Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents
Ibali Lenkululo - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    uMoses

    Xa lomthetho ukhohlakeleyo wawusebenza ngamandla, uMoses wazalwa. Unina wamfihla ngangoko wayenako ngaphandle kwengozi, waza ke wamenzela umkhombhe ngemikhanzi, wawutyabeka ngebitumene, ukuze amanzi angangeni kuwo, wawufaka elunxwemeni lomlambho, logama udade wabo waye hambhahambha kufuphi namanzi engathi akakhathalele nto. Wayelindile ngenyameko ukuba abone ooko kuza kumhlela umnakwabo omncinane. Izithunywa zezulu nazo zazilindile, ukuba olusana lungenakuzinceda lungahlelwa ngozi, olwalubekwe apho ngumzalikazi onothando wanikelwa elugcinweni lukaThixo ngemithandazo yakhe yenyameko exubene neenyembhezi.IL 95.2

    Ezizithunywa ke zawakhokela amanyathelo entombhi kaFaro aya emlanjeni, kanye kufuphi naloo ndawo awayelele kuyo lomphambhukeli mncinane. Ingqalelo yayo yatsalelwa kulomkhombhe, yathuma omnye wabakonzazana bayo ukuba bawuzise kuyo. Ithe yakuba iwunqikile lomkhonjana owenziwe ngendlela eyodwa yabona usana oluhle, “naantso inkwenkwana ilila. Yaba nofefe ngayo.” Yazile ukuba unozala othile onobubele womHebere nguye owenze lendlela iyodwa yokusindisa umntwana wakhe othandekayo kakhulu, yagqiba kwa oko ukuba abe ngunyana wayo. Udade boMoses wathi gqada weza kwa oko wabuza, “Ndiye kukubizela na umfazi wama- Hebere onokwanyisa, akwanyisele umntwana? Yathi intombhi kaFaro kuye, Yiya.”IL 95.3

    Ngovuyo udade wabo wabalekela kunina wamxelela ezondaba zimnandi wamkhokelela ngokukhauleza kwintombhi kaFaro, apho umntwana wanikelwa kunina ukuba amanyise, waza wavuzwa ngokwaneleyo ngokukhulisa unyana ongowakhe. Ngombulelo lomzalikazi wangena kulomsebenzi wakhe ukhuselekileyo nomnandi. Wakholwa ukuba nguThixo obusindisileyo ubomi bakhe. Ngokuthembheka walisebenzisa ithuba elixabisekileyo ukumfundisela umntwana ubomi obuluncedo. Waba nononelelo olulodwa ekumqeqesheni kunolo aabanalo kwabanye abantwana bakhe; kuba waziva eqinisekile ukuba usindiselwe umsebenzi othile omkhulu. Ngoqeqesho lwakhe lokuthembheka wafunzela kulengqondwana ukoyika uThixo nokuthanda inyaniso nokusesikweni.IL 96.1

    Akaphelelanga apha emizameni yakhe kodwa wamthandazela kuThixo ngenyameko unyana wakhe ukuba akhuselwe kuyo yonke impembhelelo eyonakalisayo. Wamfundisa ukuqubuda athandaze kuThixo, lo uphilileyo yena uThixo, kuba nguye kuphela onokumva amncede nakuyiphina ingxaki. Wazama ukucinezela engqondweni yakhe ubusoono bokunqulwa kwezithixo. Wayesazi ukuba uza kwahlulwa kamsinya nempembhelelo yakhe anikelwe kunina wakhe omtsha wasebukhosini, angqongwe ziimpembhelelo ezilungiselelwe ukuba zimenze angakholelwa ebukhweni bomEnzi wamazulu nomhlaba.IL 96.2

    Uqeqesho aluzuzayo kubazali bakhe lwaba lolokuyomeleza ingqondo yakhe lumkhusele ekuziphakamiseni nasekonakalisweni sisoono abe nekratshi pakathi kobunewu-newu nobukhazi-khazi bobomi basebhotweni lokumkani. Waye nengqondo ekrele-krele nentliziyo eqondayo, akaze azilahle izimvo ezingcwele azifumana ebuncinaneni bakhe. Unina wamgcina ithuba elingangoko anako, kodwa wamelwa kukwahlukana naye akuba minyaka ilishumi elinambhini ubudala, waba ke ngunyana wentombhi kaFaro.IL 96.3

    Apha ke uSatana woyiswa. Ngokufunza uFaro ukuba atshabalalise abantwana abangamakhwenkwe, wayecinga ukuphambukisa iinjongo zikaThixo amtsha- balalise lowo wayeza kuvuswa nguThixo ukuba ahlangule abantu bakhe. Kodwa ke kanye lomyalelo, onikela abantwana abangamaHebere ekufeni, waba yindlela uThixo ajika yona yokuze uMoses angeniswe elusatsheni lakomkhulu, apho wazuza amalungelo okuba yindoda efundileyo nephumelele ngokufanelekileyo ukuba abakhokele abantu bakowabo abakhuphe eJiputa.IL 96.4

    UFaro wayethembhe ukuba uya kumphakamisa umzukulwana wakhe ngokwenziwa ambeke etroneni. Wamfundisela ukuba akhokele imikhosi yaseJiputa aye nayo emfazweni. UMoses wayethandwa kakhulu yimikhosi kaFaro ehlonelwe kuba wayeyikhokela imfazwe ngobuchule obuphakamileyo nangobulumko. “Waqeqeshwa ke uMoses kubo bonke ubulumko bamaJiputa; waye ke eyinkunkqele ngamazwi nangemisebenzi.” AmaJiputa amkhangela uMoses njengomntu oyedwa.IL 97.1

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents