Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents
Ibali Lenkululo - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Isifundo

    UYakobi noEsau bamele iindidi ezimbhini: UYakobi, olungamalungisa, uEsau, olungendawo. Ukubandezeleka kukaYakobi akuba evile ukuba uEsau uyeza kuye enamadoda angamakhulu amane, kumele imbhandezelo yamalungisa wakuba uphumile umyalelo wokuba mawabulawe kanye phambhi kokufika kweNkosi. Bakuba abangendawo behlanganisana ukuba bawaraule, aya kuzaliswa yintlungu, kuba nawo njengoYakobi, ayakuba engaboni ndlela yokusinda kobomi bawo. Isithunywa sazimisa phambhi koYakobi, wasibambha isithunywa wazamana naso ubusuku bonke. Kwa ngokunjalo bonke abangamalungisa, ngexesha labo lembhandezelo nentlungu, bazamana ngomthandazo noThixo, njengoko uYakobi wazamana nesithunywa. UYakobi ekubandezelekeni kwakhe wathandaza ubusuku bonke ukuba ahlangulwe esandleni sikaEsau. Abangamalungisa entlungwini yengqondo yabo baya kukhalela kuThixo imini nobusuku ukuba bahlangulwe esandleni sabangendawo ababangqongileyo.IL 87.1

    UYakobi wakuvuma ukungafaneleki kwakhe: “Andiyilingene inceba yakho, nenyaniso yonke oyenzileyo kumkhonzi wakho.” Amalungisa ekubandezelekeni kwawo ayakuba nobunzulu bokuziqonda ukungafaneleki kwawo aze eneenyembhezi ezininzi akuvume ukungafaneleki kwawo, aze, njengoYakobi, awabange amadinga kaThixo ngoKristu, enzelwe kanye aabo bangabooni abaxhomekeke kuye, abangenakuzinceda, abazohlwayayo.IL 87.2

    UYakobi embhandezelweni yakhe watshela kuso isithunywa akavuma ukusiyeka. Xa wayethandaza elila, isithunywa samkhumbhuza ngeziphoso zakhe za- ngaphambhili sazamela ukumshiya uYakobi, ukuba simvavanye simcikide. Kuya kuba njalo ke kumalungisa, ngomhla wembhandezelo yawo, aya kuvavanywa, acikidwe, alingwe, ukuba kubonwe amandla okholo lwawo, nozingiso lwawo nenkoloseko engashukunyiswayo emandleni kaThixo ukuba awahlangule.IL 87.3

    UYakobi akavumanga ukwaaliwa. Wayemazi uThixo ukuba unenceba, wabhenela encebeni yakhe. Walatha emva entlungwini yakhe yangaphambhili ngenxa yezoono zakhe nokuzidanela kwakhe, wasinyanzela isicelo sakhe sokuhlangulwa esandleni sikaEsau. Ngalendlela ke wajoka ubusuku bonke. Akuba ezikhumbhula iziphoso zakhe zangaphambhili waphantsa ukuncama. Kodwa wayesazi ukuba umelwe kukufumana uncedo oluvela kuThixo okanye uya kutshabalala. Wasibambha isithunywa nkqi wasinyanzela isicelo sakhe ngencwina enozondelelo, wada weyisa.IL 88.1

    Kuya kuba njalo ke kumalungisa. Akuba ekhumbhula izenzo zawo zangaphambhili, amathembha awo aya kuphantsa ukuphela. Kodwa akuba eqonda ukuba lo ngumcimbhi wobomi nokufa, aya kukhalela kuThixo ngenyameko, abhenele kuye ngosizi lwawo lwangaphambhili, nokuzidanela kwawo ngokuthobekileyo izoono zawo ezininzi, aze ke athethe ngedinga lakhe elithi, “Ma babambhelele egwibeni lam, baxolelane nam, ewe, baxolelane nam.” Isaya 27: 5. Imithandazo yawo yenyameko iyakwenziwa ngalendlela ke imini nobusuku. UThixo nge engawuvanga umthandazo kaYakobi wabusindisa ngenceba ubomi bakhe ukuba waye ngathanga kuqala aguquke kwiziphoso zakhe zokwamkela intsikelelo ngenkohliso.IL 88.2

    Amalungisa, kwanjengoYakobi, aya kubonakalalisa ukholo olungayekeleliyo nokuzimisela okunyamekileyo, okungayi kuvuma salelo. Aya kuzibona ukungafaneleki kwawo kodwa awayi kuba naziphoso zifihliweyo amawazityhile. Ukuba aye nezoono, ezingavunywanga nezingadanelwanga ezingaveliswa phambhi kwawo, ngoku asentlungwini ethuthunjiswa luloyiko nembhandezelo, enako konke ukuziqonda ukungafaneleki kwawo, ebengoyiswayo. Ukuncama be kuya kuliphelisa ukholo lwawo olunyamekileyo, kuba aye ngayi kuba nayo inkoloseko yokutaruzisa kuThixo ngenyameko ukuba awahlangule, kuba imizuzu yawo exabisekileyo ibiya kuchithelwa ekuvumeni izoono ezifihliweyo nokulilela imeko yawo engathembhisiyo.IL 88.3

    Ithuba lenceba lithuba elinikwe kubo bonke ukuba balungiselele imini enkulu kaYehova. Ukuba kukho aabo baluhilizelayo ulungiselelo nabangazinanziyo iziyalo ezithembhekileyo ezinikiweyo, abayi kuba nasilandulo. Ukubambhana kukaYakobi okunyamekileyo nokuzingileyo nesithunywa ma kube ngumzekelo kumaKristu: uYakobi weyisa ngokuba wazingisa wazimisela.IL 89.1

    Bonke abayifunayo intsikelelo kaThixo, njengoYakobi, abaya kubambhelela emadingeni akhe, njengoko yena weenza njalo, baya kuphumelela njengoko waphumelelayo. Kuncinane kakhulu ukusetyenziswa kokholo lwenene, ukwamncinane kakhulu nomthwalo wenyaniso ophezu kwaabo bazibiza ukuba bangamakholwa ngenxa yokuba bedangele ezintweni zasemoyeni. Bayaala ukwenza imizamo, nokuzincama, bancwine phambhi koThixo, benze imithandazo emide nenyamekileyo becela intsikelelo, baze ngenxa yoko bangayifumani. Olokholo oluya kuphumela kweloxesha lembhandezelo kufuneka lusetyenziswe kwangoku imihla le. Aabo bangenzi mizamo yomeleleyo ngoku yokusebenzisa ukholo oluzingayo, baya kuba bengakulungelanga mpela ukulusebenzisa olokholo oluya kubabangela ukuba babe nokuma ngomhla wokulingwa.IL 89.2

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents