli. Ngokunjalo bonke abasindisiweyo ngalo igazi lika-Kristu amagama abo ayakubalwa encwadini yobomi.KMW 16.4

    O-Joseph no-Mary bamsa u-Yesu kum-priste ngoko mteto. Imihla yonke oyise namanina babesakuza nabantwana babo, kwaye ku-Joseph no-Mary um-priste akuko nto awayibonayo ikukwahluka kwabaninzi abanye. Babe ngabantu-nje abasebenzayo.KMW 17.1

    Kulo-mntwana ungu-Yesu wabona usana-nje olwalunge nakuzinceda. Yayingepi ingcinga kum-priste yokokuba wayegone ngokokoko ngengalo zake u-Msindisi we hlabati, U Mbingeleli Omkulu we-tempile esezulwini. Kodwa ngawayebe nolwazi, ngokuba xa wayelinonelele i-Iizwi lika-Tixo, i-Nkosi ngeyamfundisayo ezizinto.KMW 17.2

    Ngalo eli lixa kwabe kuko etempileni apo babini ababe ngabakonzi baka-Tixo, o-Simeon no-Anna. Bobabini babe sebalupalele enkonzweni Yake, waza Wababonisa izinto ezazingena kwaziswa kuba-priste ababezidla bezitanda.KMW 17.3

    U-Simeon wayedingwe ukuba akayikufa de ambone u-Msindisi. Ute ngako kodwa ukuba ambone u-Yesu etempileni, wazi ukuba lo Nguye lowa wayedingiwe.KMW 17.4

    Ebusweni buka Yesu kwakuko ukutamba, kokukanya kwase-zulwini; waza u-Simeon, elutabatela ezingalweni zake usana olo, wadumisa u-Tixo, esiti:—KMW 17.5

    “Nkosi kaloku Uyamndulula umkonzi wako enoxolo, ngokwe-lizwi-Lako; ngokuba amehlo am elubonile usindiso Lwake, Obululungiselele ebusweni bazo zonke izizwe, Isikanyiso sokutyilela i-Ntlanga, Uzuko lwabantu Bako ama-Siraeli.” Luke 2: 29-32.KMW 17.6

    U-Anna um-profetikazi, “wayemele kufupi ngelolixa, watelela ekuyidumiseni i-Nkosi, wayeteta Ngayo kubo bonke ababelinde ukukululwa nge-ntlaulelo e-Jerusalem.” Luke 2: 38.KMW 17.7

    Ngokunjalo-ke u-Tixo unyula abo bantu batobekileyo ukuba babe ngamanqina Ake. Kudla ngokusuka abona bapakanyisiweyo lilizwe badlulwe. Baninzi abanje ngaba-priste bama-Juda nabapati.KMW 18.1

    Baninzi abazondelele ukuzikonza bazizukise ngokwabo, baye becinga kancinane ngokukonza bazukise u-Tixo. Ngako akanako ukubanyulela ukufundisa abanye ngotando Lwake nange-nceba.KMW 18.2

    U-Mary u-nina ka-Yesu, wasiguquguqula entliziyweni eso siprofeto esasisingisele kude sika-Simeon. Ute ondele kulo usana olwaluse zingalweni zake, wakumbula okwakutetwe ngabelusi base-Betelehem wazala umbulelo wovuyo ne-temba elikanyayo.KMW 18.3

    Amazwi ka-Simeon amkumbuza isiprofeto sika Yesaya. Waye sazi ukuba lamazwi ayetetiwe ngaye uYesu:KMW 18.4

    “Abantu abo bahamba emnyameni babone ukukanya okukulu; abemi basezweni letunzi lokufa ukukanya kubengezele pezu kwabo.”KMW 18.5

    “Ngokuba sizalelwe umntwana, sinikwe unyana; ukutetela kuse sixantini Sake; igama Lake kutiwa nguMmangaliso, ngu-Mcebisi, ngu-Tixo-oli-Gora, ngu-Sonini nanini ngu-Mteteli woxolo.” Yesaya 9:2, 6.KMW 18.6

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents