Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    ISAHLUKO 14—“ZISUSENI EZIZINTO APA”

    NGEMINI eyalandelayo u-Kristu wangena etempileni. Kwiminyaka emitatu ngapambili, wayefumene abantu betenga betengisa entendelezweni engapandle, waza wabakalimela wabakupa.KMW 87.1

    Ngoku Akubon’ ukuba ubuye weza etempileni Ufumana kwa olo rwebo lusaqutywa. Intendelezo yayizele zi nkomo, izimvu, ne-ntaka. Ezizinto zazitengiswa kwabo babenikela amadini ezono zabo.KMW 87.2

    Ukucudisa nobututu babusenziwa ngabo babe kolo rwebo. Isipitipiti sentlokoma sasisikulu ap’ entendelezweni ngangokuba, sapitizelisa kakubi abo babe nqula ngapakati.KMW 87.3

    U-Kristu wema e-manyatelweni etempile, kwaza kwakona ukujonga-okuhlabayo Kwake kwayigqiba yonke intendelezo leyo. Amehlo onke abhekiswa Kuye. Ingxokozelo yabantu nokunxakama kwe-nkomo kwatula. Bonke bakangela nge-nqazo nokoyika kuye u-Nyana kaTixo.KMW 87.4

    Ubutixo-bamenya bupumela ebuntwini, bamnika uYesu ubukakamela nobungcwalisa (uzuko) Awaye ngazanga walubonakalisa ngapambili. Ukutozama kwapants’ ukunganyamezeleki.KMW 87.5

    Exesheni Wati ngelizwi elicacileyo, nangamandla awazamazamisa abo bantu ngoko qwitela olunamandla:KMW 87.6

    “Kubaliwe kwatiwa, Indlu Yam yindlu yokutandaza; ke-nina niyenze umqolomba wezihange.” Luka 19: 46.KMW 87.7

    Kwakona ngelite-tyi igunya kunelo walibonakalisa kwiminyaka emitatu ngapambi koku, Wawis’ umteto:KMW 89.1

    “Zisuseni ezizinto apa.”KMW 89.2

    Okanye ngapambili ababingeleli nabapati betempile babalekiswa lilizwi Lake. Exesheni badana ngobugwala babo. Baziva ukuba abasokuze babuye basabe ngale ndlela.KMW 89.3

    Ukanti ngelixesha babotuke ngoku ngapezulu, baye baba nobuputuputu obungapezulu ukumlulamela emyalelweni Wake, baye begaxaza ukupuma etempileni, beqhuba inkomo zabo.KMW 89.4

    Msinya intendelezo yazala ngabantu ababezise iziguli ukuze zipiliswe ngu-Yesu. Abanye babesifa. Le-milwelwe yayiva intswelo yayo ebandezeleyo.KMW 89.5

    Bawamilisela amehlo abo ngokokubongoza ebusweni buka Kristu, besoyika ukubona kubo ubukali obo babu kupe abatengi nabatengisi. Koko babona ebusweni Bake utando lodwa ne-mfesane encendezelayo.KMW 89.6

    U-Yesu wazamkela iziguli, zaza izifo ne-ntlungu zemka ngokucukumisa kwe-sandla Sake. Wabawola ngokutantamisa abantwana ezingalweni Zake, wabatutuzela izikalo zabo zokukatazeka, wagxota ukugula nentlungu kwezo zitonyana zabo, ababuyisele, sebe ncuma bepilile, ko-nina.KMW 89.7

    Yaba sisibonelo esibuni esatiwa mandla ngababingeleli nabapati bakubon’ ukuba babuyela etempileni ngobulumko! Baweva amazwi amadoda, abafazi nabantwana bedumisa u-Tixo.KMW 89.8

    Babona iziguli zipilisiwe, imfama zibuyiselwe uku- bona, izitulu zamkele ukuva, neziqwala zitsiba ngokuvuya.KMW 89.9

    Abantwana babekokele koluvuyo. Batsholoza o-hosana njenge-zolo, bejiwula amasebe esundu pambi koMsindisi. I-tempile yahlokoma ihlokomile zindanduluko zabo:KMW 90.1

    “Hosana kuye u-Nyana-ka Davide!”KMW 90.2

    “Makabongwe lo uzayo esegameni le-Nkosi!” Mateyu 21: 9.KMW 90.3

    “Yabona, u-Kumkani wako uza kuwe, Elilungisa, enosindiso.” Zekaria 9: 9.KMW 90.4

    Abapati bazama ukuba nqumamisa abantwana kolodanduluko lovuyo, kodwa bonke babezaliswe luvuyo nendumiso ngenxa yemisebenzi engummangaliso ka-Yesu, basuka abavuma ukutula.KMW 90.5

    Abapati kaloku baguqukela ku-Msindisi, beba Wobawisel’ umteto wokuba banqumame. Bati Kuye—KMW 90.6

    “Uyayiva-na into abayitetayo aba?”KMW 90.7

    U-Yesu wapendula, “Ewe; anizanga nikulese-na ukuti, Emlonyeni we-ntsana nabanyayo ulungiselele udumiso?” Mateyu 21:16.KMW 90.8

    I-lungelo elisikelelekileyo lokwazisa ukuzalwa kukaKristu nokuquba umsebenzi Wake ehlabatini kwamangalwa ngabapati babantu ababu ngqwangangqwili.KMW 90.9

    Indumiso Zake zazimelwe kukutsholozwa; waza uTixo wenyula abantwana ukwenza lonto. Ukuba amazwi abo bantwanana banemihlali ayenqunyanyisiwe, intsika ze-tempile ngokwazo zaziya kunqangaza indumiso ku-Msindisi.KMW 90.10

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents