Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    ISAHLUKO 32—I-KAYA LA-BASINDISWA

    IMINI yokufika kuka-Kristu yimini ye-ntshabalaliso kwa bangendawo kupela. Yimini ye-nkululo, kungekupela kubantu baka-Tixo, koko nakuwo u-mhlaba.KMW 189.1

    U-Tixo walidala ihlabati eli ukuba libe likaya lo-mntu. Apa u-Adam wayehleli kulowo myezo wonwabisayo owawu yokozeliswe ngu-Mdali ngoKwake. Nakuba isono sawuncholisayo u-msebenzi kaTixo, noko uluntu lona aluzanga lwalahlwa ngu-Mdali walo; ne-njongo Yake ngo-mhlaba lo ayizanga yabekwa bucala.KMW 189.2

    Zeza ingelosi kulo-mhlaba, zipete udaba Iwenkululo, zaye induli zawo ne-zihlambo zasabela kwi-ngoma zazo zemihlali. Utuli lwawo lwalu sakunyatelwa zi nyawo zo-Nyana ka-Tixo. Kwaye ngapezu kwamawaka amatandatu eminyaka, kwizimo zawo zobuhle nezibabalo ezizeze nxaso, lo-mhlaba unike ubunqhina ngoko tando loMdali.KMW 189.3

    Kwa wona lo mhlaba, wakuba ukululwe kuso isiqalekiso se-sono uya kuba likaya elingunapakade lo luntu. Ngawo u-mhlaba-lo i-Sibhalo sitsho, ukuti u-Tixo “akawudalelanga ukuba kube senyanyeni, Wawubumba ukuba umiwe.” Yesaya 45: 18. Kwaye “Yonke-into aya kuyenza u-Tixo yiyo eya kuma ngonapakade.” Intshumayeli 3: 14.KMW 189.4

    Kungoko kwi ntshumayelo yase-ntabeni u-Msindisi utshilo, “Banoyolo abano bulali; ngokuba u-mhlaba baya kuwudla ilifa bona.” Mateyu 5: 5.KMW 190.1

    Ngokunjalo u-mculi kude ngapambili wabhala, “Abalulamileyo baya kulidla ilifa ilizwe, baziyolise ngobuninzi boxolo.” Ndumiso 37:11.KMW 190.2

    Ayavumelana nako oku amazwi e-Sibhalo, “Ilungisa liyavuzwa emhlabeni, Aya “kulidla ilifa ilizwe, ahlale kulo ngonapakade.” Imizekeliso 11:31; Indumiso 37: 29.KMW 190.3

    Umlilo womhla wokugqibela uyakutshabalalisa “amazulu nehlabati la akoyo ngoku;” koko kuya kuvela amatsha amazulu nomtsha umhlaba.” 2 Petros 3: 7, 13. Amazulu ayakwenziwa matsha no-mhlabo-lo ngokunjalo.KMW 190.4

    “Iliso alikaboni, ne-ndlebe ayikeva, kunge kazanga kwati qata entliziyweni yomntu, izinto ezo u-Tixo azilungiselele abo bamtandayo.” 1 Korinte 2: 9.KMW 190.5

    Akuko nteto yoluntu engachaza ngokuzeleyo ngomvuzo wamalungisa. Uya kwaziwa kupela ngabo bawubonayo. Asinako ukububalula ubungcwalisa be-Paradise ka-Tixo.KMW 190.6

    Noko sina manakani anga welo lizwe nangalo elixesha; ngokuba “u-Tixo uzityile kuti ngo-Moya Wake.” 1 Korinte 2: 10. Ixabisekile ezintliziyweni zetu imifanekiso yelo lizwe esiyinikwa yi-Baibile.KMW 190.7

    Apo u-Malusi wase zulwini ukokelela izimvu Zake, kuleyo mitombo yamanzi apilileyo. Umti wobom unika iziqhamo zawo inyanga zonke, namagqabi omti lowo angawokupilis’ intlanga.KMW 190.8

    Kuko imisinga encenceza njalo, ekucwengeka kunjenge kristale, nase-caleni layo kuyokozela imiti eyenza imitunzi yayo pezu kwendlela ezo zalungiselelwa abahlaulelwa bayo i-Nkosi. Apo amatafa abanzi andlalekileyo afukuke aba zinduli ezintle, kwa ne-ntaba zika Tixo ziqoshelise incopo zazo ezipakamileyo. Kulawo matafa okuzola, ecaleni laleyo misinga epilileyo abantu baka-Tixo, abakade baba ngabapambukeli bezimbacu, bayakufumana ikaya.KMW 190.9

    “Abantu bakowetu bahlale esitilini esinoxolo, eminqubeni yenkoloseko; ezindaweni zokupumla ezinokonwaba.” “Ugonyamelo alusayi kubasavakala ezweni lako, imbuqo nolwapulo emideni yako; koko uya kuzibiza indonga zako uti Lusindiso, na-masango ako uti Yindumiso.” Yesaya 32:18; 60: 18.KMW 191.1

    “Baya kwaka izindlu, bazihlale; batyale izidiliya, badle iziqhamo zazo. Abayi kwaka, kuhlale bambi; abayi kutyala, kudle bambi; abanyulwa bam baya kuziyolisa ixesha elide ngento esetyenzwe zizandla zabo.” Yesaya 65: 21, 22.KMW 191.2

    Apo, “iya kuba ne-mihlali intlango no mqwebedu; igcobe inqantosi, idubule njenge ntyatyambo.” “Esikundleni somqaqoba kuya kupuma imi sedare, esikundleni se -rawu kuya kunyuka imi mirtile.” Yesaya 35: 1; 55: 13.KMW 191.3

    “Incuka ihlale ne-mvana; ingwe ibute ne-takane lebokwe; . . . no-mntwana aziqhube ezonto.” “Aziyi kwenza bubi, aziyi konakalisa kuyo yonke intaba Yam engcwele,” utsho u-Yehova. Yesaya 11:6, 9.KMW 191.4

    Akusayi kuba sabako zinyembezi, namirozo yomnchwabo, akusokuba sabako zimbasa zalusizi. “Akusokuba sabako kufa, nabuhlungu, nakukala, . . . ngokuba izinto zokuqala zigqitile.” “Ummi wakona akasayi kuti, Ndiyafa; abantu abahleliyo kona baxolelwe ubugwenxa babo.” Isityilelo 21: 4; Yesaya 33: 24.KMW 191.5

    Nantso i-Jerusalem-Entsha, i-komkulu lomhlaba omtsha ongcwalisiweyo, “isitsaba sokuhomba esandleni sika-Yehova, no-nkontsho lobukumkani entendeni yesandla so-Tixo wako.” Isikanyiso sawo “sifana nelitye elinqabileyo kakulu le yaspisi ebengezela njenge kristalo.” “Intlanga zabo basindiswayo ziya kuhamba ekukanyeni kwawo; no-kumkani bo-mhlaba bezisa uzuko ne-mbeko kuwo.” Yesaya 62: 3; Isityilo 21: 11, 24.KMW 192.1

    I-Nkosi iti, “Ndigcobe nge-Jerusalem, Ndibe nemihlali ngabantu bam.” “Umnquba-lo ka-Tixo unabantu, Uya kuhlala nabo emnqubeni, bona babe ngabantu Bake, yena u-Tixo abe nabo, engu-Tixo wabo.” Yesaya 65:19; Isityilelo 21: 3.KMW 192.2

    Emhlabeni owenziwe mtsha, yoba bubulungisa kupela kona. “Akusayi kungena kuwo nanye into eyenza inqambi, neyenza isikizi, nobuxoki.” Isityilelo 21: 27.KMW 192.3

    Umteto ongcwele ka-Tixo uyakubekwa ngabo bonke pantsi kwe-langa. Abo bazibalule ngokunyaniseka kuTixo ngako ukugcina imiteto Yake, baya kuhlala Naye.KMW 192.4

    “Emlonyeni wabo akufunyanwanga nkohliso.” Aba ngabapumayo embandezelweni enkulu, bazihlamba ingubo zabo egazini le-Mvana. “Ngenxa yoko bapambi kwe trone ka-Tixo, bamkonze imini no-busuku etempileni Yake.” Isityilelo 14: 5; 7: 14, 15.KMW 192.5

    * * * * *

    “Izimiselo zika-Yehova zite-tye, . . . ekuzigcineni mkulu u-mvuzo.”KMW 192.6

    “Banoyolo abo bayenzayo imiteto Yake, ukuze igunya labo libe semtini wobom, bangene ngamasango kuwo umzi.” Isityilelo 22: 14.KMW 192.7

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents