Go to full page →

ISAHLUKO 7—U-BAPTIZO KMW 41

A lafikayo ixesha lo lungiselelo luka Kristu, isenzo Sake sokuqala waya emlanjeni i-Jordan, ukuba abaptizwe ngu-John umbaptizi. KMW 41.1

U-John waye tunywe ukulungiselela indlela yoMsindisi. Waye shumayela entlango, esiti: KMW 41.2

“Ubukumkani buka-Tixo busondele; guqukani nikolwe zindaba ezilungileyo ezi.” Mak. 1: 15. KMW 41.3

Indimbane zabutelana ukuba zimve. Into eninzi yahlabeka zizono zayo, yabaptizwa nguye e-Jordan apo. KMW 41.4

U-Tixo waye mxelele u-John ukuba ngenye imini uMesiya uyakufika kuye acele ukubaptizwa. Waye tembise nokuba kuyakunikwa umqondiso kuye, ukuze amqonde oyena anguye. KMW 41.5

Xa u-Yesu wafikayo, u-John wabona ebusweni Bake yona leyo miqondiso yobomi Bake obungcwele, ngangokude amalele Yena, esiti: “Mna kufuneka ndi-baptizwe Nguwe-nje, uza kum-na Wena?” KMW 41.6

“Upendule-ke u-Yesu wati kuye, Vuma okwakaloku; kuba kusifanele tina ukwenza njalo ukuzalisa bonke ubulungisa.” Mateyu 3:14, 15. KMW 41.7

Wati-ke akuba ekutetile oku, kwabonakala ebusweni Bake kwa oko kukanya kwase zulwini obabondelwe nguSimeon. KMW 41.8

Ngako-ke u-John wamrolela u-Msindisi emanzini eJordan etandekayo, waza wambaptiza apo emehlweni abantu bonke. KMW 42.1

U-Yesu akabaptizelwanga bunqina benguquko ngenx’enezono Zake; ngokuba Waye ngazanga wona. Wakwenzela umzekelo wetu. KMW 42.2

Xa wenyukayo epuma emanzini, waguqa elugudwini lo-mlambo, watandaza. Aza-ke amazulu avuleka, imita yobungcwalisa yatsaza, “wawubona u-Moya ka-Tixo usihla njenge hobe, uhlala pezu Kwake.” KMW 42.3

Ubuso Bake kwa nesitomo wadangazela kukukanya kobungcwalisa buka-Tixo. Laza livela e-Zulwini ilizwi lika-Tixo lavakala lisiti: KMW 42.4

“Lo ngu-Nyana Wam oyintanda endikolisiweyo nguye.” Mateyu 3: 16, 17. KMW 42.5

Obo bungcwalisa babute zinzi pezu ko-Kristu yayi sisinyaniso sotando luka-Tixo ngakuti. U-Msindisi weza ukuba abe ngu mzekelo kuti; kwa njengoko u-Tixo wawuvayo u-mtandazo Wake, Uyakusiva nati. KMW 42.6

Oyena usweleyo, oyena ongumoni omkulu, oyena udelekileyo, siyamkeleka ku-Yise. Xa sisiya Kuye ngegama lika-Yesu, elo lizwi latetayo Kuye liteta kuti, liti: Lo ngu-Nyana Wam oyintanda endikolisiweyo. KMW 42.7