Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    ISAHLUKO 13—EKWELE ENGENA E-JERUSALEM

    U-YESU waye sondela e-Jerusalem esiya e-Pasikeni. Waye ngqongwe zi-ndimbane ezazisiya kwesi sidlo sikulu sonyaka.KMW 81.1

    Ngomyalelo Wake, ababini babafundi bezisa itole le-esile ukuze akwele ukungena e-Jerusalem. Bendlala ingubo zabo pezu kwe-silo eso, bambeka u-Mfundisi wabo pezu kwaso.KMW 81.2

    Ute-nje ukuba ahlale, unqangazo olupakamileyo loloyiso lwavakala esitubeni. Indimbane yambulisa njengo Mesiya, u-Kumkani wabo. Ngapezu kweminyaka emakulu mahlanu ngapambili, u-mprofeti wayixela ngenx’ engapambili le-mbonakalo.KMW 81.3

    “Gcoba kunene ntombi Engu-Tsiyon; . . . yabona, uKumkani wako uza kuwe; . . . etobekile ekwele i-esile ixamxo itole le-mazi ye-esile.” Zekaria 9: 9.KMW 81.4

    Bonke kuleyo ndimbane eyayisanda ngokukauleza babe vuyile bebuduzela. Babe ngenako ukumbabala izipo ezinexabiso, koko bendlala ingubo zabo zokwaleka, zaba ngu-mandlal’ wenyawo, endleni Yake.KMW 81.5

    Baxhuzula amasebe amatsha omnquma nawe sundu, bawa sasaza endleleni. Babe cinga ukuba baya mpahla u-Kristu ukuba atabate i-trone ka-Davide e-Jerusalem.KMW 81.6

    U-Msindisi akazanga wabavumela abalandeli Bake ngapambili ukuba bamnike imbeko njengo kumkani. Kodwa ngelixesha Wanqwenela ngokukodwa ukuzibonakalisa Ngokwake ehlabatini engu-Mkululi walo.KMW 81.7

    U-Nyana-ka-Tixo waye selezakuba lidini ngenxa yezono zoluntu. I-bandla Lake kuzo zonke izizukulwana ezilandelayo malipakamise ukufa Kwake kube ngumcimbi wokucingwa upengululwe nzulu. Kwakufanelekile, ke-ngoko, ukuba amehlo abantu bonke ngoku alatiswe Kuye.KMW 82.1

    Emva kweso sibonelo sinjalo, ukulingwa nokubetelelwa emnqamlezweni Kwake akuzanga kwaba kusa sitele kulo ihlabati. Kwa kunge ngqibo ka-Tixo okokuba isiganeko ngasinye kuleyo mihla yesipelo sobomi bo-Msindisi sicace ngangokuba kungabiko gunya elalingenza ukuba zilibaleke.KMW 82.2

    Kuleyo ndimbane enkulu eyayingqonge u-Msindisi kwakuko ubunqhina bamandla Ake asebenza-ngokumangalisayo.KMW 82.3

    Imfama awaye zibuyisele ukubona zazihamba pambili.KMW 82.4

    Izidenge ezazitukululwe Nguye ilwimi, zazinqangaza ngokupakamisa ngokute-tyi i-hosanna.KMW 82.5

    Iziqwala awaye zilulamisele izito zazitsiba ngovuyo, zizezona zazikutele ukuxhuzula amasebe esundu ziwatshangazisa pambi Kwake.KMW 82.6

    Abahlolokazi ne-nkedama babe linyusile igama likaYesu ngenxa yemisebenzi Yake yenceba ngakubo.KMW 82.7

    Amaqenqa awaye kunyanyeka awaye hlanjululwe ngelizwi endlala ingubo zawo endleleni.KMW 82.8

    Abo babe vuswe ekufeni ngokuyalela okudlis’ ubomi ko-Msindisi babe lapo.KMW 82.9

    No-Lazaro omzimba wawuselubolile enchwabeni, koko ngoku waye nandipa ukomelela kobudoda okubuqa- qauli, waye kunye neso sihlwele esasivuya esasipahle uMsindisi ukumngenisa e-Jerusalem.KMW 82.10

    Akubon’ ukuba amaqela amatsha ayatelela apo endimbaneni, arabula u-moya welixa elo, aselekungela u-memelelo olo olwalu banga intlokoma ngokulandelelana ukutsho kwi-nduli nge-nduli nakwi-ntlambo ngentlambo:KMW 83.1

    “Hosana kuye u-Nyana ka-Davide! Makabongwe lo uzayo esegameni le-Nkosi! Hosana enyangweni.” Mateyu 21: 9.KMW 83.2

    Into eninzi yaba-Farisi yayiko kwesi sibonelo, abatanda. Beva ukuba ulaulo lwabo luyadelwa nga-bantu. Barola lonke igunya labo belinga ukubanqanda; koko intsongelo zabo nokukalima kwabo kwasuka kwayi kwezelela inzondelelo leyo.KMW 83.3

    Beqonda ukuba abana kubanqanda abantu, banyanzeleka pakati kwe-ndimbane besiya kwi-ndawo abekuyo u-Yesu, batsh’ ukuti Kuye:KMW 83.4

    “Mfundisi, bakalimele abafundi Bako.”KMW 83.5

    Batsho ukuti lembutumbutu ingapandle komteto, ayingeze yavunyelwa ngabo abapati.KMW 83.6

    U-Yesu wati, “Ndiya nixelela, kungati kute-cwaka aba kunqangaze amatye-la.” Luka 19: 39, 40.KMW 83.7

    Esi sibonakalo soloyiso sasi ngokokumisela kukaTixo; kwaku xelwe ngenx’ engapambili ngaba profeti, akuko gunya lilelase-mhlabeni elalinga sitintelayo. Umsebenzi ka-Tixo uya kubakusoloko waqubeka, kuko konke okungenziwa ngumntu ukuwupazamisa nokuba kukuwucita.KMW 83.8

    Lwakubon’ ukuba olo rozo lute tu esipongweni sentaba leyo ekangelene ne-Jerusalem, ubungangamela obubalaseleyo bomzi lowo batana-gaga nabo.KMW 83.9

    Leyo ndimbane enkulu yanqumama ukumemelela, itemakata yileyo mbonakalo yobobuhle. Amehlo abo bonke aguqukela ku-Msindisi, belinde ukubona ebusweni Bake umangaliseko olo babe kulo nabo.KMW 85.1

    U-Yesu wati nqumama, kwaza ukusangana kosizi kwayileka ebusweni Bake, yaza indimbane leyo yamangaliswa ukumbona egqabuka ukulila ekwintlungu.KMW 85.2

    Abo babe mngqongile u-Msindisi abaluqondanga usizi Lwake; koko Waye lilela lowo-mzi ugwetyiweyo.KMW 85.3

    Wabe ungumntwana wokukulisa Kwake, ne-ntliziyo Yake yayisindwa yinimba njengoko Wayeqonda ukuba uza kwenziwa impanziso msinya.KMW 85.4

    Ukuba abantu bawo babe zinonelele imfundiso zika Kristu, bamamkela Yena Msindisi, i-Jerusalem leyo “ngeyema ngonapakade.”KMW 85.5

    Ngeyaba yi-kumkanikazi ye-zikumkani, ikululekile ekuqineni kowawo u-Tixo-umniki lulaulo.KMW 85.6

    Ngekwa kungazanga ngoko kubeko ma-soldati alinde emasangweni awo, ngekwa kungazanga kwapepezela ibanile ze-Roma ezindongeni zayo.KMW 85.7

    Kwa kuya kuvela e-Jerusalem apo ihobe loxolo liye kuzo zonke intlanga. Yayiya kuba sitsaba sozuko lwe lizwe.KMW 85.8

    Kodwa ama-Juda amgiba u-Msindisi wawo; aye seleza kumbetelela emnqamlezweni u-Kumkani wawo. Naxa ilanga liya kutshona ngobo busuku, isigwebo seJerusalem sasiya kuba sesitywinwe ngonapakade. (Mayela neminyaka emashumi mane emva koko, i-Jerusalem yabukuqwa ngokupeleleyo yatshiswa ngo-mlilo ngu-mkosi we-Roma.)KMW 85.9

    Kwafika udaba kuba-pati lokuba u-Yesu selesondela emzini apo eno-mkosi omkulu wabalandeli. Bapuma bamkaulela Yena, beba boyicitacita leyo ndimbane. Ngokudlisela kwe-gunya elikulu babuza:KMW 86.1

    “Ngubanina-lo?” Mateyu 21: 10.KMW 86.2

    Abafundi, bezele ngu-Moya we-mvuselelo, bapendula: “U-Adam uyakunixelela, yi-Mbewu yo-mfazi eya kutyumza intloko ye-nyoka.”KMW 86.3

    “Buzani ku-Abraham, uyakunixelela, Ngu-Melkizedeki, u-Kumkani we-Salem, u-Kumkani wo-Xolo.”KMW 86.4

    “U-Yakobi uyakunixelela, Yena ngu Shiloh wesizwe sika Juda.”KMW 86.5

    “U-Yesaya uyakunixelela, ngu-Imanueli, u-Mmangaliso u-Mcebisi, ngu-Tixo oligora, ngu-Sonini-na-nini, ngu-Mteteliwoxolo.”KMW 86.6

    “U-Jeremiah uyakunixelela, ngu Hlumelo likaDavide, u-Yehova ubulungisa betu.”KMW 86.7

    “U-Daniel uyakunixelela, Yena ngu Mesiya.”KMW 86.8

    “U-Hoseya uyakunixelela, u-Yehova u-Tixo u-Mikosi, u-Yehova sisikumbuzo Sake.”KMW 86.9

    “U-John um-Baptizi uyakunixelela, Uyi-Mvana kaTixo etwala isuse isono se-hlabati.”KMW 86.10

    “U-Yehova okongama wavakalisa ese-troneni Yake, Lo ngu-Nyana Wam oyintanda.”KMW 86.11

    “Tina bafundi Bake, siyaxela, Lo ngu-Yesu, u-Mesiya u-Mteteli wo-Bomi u-Mkululi.”KMW 86.12

    “Kwa no-mpati wegunya lobumnyama uyamvuma Yena, esiti, Ndiya kwazi Wena, ung’Oyingcwele kaTixo.”KMW 86.13

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents