Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Izint’ekungazo

    ISAHLUKO 1—UKUZALWA-KUKA-YESU

    KUMZANA omncinane wase-Nazarete ote-kotsho pakati kwe-nduli zase-Galili, yayili-kayalika Joseph no-Mary, ababuya exesheni bazeka ngokuba ngabazali baka-Yesu basemhlabeni.KMW 9.1

    Kekaloku u-Joseph lo waye ngowo-mlibo, ka-Davide, ekwati kwakupuma ummiselo wokuba abantu babalwe, wamelwa kukuba aye e-Betelehem, emzini ka-Davide okokuze abalwe encwadini. Yayiluhambo oluxamlayo-ke olu, ngokokuhamba kwabantu kuleyo mihla. U-Mary owahamba nendoda yake, wayedinwe kakulu ukunyuka leyontaba emi pezu kwayo le-Bethlehem.KMW 9.2

    Wayelangazelela kangakanani kona indawo emnandi awayengati apumle! Kodwa izindlu zabahambi zasezizele. Izityebi nabo bazitandayo basebebekwe kakuhle, bakubon’ ukuba aba bahambi batobekileyo baya kufumana indawo yokupumla kwisakiwo esirabaxa apo kulala inkomo.KMW 9.3

    U-Joseph no-Mary babengenanto ingakanani yengqwebo yalo-mhlaba, kodwa babeno-tando luka-Tixo, into-ke le eyabenza izityebi zokonwaba noxolo. Babe ngabantwana be-Kumkani yezulu, eyayiza kubazukisa ngokumangalisayo. I-ngelosi zazihamba kolo hambo lwabo, ekwati kwakuhlwa, bapumla, babengebodwa. IzitunywaZezulu (ingelosi) zazinabo. Kon’ apo kwelo kusi elipantsi, kwazalelwa u-Yesu u-Msindisi walaliswa emkumbini (apo kudlela inkomo). Kweso singqengqelo sipantsi kwakulele u-Nyana—wOsenyangweni,—Lowo ubuko babusakuzalisa amabotwe e-Zulu ngobungcwalisa.KMW 9.4

    Ngapambi koko wezayo kulo-mhlaba, u-Yesu-lo wayengu-Mteteli wo-mkosi we-ngelosi. Abona babengezela bepakanyiswe ngokona kukulu onyana besifingo zavakalisa uzuko-Lwake endalweni. Zagqubutela ubuso pambi Kwake njengoko Ahleli pezu kwe trone Yake. Zizipose izitsaba zazo ezinyaweni Zake, zivume udumo loloyiso Lwake zakuba zondele ebukulwini Bake.KMW 10.1

    Ukanti esi-Siqu esizukeke kangaka satanda aboni abalusizi, satabatela pezu-Kwaso isimo somkonzi, ukuze sibandezeleke sifele tina.KMW 10.2

    U-Yesu ngawaye hleli ecaleni lo-Yise etwele isitsaba sobukumkani kwane-ngubo yobukumkani; kodwa ngenxa yetu wenyula ukwanana ubutyebi be-Zulu ngobuhlwempu bo-mhlaba. Wenyula ukushiya isihlalo Sake sobuteteli obupakamileyo, ukushiya zona ezo zitunywazezulu ezazi mtanda. Ukunqulwa sisihlwele sase-zulwini wenyula ukukwenana ngogculelo nokudlalwa ngaye ngabantu abakohlakeleyo. Ngenxa yokusitanda Watabata ubomi benzima nokufa nehlazo.KMW 10.3

    Konke oku u-Kristu wakwenzela ukuqondakalisa ukusitanda kuka-Tixo. Wapila emhlabeni apa ebonisa oko singati simzukise u-Tixo ngokwenza ukutanda Kwake. Wayenza lento ukuze ngokulandela u-mzekelo Wake sibe nako ekugqibeleni ukuhlala Naye kwelo kaya Lake lase-zulwini.KMW 10.4

    Abapriste nabapati pakati kwama-Juda babengakulungele ukumamkela u-Yesu. Babesazi ukuba u-Msindisi selezakufika, kodwa babelindele ukuba abe yi-ku- mkani enamandla eyayiya kubenza baculumace babeno bukulu. Babezitanda ngokugqitiseleyo ukuba bacinge ngo-Mesiya olusana olungena kuzinceda.KMW 10.5

    Ngako-ke ekuzalweni kuka-Kristu, u-Tixo akabatyilelanga oko. Watumela indaba ezilungileyo kubalusi abatile ababesalusa imihlambi yabo kwezo nduli zijikeleze i-Betelehem.KMW 11.1

    La ayenga-madoda alungileyo, njengoko ayesalusa igusha zawo ngobusuku, ayexoxa ngo-Msindisi owadingwayo, aza atandaza ngokunyameka ukuba afike ngangokude u-Tixo atumele izitunywa ezikazimlayo zipuma etroneni Yake yokukanya ukuba ziwafundise.KMW 11.2

    “Babona nge-situnywa se-Nkosi simi pezu kwabo, bati nobuqaqauli be-Nkosi bababengezelela ngenxa zonke; besuka boyika ngokoyika okukulu.”KMW 11.3

    “Isitunywa eso sati kuwo, Musani ukoyika, ngokuba yabonani, ndinishumayeza indaba ezilungileyo zovuyo olukulu oluyakuba kubo bonke abantu. Ngokuba nizalelwe namhlanje emzini ka-Davide, u-Msindisi ongu-Kristu i-Nkosi.”KMW 11.4

    “Nantsike into eyakuba ngumqondiso kuni; Nofumana lusana lusongelweyo eziqiyeni, lulele emkumbini we-stali.”KMW 11.5

    “Kwabako ngesiqupe kunye nesitunywa eso inkita yomkosi wasezulwini, idumisa u-Tixo isiti, Uzuko kuTixo enyangweni, noxolo emhlabeni inkolelo ebantwini.”KMW 11.6

    “Kwati-ke, zakumka kubo izitunywa zisiya ezulwini, abalusi abo bati omnye komnye, Masesihamba siye natie-Betelehem, siyibone lento ihlileyo, esiyazisiweyo yiNkosi.”KMW 11.7

    “Beza ngobungxamo, bafumana u-Mary, no-Joseph, nalo usana lulele emkumbini westali. Bati-ke bakuba belubonile, balibengeza ilizwi elabe litetwe kubo ngaye lomntwana.”KMW 12.1

    “Bati-ke bonke abo bazivayo ezizinto bamangaliswa zezozinto zabe zitetwa kubo ngabelusi. Kodwa u-Mary wazigcina zonke ezizinto eziguquguqula entliziyweni yake.” Luka 2: 9-19.KMW 12.2

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents