Go to full page →

IsiFundo Selixesha Lethu IL 225

Ubunqhina obungokumiswa kwebandla lobuKristu abunikelwanga kuthi njengecala nje kuphela lembhali engcwele kodwa linikelwe njengesifundo. Bonke abazibiza ngegama likaKristu mabalinde, bethandaza ngamxhelo mnye. Konke ukungavani ma kukhweleliswe, buze ubunye nobubele bokuthandana komnye nomnye bubatyhutyhe bonke bephela. Imithandazo yethu ke inganyuka kunye iye kuBawo wethu osemazulwini ngokholo olomeleleyo olunyamekileyo. Singalinda ke ngoko ngonyamezelo nangethembha ukuzaliseka kwedinga. IL 225.2

Impendulo ingafika ngamandla amakhulu nawoyisayo, okanye ingalityaziswa imihla neeveki, ukholo lwethu lucikidwe. Kodwa uThixo uyazi ukuba angawuphendula njanina okanye ninina umthandazo wethu. Elethu icala lomsebenzi kukuzibeka ngokulungelelene nejelo elingcwele. UThixo unako ukulithwala elakhe icala lomsebenzi. Uthembhekile lowo udingileyo. Eyonanto inkulu nebalulekileyo kuthi kukuba sibe mxhelo mnye nangqondo nye, silibeka bucala lonke ikhwele nomona, size, ngezikhungu ezithobekileyo, siphaphe silinde. UYesu, umMeli neNtloko yethu, ukulungele ukusenzela oko wakwenzela aabo babethandaza belindile ngomhla wePentekoste. IL 225.3