Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents
Ibali Lenkululo - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Isahluko 34—Ukuthembheka KuThixo Phantsi KweNtshutshiso

    ABAPOSTILE bawuqhuba umsebenzi wabo wenceba, wokuphilisa ababandezelekileyo nowokuvakalisa um- Sindisi obethelelweyo novukileyo, ngamandla amakhulu. Kongezelelwa amanaani futhi ebandleni ngobaptizo, kodwa akubangakho banobuganga bokuzimanya nabo kwaba bengemxhelo mnye nangqondo nye namakholwa kuKristu. Izihlwele zantontelana ukuya eJerusalem, zizisa imilwelwe yazo kunye naabo bakhathazwa ngoomoya abancholileyo. Baninzi ababandezelekileyo abalaliswa ecaleni lezitrato xa uPetros noJohane babedlula, ukuze izithunzi zabo zibasibekele baphiliswe. Amandla omSindisi ovukileyo ngenene aye bawele abapostile, baza beenza imiqondiso nemimangaliso eyawandisayo amanaani amakholwa.IL 230.3

    Ezizinto zabakhathaza kakhulu ababingeleli nabaphathi, ngokukodwa aabo phakathi kwabo babe ngabaSadusi. Babona ukuba xa abapostile bevunyelwe ukuba bashumayele umSindisi ovusiweyo, benze nemimangaliso ngegama lakhe, imfundiso yabo yokuba akukho luvuko lwabafileyo iya kukhanyelwa ngabo bonke, lize ihlelo labo kungabanga kudala liphele. AbaFarisi babona ukuba injongo yokushumayela kwabo yayi yeyokuchitha izithethe zamaJuda bayenze imibingelelo yamadini into engento. Imizamo yabo yangaphambhili yokuthintela aaba bashumayeli yayibe lilize, kodwa ngoku baziva bezimisele ukuba baluchithe oluvuselelo.IL 231.1

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents