Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    ISAHLUKO 15—ESIDLWENI SE-PASIKA

    O-NYANA baka-Siraeli batya isidlo-se-pasika sabo sokuqala ngelo xesha lokukululwa kwabo ebukobokeni e-Jipete.KMW 93.1

    U-Tixo waye batembise okokuba uya kubakulula. Waye baxelele ukuba kwindlu nganye pakati kwama-Jipete u-nyana olizibulo uya kubulawa.KMW 93.2

    Waye baxelele ukuba babeke umqondiso kwi-migubasi yezindlu zabo ube ngowegazi le-mvana leyo ixeliweyo, ukuze ingelosi yokufa ibadlule.KMW 93.3

    Imvana ngokwayo babeya kuyosa bayitye ngokuhlwa, nezonka ezingenagwele nemitana erarayo ebifuzisela uburara base bukobokeni babo.KMW 93.4

    Ekutyeni imvana leyo, mababe bonke sebelungele uhambo. Babe sebefake imbadada zabo ezinyaweni, nemisimelelo ezandleni zabo.KMW 93.5

    Benza ngokoko babeyalelwe yi-Nkosi, kwaza kwangobo busuku ikumkani yase-Jipete yatumela ilizwi kubo lokuba bangahamba bekululekile.KMW 93.6

    Nge ntsasa baqalisa indlela yabo esinga kwi-lizwe ledinga.KMW 93.7

    Ngokunjalo-ke yonke iminyaka, kwa ngabo obo busuku abapuma ngabo e-Jipete, onke ama-Siraeli agcina isidlo se-Pasika e-Jerusalem. Kwesi sidlo umzi ngamnye wawusosa imvana, kunye ne-sonka nemitana era- ra, njengo Mawokulu babo e-Jipete. Baza babalisela onyana babo ibali lobulungisa buka-Tixo bokukulula abantu Bake ebukobokeni.KMW 93.8

    Lafika kaloku ixesha lokuba u-Kristu agcine isidlo eso nabafundi Bake waza wayalela o-Petros no-John ukuba bafune indawo, balungise isidlo-se-pasika.KMW 94.1

    Into eninzi kunene yabantu yayize e-Jerusalem ngalo elo xesha, nabo babehlala emzini apo babeba kusoloko belungele ukukupa igumbi ezindlini zabo balinike abahambi ukuba bagcine isidlo eso.KMW 94.2

    U-Msindisi wabaxelela o-Petros no-John ukuba xa beyakubase strateni, babeya kuhlangana namntu utwele umpanda wamanzi. Yena babeya kumlandela, baze baye kungen’ endlwini leyo aye wangena kuyo. Babeya kuti kulowo mntu olungileyo wendlu:KMW 94.3

    “Uti u-Mfundisi kuwe, Lipina igumbi labahambi, apo Ndingadlela kona i-pasika nabafundi Bam?”KMW 94.4

    Kwa yena uya kubabonisa igumbi elipezulu elikulu landlelwe lilungiselelwe intswela zabo; babeya kulungiselela isidlo se-pasika kona. Kwaza konke kwenzeka njengoko u-Msindisi ebete kuyakuba njalo.KMW 94.5

    Esidlweni se-pasika abafundi babe bodwa no-Yesu. Ixesha ababe sakulicita Naye kwezi zidlo beliba soloko laba lixesha lo-vuyo; kodwa ngoku waye katazekile e-moyeni.KMW 94.6

    Exesheni Wati kubo ngemvakaliso ezicukumisayo zosizi:KMW 94.7

    “Asikuko nokuba Ndinqwenile ukuyidla nani le-pasika Ndingekabuva ubunzima.”KMW 94.8

    Kwakuko i-waine emnandi apo etafileni, waza Etabate indebe yayo, wabulela esiti:KMW 94.9

    “Yitabateni nabelane ngayo; kuba Nditi kuni, Andisayi kusela kwisiqamo so-mdiliya bude bufike ubukumkani buka-Tixo.” Luka 22:11, 15, 17, 18.KMW 95.1

    Yayi sisidlo sokugqibela esi awabakuso u-Kristu nabafundi Bake. Yaba yi-pasika yokugqibela leyo eyabanjwayo. Ngokuba imvana ibisakubingwa ngokokufundisa abantu ngako ukufa kuka-Kristu; naxa u-Kristu, i-Mvana ka-Tixo, yayiya kubingwa ngenxa ye-zono zehlabati, kwakunga sokuba sabako mfuneko yakuba kubingwe imvana efuzisela ukufa Kwake.KMW 95.2

    Okuya ama-Juda atywina ukumlahla kwawo u-Kristu ngokumbulala, alahla konke okwakune xabiso kwano-baluleko kwesi-sidlo. Ukususela oko ukugcinwa kwaso ngawo yaba lisiko elingena msebenzi.KMW 95.3

    Njengoko u-Kristu watelelayo kuleyo nkonzo yepasika, kwaku soloko kuse-ngqondweni Yake imbonakalo yokubingelela okukulu Kwake kokugqibela. Waye sele sesitunzini so mnqamlezo ngoku, nentlungu yayitutumbisa intliziyo Yake. Waye sazi konke ngobunzima obabumzela. Waye sazi ngokungabi nambulelo nange nkohlakalo awayeya kupatwa ngokukokwayo ngabo Wayezele ukubasindisa. Kodwa Waye ngacingi ngakubandezeleka okwaku ngo-Kwake. Waye no-sizi ngabo babeya kumala u-Msindisi wabo balahlekelwe bubomi obungunapakade.KMW 95.4

    Yaye ingcamango engabafundi Bake yayi yeyona yayongamile entliziyweni Yake. Waye sazi ukuba emva kokubandezeleka Kwake, babe zakusala berutaruteka bodwa apa ehlabatini.KMW 95.5

    Waye nokuninzi kokubaxelela okwakuya kubazimasa ezintliziyweni zabo xa engasahambi nabo. Waye tembe ukuteta ngezi zinto kuyo lentlanganiso yabo yokugqibela epambi kokufa Kwake.KMW 95.6

    Kodwa waye ngenako ukubaxelela ngoku. Waqonda ukuba babengalungele kupulapula.KMW 96.1

    Kwakuko ukubangisana pakati kwabo. Babe sacinga ukuba u-Kristu wayeza kuba yi-kumkani msinya, ngamnye wabo wayefuna ukuba kwi ndawo epezulu ebukumkanini Bake. Ngoko-ke babe no-mona kwane zimvo zokutiyana omnye ngakomnye.KMW 96.2

    Kwakuko enye inkatazo. Esidlweni ibilisiko ukuti u-mkonzi ahlambe inyawo zabamenywa, kekaloku ngalo eli tuba amalungiselelo ayenziwe ngokwale nkonzo. Incoyi-yamanzi, isitya-sokuhlambela ne-tawuli (isosulo) zaziko, zilungiselelwe uhlambo lwenyawo. Kodwa umkonzi wayengeko, ke yayiyi ndawo yabafundi ukuba bayenze lonto.KMW 96.3

    Koko ngamnye wabafundi abo wacinga ukuba akangeze aba ngu-mkonzi wabazalwana bake. Waye ngavumi ukuzihlamba inyawo zabo. Ngokunjalo-ke, bete cwakabahlala kwi-ndawo zabo etafileni apo.KMW 96.4

    U-Yesu waka walinda okwexeshana ukuba aqonde eyona-nto baza kuyenza. Waza-ke Yena-i-Siqu wesuka etafileni. Wazibinqisa nge-tawuli, wagalela amanzi esityenisokuhlambela, waqala ukuzihlamba inyawo zabafundi. Wenziwa buhlungu yimpikiswano leyo yabo, noko akabakalimelanga ngamazwi abukali. Watyila utando Lwake ngokutabata indawo yo-mkonzi kubo abafundi Bake abo. Xa wagqibayo, Wati kubo:KMW 96.5

    “Ukuba-ke ngoko, ndiyi-Nkosi yenu no-Mfundisi ndizihlambile inyawo zenu Mna; nifanele ukuhlambana inyawo nani. Kuba Ndininike umzekelo wokuba nize nenze njengoko ndenze ngako Mna kuni.” John 13: 14, 15.KMW 96.6

    Ngayo le-ndlela u-Kristu wabafundisa ukuba bamelwe kukuncedana. Endaweni yokufuna indawo epakamileyo elowo, ngamnye ufanele ukukutanda ukukonza abazalwana bake.KMW 97.1

    U-Msindisi weza ehlabatini ukuba asebenzele abanye. Wahlalela ukunceda asindise abo basweleyo benezono. Unga singenza oko Wakwenzayo.KMW 97.2

    Abafundi babe sebenentloni ngoku ngelo kwele labo nabobo-bugqolo nakoko-kuzicingela). Intliziyo zabo zazizele utando ngakwi-Nkosi yabo nangakomnye komnye. Ngoku babe sebeno kuyinyamekela imfundiso ka-Kristu.KMW 97.3

    Njengoko babe sese-tafileni apo, u-Yesu watabata isonka, Wabulela, Wasiqekeza, wabanika esiti, ” Ngumzimba wam lo onikelwa ngenxa yenu; oku kwenzeleni ukundikumbula.KMW 97.4

    “Kwa ngokunjalo nayo indebe wayitabata kwakukov’ ukudliwa, esiti, Le-ndebe ingumnqopiso omtsha osegazini lam elipalalela nina.” Luka 22: 19, 20.KMW 97.5

    I-Baibile iti, “Ngamaxesha onke enisukuba nisidla eso sonka, niyisele lo-ndebe niya kwazisa ukufa kweNkosi ide ifike.” 1 Kor. 11: 26.KMW 97.6

    I-sonka ne waine zifuzisela umzimba ne-gazi lika Kristu. Ngokoko isonka saqekezwayo, ne-waine yapokozwayo, ngokunjalo emnqamlezweni umzimba ka-Kristu waqekezwa ne-gazi Lake lapalazelwa ukuba sisindiswe.KMW 97.7

    Ngako ukudla isonka nokusela i-waine, sibonisa ukuba siyakolwa koku. Sibonisa ukuba siyaguquka ezonweni zetu, nokuba siyamamkela u-Kristu engu-Msindisi wetu.KMW 97.8

    Njengoko abafundi babehleli etafileni apo kunye noYesu, baqonda ukuba usakatazekile ngokukulu. Ilifu lati-zinzi pezu kwabo bonke, batya-ke bete-cwaka.KMW 99.1

    Ekugqibeleni u-Yesu wateta esiti, “I-nene Nditi kuni, Omnye wenu uya kundinikela.”KMW 99.2

    Abafundi babe buhlungu bemangalisiwe ngalamazwi. Ngamnye baqala bazicikida intliziyo zabo ukubona ukuba akungebe kuko ububi sinina bengcinga ecase uMfundisi wabo lowo.KMW 99.3

    Ngokulandelelana babuza, “Nkosi, ingaba ndim yinina?”KMW 99.4

    Ngu-Judas yedwa owasal’ ete-cwaka. Into-ke leyo eyaguqulela amehlo onke kuye. Ate akuqiqa ukuba uyaqondwa, waselesuk’ ebuza naye, “Mfundisi, ingaba ndim yinina?”KMW 99.5

    Waza u-Yesu wapendula ngokundilekileyo, “Naw’ uselutshilo.” Mateyu 26: 21, 22, 25.KMW 99.6

    U-Yesu waye zihlambile inyawo zika-Judas, kantinoko lento ayizanga yamenza ukuba amtande ngokungakumbi u-Msindisi. Waqumba ngokusuka u-Kristu enze umsebenzi wo-mkonzi. Kungoku waqonda ukuba u-Kristu akasokuba kumkani, waselegqiba ngokunye ukuba amnikele.KMW 99.7

    Akuba eqondile ukuba inzindlo yake yaziwe nayo lonto ayimbangelanga ukuba oyike. Ese ngqumbeni wemka ngokukauleza apo egumbini, nanko esiya kupumeza icebo lake lobubi.KMW 99.8

    Ukuhamba kuka Judas kwaba yi-nkululo kubo bonke ababelapo. Ubuso bo-Msindisi bakanyiswa, kuyo lonto lasuduka itunzi kubo abafundi.KMW 99.9

    U-Kristu kaloku waba netuba eteta nabafundi Bake. Wayesiya endlwini yo-Yise, Watsho, ukuba uyakubalungisela indawo, waye eya kubuye eze ukuza kubatabatela Kuye.KMW 100.1

    Watembisa ukutumela u-Moya Oyingcwele ukuba azokuba ngu-mfundisi no-monwabisi wabo akubon’ ukuba umkile. Wabayalela okokuze batandaze ngegama Lake, yaye imitandazo yabo iyakupendulwa ngokuqinisekileyo.KMW 100.2

    Wabatandazela-ke, ecela ukuba bahlangulwe ebubini, nokuba batandane njengoko Wabatandayo bona.KMW 100.3

    U-Yesu wasitandazela nati kwanje ngabafundi bokuqala. Wati:KMW 100.4

    “Andiceleli-ke aba bodwa, ndicelela nabo baya kukolwa kum ngelizwi labo; ukuze bonke babe banye; njengokuba Wena Bawo, uKum, Mna ndi-Kuwe, ukuze nabo babe banye kuti: ukuze ihlabati likolwe ukuba Wena waNdituma . . . nokuba wabatanda bona njengokuba Wanditandayo Mna.” John 17:20-23.KMW 100.5

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents