Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents
Ibali Lenkululo - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Ukukhukhumala KukaHagare

    UHagare waye nekratshi nokuziqhayisa, waziphakamisa phambhi koSara. Wazithuthuzela ngokucinga ukuba uza kuba ngunina wohlanga olukhulu uThixo awaye dinge ukulwenza ngoAbraham. Wanyanzeleka ke uAbraham ukuba aphula-phule izikhalazo ezivela kuSara ngesimilo sikaHagare, ebeka uAbraham ityala ngalendawo. UAbraham wakhathazeka wamxelela uSara ukuba uHagare ngumkhonzazana wakhe, ngoko ke unokumlaula, kodwa waala ukumgxotha, kuba wayeza kuba ngunina womntwana wakhe, acinga ukuba ngaye idinga liza kuzaliseka. Wamxelela uSara ukuba nge engamthabathanga uHagare waba ngumfazi wakhe ukuba ibi ngabanga sisicelo esisodwa sakhe.IL 70.2

    UAbraham kananjalo wanyanzeleka ukuba aziphula-phule izikhalazo zikaHagare zokucukucezwa nguSara. Waba sengxakini uAbraham. Bekusithi akuzamela ukuthuthuzela ukooniwa kukaHagare ongeze ubukhwele nokungonwabi kukaSara umfazi wakhe wokuqala namthanda kakhulu. UHagare wabaleka wemka kuSara. Isithunywa sikaThixo saya kuye samthuthuzela, kananjalo samngxolisa ngesimilo sakhe sokukhukhumala, xa sasimyalela ukuba abuyele kwinkosikazi yakhe azithobe phantsi kolaulo lwayo.IL 70.3

    Emva kokuzalwa kukalshmayeli uYehova wazibonakalalisa kwakhona kuAbraham, wathi kuye, “Ndiwumise umnqophiso wam phakathi kwam nawe, naphakathi kwembhewu yakho emva kwakho kwizizukulwana zayo, ube ngumnqophiso ongunaphakade.” Waphinda kwakhona uYehova ngesithunywa sakhe idinga lakhe lokunika uSara unyana, nokuba uya kuba nguyise wengxokolo yezizwe. UAbraham nangoku akaliqondanga idinga likaThixo. Ingqondo yakhe kwa oko yathi tyaba kuIshmayeli, ngokungathi ngaye kuya kuvela lengxokolo yezizwe ezidingiweyo, waza wavakala esithi, ngenxa yokumthanda kwakhe unyana wakhe uIshmayeli, “Wanga uIshmayeli angadla ubomi phambhi kwakho!”IL 71.1

    Kwakhona idinga lanikwa ngokucacileyo ngakumbhi kuAbraham: “USara umkakho uya kukuzalela unyana, umbize ngegama lokuba nguIsake ; ndiwumise umnqophiso wam naye, ube ngumnqophiso onguna-phakade kwimbhewu yakhe emva kwakhe.” Izithunywa zathunyelwa kuAbraham isihlandlo sesibini xa zazisendleleni yazo ukuya eSodom, zaliphinda idinga lokuba uSara uya kuba nonyana.IL 71.2

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents