Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    ISAHLUKO 25—I-NCHWABA LIKA-JOSEPH

    I-MVUKELA-MBUSO we-Roma yaba lityala awagwetywa ngalo u-Msindisi. Abantu ababe bulawa ngalento babe sakunchwatywa kwi-ndawo eyalungiselelwa amatshijolo aloluhlobo.KMW 156.1

    U-John wahlasimla akucinga ngokuba umzimba wo-Mfundisi wake oyintanda uzakupatwa ngalawo masoldati angena ntliziyo, anchwatywe kwi-nchwaba elipantsi. Kodwa waye ngena cebo lakuyitintela lento, ekubeni waye ngena zimpembelelo zakuteta no-Pilate.KMW 156.2

    Ngalo eli lixa locikido, o-Nikodimu no-Joseph wase Arimathea baba luncedo kubafundi. Omabini lamadoda aye ngamalungu e-Bhunga-lama-Juda, ayeqelene-ke noPilate. Omabini aye ngamadoda awaye nobuncwane (ubutyebi) ne-mpembelelo. Ayegqibe ekubeni umzimba wo-Msindisi ube no-mnchwabo ozukileyo.KMW 156.3

    U-Joseph waya ngobuganga ku-Pilate, wacela umzimba ka-Yesu kuye. U-Pilate, akuba evile ukuba u-Kristu uselefile, wavuma kwesi sicelo.KMW 156.4

    Akubon’ ukuba u-Joseph usaye ku Pilate ukucela umzimba wo-Msindisi, u-Nikodemu waye lungiselela umnchwabo. Yabilisiko kulawo maxesha ukusongela imizimba yabafi kumalapu elineni, ngamafuta anqabileyo neziqolo. Le ibisakuba yenye yendlela zokuqola. Ngako u-Nikodemu wezisa izipo ezinexabiso ezimayela nekulu lemilingo ubunzima imore ne-kala ukwenzela umzimba ka-Yesu.KMW 156.5

    Abona babekekileyo apo e-Jerusalem jikelele babengeze benzelwe imbeko engapezu kwaleyo ekufeni. Abalandeli abatobekileyo baka Yesu bamangaliswa ukubona aba bapati abafumileyo beno-nonelelo olungaka emnchwabeni wo-Mfundisi wabo.KMW 157.1

    Abafundi bafulelwa lusizi ekufeni kuka Kristu. Babe libele ukuba waye baxelele ukuba kuya kwenzeka. Babe ngena temba. Akazanga no-Joseph na-Nikodimu bamamkela u-Msindisi lo ngokupandle xa waye sapila. Kodwa babe sakupulapula kwi-mfundiso Zake, baye babondela ngenyameko kulo lonke inyatelo lo-lungiselelo Lwake. Nakuba abafundi babe walibele amazwi o-Msindisi awayexela ngenx’ engapambili ukufa Kwake, uJoseph no-Nikodimu bawakumbula kakuhle bona. Zaza ezo ziganeko zazinxulumene nokufa kaka-Yesu, ezatyumza intliziyo za-bafundi, zaxengaxengisa ukolo lwabo, zaqondakalisa kupela kwaba bapati okokuba Waye nguMesiya ngenene, baza bakokelelwa ekumiseni inyawo ngokomelela ekubeni ngamakolwa Ake.KMW 157.2

    Uncedo lwala madoda azityebi nabekekileyo lwamkeleka ngokukulu ngeli xesha. Baba nokwenzela u-Mfundisi wabo oko kwakungena kwenziwa zezo ntsizana zabafundi.KMW 157.3

    Ngokutantamisa nange-ntlonelo bona, ngezabo izandla, basusa u-mzimba ka-Kristu emnqamlezweni. Inyembezi zabo ze-mfobe zawaxazeka, xa babondele kweso sitomo-Sake sityatyulweyo.KMW 157.4

    U-Joseph waye ne-nchwaba elitsha elalixholwe eweni. Waye zilungiselele lona; kodwa ngoku waye selelilungiselele u-Yesu. Umzimba, kunye nobo bulau oba- buze no-Nikodimu, wasongelwa ngodwadwane lwe lineni, waza u-Mkululi lowo watwalelwa enchwabeni.KMW 157.5

    Nakubeni abapati bama-Juda bapumelelayo ukumbulala u-Kristu, abazanga baba nakonwaba. Babe sazi kakuhle ngamandla Ake amakulu. Inxenye yabo yayiko ngakweliya nchwaba lika Lazarus, yambona umfi lowo evuswa ekufeni, baye betutumela kukoyika ukuti uKristu lowo ngo-Kwake wovuka ekufeni, abuye abonakale pambi kwabo.KMW 158.1

    Babe Mvile esiti kwi-ndimbane une-gunya lokububeka pantsi ubomi Bake aze ubuye abutabate.KMW 158.2

    Bakumbula okokuba Wayete, “Yiciteni le-tempile, ke-Ndiya kuyivusa nge-ntsuku ezintatu” (John 2: 19), babe sazi ukuba waye singisele emzimbeni Wake.KMW 158.3

    U-Judas waye baxelele ukuba u-Kristu wayete kubafundi Bake ekuyeni kokugqibela kwabo e-Jerusalem:KMW 158.4

    “Niyabona siyenyuka siya e-Jerusalem; waye uNyana womntu eya kunikelwa kubo ababingeleli-abakulu nababali baya kumgwebela ukufa, bamnikele kuzo iNtlanga ukuba zidlale Ngaye, zimtyakatye, zimbetele emnqamlezweni: ati ngomhla wesitatu abuye avuke.” Mateyu 20: 18, 19.KMW 158.5

    Bakumbula ngoku izinto ezininzi awazitetayo ezaxela ngenx’ engapambili uvuko Lwake. Babe ngena kuzilibala ezonto, nokuba babenga kungaba njalo. Njengo yise u-mtyoli, babekolwa beguba.KMW 158.6

    Yonke into yabaxelela ukuba u-Yesu ungu Nyana kaTixo. Babe ngenakulala, ngokuba babe katazeke ngakumbi ekufeni Kwake kunoko babe njalo esadl̕ ubomi.KMW 158.7

    Bexhunele ukwenza konke ababenako ukumgcina enchwabeni, bamcela u-Pilate ukuba inchwaba litywinwe lilindwe dekube ngumhla wesitatu. U-Pilate wamisa igqiza lamasoldati ngokuyalela kwababingeleli, wati:KMW 159.1

    “Ninabo abalindi: hambani niye kulinqabisa ngoko nazi ngako. Baya-ke bona balinqabisa inchwaba ngokulitywina ilitye, bekunye nabalindi.” Mateyu 27: 65, 66.KMW 159.2

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents