Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents
Ibali Lenkululo - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Isahluko 60—Ixesha Lembhandezelo kaYakobi

    NDABABONA abangcwele bezishiya izixeko neelali behlanganisana beba ngamaqelana, behlala kwezona ndawo zizodwa. Izithunywa zezulu zabagcina ngokutya nangamanzi, logama abangendawo babe bandezelekile kukulambha nalunxano. Ndaza ndababona ke abantu abaphambhili bomhlaba bebhunga kunye, noSatana nezithunywa zakhe ziphithizela phakathi kwabo. Ndabona umbhalo, iziyalezo zawo zisasazwa kwiindawo ngendawo zelizwe, ezinika imiyalelo yokuba xa abangcwele bengavumi ukuyilahla lenkolo yabo iyodwa, bayeke ukuyigcina iSabata, bagcine umhla wokuqala we-veki, abantu bakhululekile emva kwexesha elithile ukuba bababulale. Kodwa ngaleyure yokulingwa abangcwele babezolile bepholile, bethembhele kuThixo beyame ngedinga lakhe lokuba uya kuyivelisa indlela yokusinda kwabo.IL 365.1

    Kwezinye iindawo, ngaphambhi kwexesha lokusetyenziswa komyalelo lowo, abangendawo babahlasela abangcwele ukuba bababulale; kodwa izithunywa zezulu zizimilise okwamadoda okulwa zabalwela. USatana wayelangazelela ukuba nalo ilungelo lokubatshabalalisa abangcwele bOsenyangweni, kodwa uYesu waziyalela izithunywa zakhe ukuba zibakhusele. UThixo wayeza kuzukiseka ngokwenza umnqophiso kunye naabo bawugcinileyo umthetho wakhe, ebusweni babahedeni ababangqongileyo; noYesu wayeza kuzukiseka ngokubanyusela ezulwini, bengakubonanga ukufa, abathembhekileyo, abalindileyo ebekukudala kangaka bemlangazelela.IL 365.2

    Kungabanga kudala ndababona abangcwele besentlungwini enkulu yasengqondweni. Babangathi baraqiwe ngabemi abangendawo bomhlaba. Inkangeleko yonke yokuma kwezinto yayichasene nabo. Abanye baqala boyikela ukuba uThixo ekugqibeleni ubashiyile ukuba batshabalale ezandleni zabangendawo. Kodwa ukuba amehlo abo ebengavulwayo, babe ngazibona beraqwe zizithunywa zikaThixo. Emva koku kulandele isihlwele sabangendawo abanomsindo, kwaza emva kwaso kwalandela inyambhalala yezithunywa ezikhohlakeleyo, zibafunza abangendawo ukuba bababulale abangcwele. Kodwa ngaphambhi kokuba baye kufika ebantwini bakaThixo, abangendawo babemelwe kukudlula kuqala kwiqela lezithunywa ezinamandla, ezingcwele. Oku ke kwa kungenakwenzeka. Izithunywa zikaThixo zazi banyanzela ukuba bahlehle, zizinyanzela kananjalo ukuba zihlehle izithunywa ezikhohlakeleyo ezazibaraqile zibafunza.IL 365.3

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents