Go to full page →

ISAHLUKO 13—EKWELE ENGENA E-JERUSALEM KMW 81

U-YESU waye sondela e-Jerusalem esiya e-Pasikeni. Waye ngqongwe zi-ndimbane ezazisiya kwesi sidlo sikulu sonyaka. KMW 81.1

Ngomyalelo Wake, ababini babafundi bezisa itole le-esile ukuze akwele ukungena e-Jerusalem. Bendlala ingubo zabo pezu kwe-silo eso, bambeka u-Mfundisi wabo pezu kwaso. KMW 81.2

Ute-nje ukuba ahlale, unqangazo olupakamileyo loloyiso lwavakala esitubeni. Indimbane yambulisa njengo Mesiya, u-Kumkani wabo. Ngapezu kweminyaka emakulu mahlanu ngapambili, u-mprofeti wayixela ngenx’ engapambili le-mbonakalo. KMW 81.3

“Gcoba kunene ntombi Engu-Tsiyon; . . . yabona, uKumkani wako uza kuwe; . . . etobekile ekwele i-esile ixamxo itole le-mazi ye-esile.” Zekaria 9: 9. KMW 81.4

Bonke kuleyo ndimbane eyayisanda ngokukauleza babe vuyile bebuduzela. Babe ngenako ukumbabala izipo ezinexabiso, koko bendlala ingubo zabo zokwaleka, zaba ngu-mandlal’ wenyawo, endleni Yake. KMW 81.5

Baxhuzula amasebe amatsha omnquma nawe sundu, bawa sasaza endleleni. Babe cinga ukuba baya mpahla u-Kristu ukuba atabate i-trone ka-Davide e-Jerusalem. KMW 81.6

U-Msindisi akazanga wabavumela abalandeli Bake ngapambili ukuba bamnike imbeko njengo kumkani. Kodwa ngelixesha Wanqwenela ngokukodwa ukuzibonakalisa Ngokwake ehlabatini engu-Mkululi walo. KMW 81.7

U-Nyana-ka-Tixo waye selezakuba lidini ngenxa yezono zoluntu. I-bandla Lake kuzo zonke izizukulwana ezilandelayo malipakamise ukufa Kwake kube ngumcimbi wokucingwa upengululwe nzulu. Kwakufanelekile, ke-ngoko, ukuba amehlo abantu bonke ngoku alatiswe Kuye. KMW 82.1

Emva kweso sibonelo sinjalo, ukulingwa nokubetelelwa emnqamlezweni Kwake akuzanga kwaba kusa sitele kulo ihlabati. Kwa kunge ngqibo ka-Tixo okokuba isiganeko ngasinye kuleyo mihla yesipelo sobomi bo-Msindisi sicace ngangokuba kungabiko gunya elalingenza ukuba zilibaleke. KMW 82.2

Kuleyo ndimbane enkulu eyayingqonge u-Msindisi kwakuko ubunqhina bamandla Ake asebenza-ngokumangalisayo. KMW 82.3

Imfama awaye zibuyisele ukubona zazihamba pambili. KMW 82.4

Izidenge ezazitukululwe Nguye ilwimi, zazinqangaza ngokupakamisa ngokute-tyi i-hosanna. KMW 82.5

Iziqwala awaye zilulamisele izito zazitsiba ngovuyo, zizezona zazikutele ukuxhuzula amasebe esundu ziwatshangazisa pambi Kwake. KMW 82.6

Abahlolokazi ne-nkedama babe linyusile igama likaYesu ngenxa yemisebenzi Yake yenceba ngakubo. KMW 82.7

Amaqenqa awaye kunyanyeka awaye hlanjululwe ngelizwi endlala ingubo zawo endleleni. KMW 82.8

Abo babe vuswe ekufeni ngokuyalela okudlis’ ubomi ko-Msindisi babe lapo. KMW 82.9

No-Lazaro omzimba wawuselubolile enchwabeni, koko ngoku waye nandipa ukomelela kobudoda okubuqa- qauli, waye kunye neso sihlwele esasivuya esasipahle uMsindisi ukumngenisa e-Jerusalem. KMW 82.10

Akubon’ ukuba amaqela amatsha ayatelela apo endimbaneni, arabula u-moya welixa elo, aselekungela u-memelelo olo olwalu banga intlokoma ngokulandelelana ukutsho kwi-nduli nge-nduli nakwi-ntlambo ngentlambo: KMW 83.1

“Hosana kuye u-Nyana ka-Davide! Makabongwe lo uzayo esegameni le-Nkosi! Hosana enyangweni.” Mateyu 21: 9. KMW 83.2

Into eninzi yaba-Farisi yayiko kwesi sibonelo, abatanda. Beva ukuba ulaulo lwabo luyadelwa nga-bantu. Barola lonke igunya labo belinga ukubanqanda; koko intsongelo zabo nokukalima kwabo kwasuka kwayi kwezelela inzondelelo leyo. KMW 83.3

Beqonda ukuba abana kubanqanda abantu, banyanzeleka pakati kwe-ndimbane besiya kwi-ndawo abekuyo u-Yesu, batsh’ ukuti Kuye: KMW 83.4

“Mfundisi, bakalimele abafundi Bako.” KMW 83.5

Batsho ukuti lembutumbutu ingapandle komteto, ayingeze yavunyelwa ngabo abapati. KMW 83.6

U-Yesu wati, “Ndiya nixelela, kungati kute-cwaka aba kunqangaze amatye-la.” Luka 19: 39, 40. KMW 83.7

Esi sibonakalo soloyiso sasi ngokokumisela kukaTixo; kwaku xelwe ngenx’ engapambili ngaba profeti, akuko gunya lilelase-mhlabeni elalinga sitintelayo. Umsebenzi ka-Tixo uya kubakusoloko waqubeka, kuko konke okungenziwa ngumntu ukuwupazamisa nokuba kukuwucita. KMW 83.8

Lwakubon’ ukuba olo rozo lute tu esipongweni sentaba leyo ekangelene ne-Jerusalem, ubungangamela obubalaseleyo bomzi lowo batana-gaga nabo. KMW 83.9

Leyo ndimbane enkulu yanqumama ukumemelela, itemakata yileyo mbonakalo yobobuhle. Amehlo abo bonke aguqukela ku-Msindisi, belinde ukubona ebusweni Bake umangaliseko olo babe kulo nabo. KMW 85.1

U-Yesu wati nqumama, kwaza ukusangana kosizi kwayileka ebusweni Bake, yaza indimbane leyo yamangaliswa ukumbona egqabuka ukulila ekwintlungu. KMW 85.2

Abo babe mngqongile u-Msindisi abaluqondanga usizi Lwake; koko Waye lilela lowo-mzi ugwetyiweyo. KMW 85.3

Wabe ungumntwana wokukulisa Kwake, ne-ntliziyo Yake yayisindwa yinimba njengoko Wayeqonda ukuba uza kwenziwa impanziso msinya. KMW 85.4

Ukuba abantu bawo babe zinonelele imfundiso zika Kristu, bamamkela Yena Msindisi, i-Jerusalem leyo “ngeyema ngonapakade.” KMW 85.5

Ngeyaba yi-kumkanikazi ye-zikumkani, ikululekile ekuqineni kowawo u-Tixo-umniki lulaulo. KMW 85.6

Ngekwa kungazanga ngoko kubeko ma-soldati alinde emasangweni awo, ngekwa kungazanga kwapepezela ibanile ze-Roma ezindongeni zayo. KMW 85.7

Kwa kuya kuvela e-Jerusalem apo ihobe loxolo liye kuzo zonke intlanga. Yayiya kuba sitsaba sozuko lwe lizwe. KMW 85.8

Kodwa ama-Juda amgiba u-Msindisi wawo; aye seleza kumbetelela emnqamlezweni u-Kumkani wawo. Naxa ilanga liya kutshona ngobo busuku, isigwebo seJerusalem sasiya kuba sesitywinwe ngonapakade. (Mayela neminyaka emashumi mane emva koko, i-Jerusalem yabukuqwa ngokupeleleyo yatshiswa ngo-mlilo ngu-mkosi we-Roma.) KMW 85.9

Kwafika udaba kuba-pati lokuba u-Yesu selesondela emzini apo eno-mkosi omkulu wabalandeli. Bapuma bamkaulela Yena, beba boyicitacita leyo ndimbane. Ngokudlisela kwe-gunya elikulu babuza: KMW 86.1

“Ngubanina-lo?” Mateyu 21: 10. KMW 86.2

Abafundi, bezele ngu-Moya we-mvuselelo, bapendula: “U-Adam uyakunixelela, yi-Mbewu yo-mfazi eya kutyumza intloko ye-nyoka.” KMW 86.3

“Buzani ku-Abraham, uyakunixelela, Ngu-Melkizedeki, u-Kumkani we-Salem, u-Kumkani wo-Xolo.” KMW 86.4

“U-Yakobi uyakunixelela, Yena ngu Shiloh wesizwe sika Juda.” KMW 86.5

“U-Yesaya uyakunixelela, ngu-Imanueli, u-Mmangaliso u-Mcebisi, ngu-Tixo oligora, ngu-Sonini-na-nini, ngu-Mteteliwoxolo.” KMW 86.6

“U-Jeremiah uyakunixelela, ngu Hlumelo likaDavide, u-Yehova ubulungisa betu.” KMW 86.7

“U-Daniel uyakunixelela, Yena ngu Mesiya.” KMW 86.8

“U-Hoseya uyakunixelela, u-Yehova u-Tixo u-Mikosi, u-Yehova sisikumbuzo Sake.” KMW 86.9

“U-John um-Baptizi uyakunixelela, Uyi-Mvana kaTixo etwala isuse isono se-hlabati.” KMW 86.10

“U-Yehova okongama wavakalisa ese-troneni Yake, Lo ngu-Nyana Wam oyintanda.” KMW 86.11

“Tina bafundi Bake, siyaxela, Lo ngu-Yesu, u-Mesiya u-Mteteli wo-Bomi u-Mkululi.” KMW 86.12

“Kwa no-mpati wegunya lobumnyama uyamvuma Yena, esiti, Ndiya kwazi Wena, ung’Oyingcwele kaTixo.” KMW 86.13