Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents
Ibali Lenkululo - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Ukuza Kwesibini KukaKristu

    Kungabanga kudala kwabonakala ilifu elikhulu elimhlophe, ekwakuhleli kulo uNyana womntu. Ukubonakala kwalo okokuqala kude, elilifu lakhangeleka ngathi lincinane kakhulu. Isithunywa sathi ngumqondiso woNyana womntu. Lakuba lisondela emhlabeni, saba nokububona ubuqaqauli obuncamisileyo nobungangamsha bukaYesu xa wayekhwele kulo esiza kweyisa. Isihlwele sezithunywa ezingcwele, zinezitsaba ezikhanyayo, ezibengezelayo phezu kweentloko zazo, zampheleka endleleni yakhe.IL 369.1

    Akukho ntetho ingabuchazayo ubuqaqauli balombono. Ilifu eliphilileyo lobungangamsha nobuqaqauli obungadlulwa nto laya lisondela ngokusondela, saba nokusibona ngokucacileyo isiqu esibukekayo sikaYesu. Waye ngathwele isitsaba sameva, kodwa kwa kuhleli isitsaba sobuqaqauli phezu kwebunzi lakhe. Engutyeni yakhe nasethangeni lakhe kwakubhalwe igama, elithi, Kumkani kakumkani, noNkosi kankosi. Ubuso bakhe babubengezela njengelanga emini emaqanda. Amehlo akhe enjengelangatye lomlilo, neenyawo zakhe zifana nobhedu olubengezelayo. Izwi lakhe lalifana nezinto ezininzi zokuvuma. Umhlaba wangcangcazela phambhi kwakhe, amazulu afingeka, njengencwadi esongiweyo; zathi zonke iintaba neziqithi zasuswa ezindaweni zazo. “Bathi ookumkani bomhlaba, namanene, nezityebi, nabathetheli-waka, nabanamandla, namakhoboka onke, nabakhululekileyo bonke, bazifihla emiqolombheni nasemaweni eentaba. Bathi kwiintaba nakumawa, Siweleni, nisifihle ebusweni balowo uhleli phezu kwetrone, nasengqumbheni yemVana; ngokuba ufikile umhla omkhulu wengqumbho yayo; ngubani na ke onako ukuma?” IsiTyhilelo 6: 15-17.IL 369.2

    Aabo kwixeshana nje elincinane elidluleyo babeza kubabulala abantwana bakaThixo abathembhekileyo bangabikho emhlabeni, babona ngoku ubuqaqauli bukaThixo buphumle phezu kwabo. Kwaza kwathi phakathi kwako konke ukunkwantya kwabo baweva amazwi abangcwele evuma ingoma emnandi ethi, “Yabona, lo nguThixo wethu; be sithembhele kuye, ukuba asisindise.” Isaya 25: 9.IL 369.3

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents