Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents
Ibali Lenkululo - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Ukulungiselela Ukuhlangabeza iNkosi

    Ngolangazelelo olungathethekiyo aabo babe samkele isigidimi bakulindela ukuza komSindisi wabo. Ixesha ababe lindele ukumhlangabeza ngalo lalisondele. Basondela kwelixa ngokuzola okundilekileyo. Baphumla ebudlelaneni obumnandi noThixo, isiqinisekiso soloxolo olwaluza kuba lolwabo kwikamva elikhazimlayo. Akakho kwaabo balixhamlayo elithembha unokuzilibala ezo yure zixabisekileyo zokulinda. Imisebenzi yehlabathi ikakhulu yabekwa bucala okweveki ezimbalwa. Amakholwa ayicikida ngenyameko ingcamango nganye noluvo lweentliziyo zabo ngokungathi basezinkukweni zabo zokufa nokungathi emva kweeyure ezimbalwa baza kuwavala amehlo awo kwimibono yasemhlabeni. Kwa kungekho kwenziwa “kwazingubo zakunyuka,” kodwa bonke bayiva imfuneko yobunqhina bangaphakathi bokuba bakulungele ukumhlangabeza umSindisi; iingubo zabo ezimhlophe zazi bubunyulu bomphefumlo, izimilo ezihlanjululweyo esoonweni ligazi likaKristu elicamagushelayo.IL 326.1

    UThixo wayexunele ukuba abacikide abantu bakhe. Isandla sakhe sasiflhle imposiso ekubaleni amaxesha esiprofeto. AbaLindi abazange bayifumane lemposiso, ingazange ifunyanwe nangawona madoda afundileyo kubachasi bawo. Bona aaba bokugqibela bathi, “Ukuwabala kwenu lamaxesha esiprofeto nikuchanile. Kukho isiganeko esikhulu esiza kuhla, kodwa asiyiyo lento uMnu. Miller alatha yona; kukuguqukela kuKristu kwehlabathi, asikuko ukuza kwesibini kwakhe.”IL 326.2

    Ixesha lokulindela ladlula, uKristu akafika ukuza kukhulula abantu bakhe. Aabo babemlindile umSindisi wabo ngokholo olunyanisekileyo nangothando baba namava okudaniswa okukrakra. Kanti ke noko iNkosi yayi yiphumezile injongo yayo: Yayi zicikidile iintliziyo zaabo bazibiza ukuba balindele ukubonakala kwayo. Kwa kukho phakathi kwabo abaninzi ababengenasizathu ingaphezu kokoyika. Ukuluvakalisa kwabo ukholo kwa kungazichukumisanga iintliziyo okanye ubomi babo. Sakuba isiganeko esilindelweyo singaphumelelanga ukuhla, aaba bantu bathi abadaniswanga; babengazanga bakholwa ukuba uKristu uza kuza. Baba phakathi kwabokuqala ukugculela ngosizi lwamakholwa enene.IL 326.3

    Kodwa uYesu nawo wonke umkhosi wezulu bakhangela ngothando nangovelwano phezu kwabalingiweyo abathembhekileyo noxa bedanisiwe. Ukuba umkhusane owahlula okungabonakaliyo kokubonakalayo wawunokushenxiswa, izithunywa ngezabonwa zisondela kufuphi kulemiphefumlo yomeleleyo ziyikhusela kwiintolo zikaSatana.IL 327.1

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents