Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents
Ibali Lenkululo - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    IsiFundo Selixesha Lethu

    Ubunqhina obungokumiswa kwebandla lobuKristu abunikelwanga kuthi njengecala nje kuphela lembhali engcwele kodwa linikelwe njengesifundo. Bonke abazibiza ngegama likaKristu mabalinde, bethandaza ngamxhelo mnye. Konke ukungavani ma kukhweleliswe, buze ubunye nobubele bokuthandana komnye nomnye bubatyhutyhe bonke bephela. Imithandazo yethu ke inganyuka kunye iye kuBawo wethu osemazulwini ngokholo olomeleleyo olunyamekileyo. Singalinda ke ngoko ngonyamezelo nangethembha ukuzaliseka kwedinga.IL 225.2

    Impendulo ingafika ngamandla amakhulu nawoyisayo, okanye ingalityaziswa imihla neeveki, ukholo lwethu lucikidwe. Kodwa uThixo uyazi ukuba angawuphendula njanina okanye ninina umthandazo wethu. Elethu icala lomsebenzi kukuzibeka ngokulungelelene nejelo elingcwele. UThixo unako ukulithwala elakhe icala lomsebenzi. Uthembhekile lowo udingileyo. Eyonanto inkulu nebalulekileyo kuthi kukuba sibe mxhelo mnye nangqondo nye, silibeka bucala lonke ikhwele nomona, size, ngezikhungu ezithobekileyo, siphaphe silinde. UYesu, umMeli neNtloko yethu, ukulungele ukusenzela oko wakwenzela aabo babethandaza belindile ngomhla wePentekoste.IL 225.3

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents