Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    ISAHLUKO 7—U-BAPTIZO

    A lafikayo ixesha lo lungiselelo luka Kristu, isenzo Sake sokuqala waya emlanjeni i-Jordan, ukuba abaptizwe ngu-John umbaptizi.KMW 41.1

    U-John waye tunywe ukulungiselela indlela yoMsindisi. Waye shumayela entlango, esiti:KMW 41.2

    “Ubukumkani buka-Tixo busondele; guqukani nikolwe zindaba ezilungileyo ezi.” Mak. 1: 15.KMW 41.3

    Indimbane zabutelana ukuba zimve. Into eninzi yahlabeka zizono zayo, yabaptizwa nguye e-Jordan apo.KMW 41.4

    U-Tixo waye mxelele u-John ukuba ngenye imini uMesiya uyakufika kuye acele ukubaptizwa. Waye tembise nokuba kuyakunikwa umqondiso kuye, ukuze amqonde oyena anguye.KMW 41.5

    Xa u-Yesu wafikayo, u-John wabona ebusweni Bake yona leyo miqondiso yobomi Bake obungcwele, ngangokude amalele Yena, esiti: “Mna kufuneka ndi-baptizwe Nguwe-nje, uza kum-na Wena?”KMW 41.6

    “Upendule-ke u-Yesu wati kuye, Vuma okwakaloku; kuba kusifanele tina ukwenza njalo ukuzalisa bonke ubulungisa.” Mateyu 3:14, 15.KMW 41.7

    Wati-ke akuba ekutetile oku, kwabonakala ebusweni Bake kwa oko kukanya kwase zulwini obabondelwe nguSimeon.KMW 41.8

    Ngako-ke u-John wamrolela u-Msindisi emanzini eJordan etandekayo, waza wambaptiza apo emehlweni abantu bonke.KMW 42.1

    U-Yesu akabaptizelwanga bunqina benguquko ngenx’enezono Zake; ngokuba Waye ngazanga wona. Wakwenzela umzekelo wetu.KMW 42.2

    Xa wenyukayo epuma emanzini, waguqa elugudwini lo-mlambo, watandaza. Aza-ke amazulu avuleka, imita yobungcwalisa yatsaza, “wawubona u-Moya ka-Tixo usihla njenge hobe, uhlala pezu Kwake.”KMW 42.3

    Ubuso Bake kwa nesitomo wadangazela kukukanya kobungcwalisa buka-Tixo. Laza livela e-Zulwini ilizwi lika-Tixo lavakala lisiti:KMW 42.4

    “Lo ngu-Nyana Wam oyintanda endikolisiweyo nguye.” Mateyu 3: 16, 17.KMW 42.5

    Obo bungcwalisa babute zinzi pezu ko-Kristu yayi sisinyaniso sotando luka-Tixo ngakuti. U-Msindisi weza ukuba abe ngu mzekelo kuti; kwa njengoko u-Tixo wawuvayo u-mtandazo Wake, Uyakusiva nati.KMW 42.6

    Oyena usweleyo, oyena ongumoni omkulu, oyena udelekileyo, siyamkeleka ku-Yise. Xa sisiya Kuye ngegama lika-Yesu, elo lizwi latetayo Kuye liteta kuti, liti: Lo ngu-Nyana Wam oyintanda endikolisiweyo.KMW 42.7

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents