Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents
Ibali Lenkululo - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Isahluko 8—Unogumbhe

    Inzala kaSete yayibizwa ukuba ngoonyana bakaThixo; inzala kaKayin, oonyana babantu. Bathe oonyana bakaThixo bakuxubana noonyana babantu, bonakala, baza ngokuzekelana, balahlekwa sisimilo sabo esiyinqobo nesingcwele ngenxa yempembhelelo yabafazi babo, bathelela koonyana bakaKayin ekunquleni izithixo. Abaninzi baakulahla ukumoyika uThixo bayinyathelela phantsi imithetho yakhe. Kodwa babekho abambalwa abenza okulungileyo, abamoyi- kayo bambeka umDali wabo. UNowa nosapho lwakhe babe phakathi kwamalungisa ambalwa.IL 55.2

    Inkohlakalo yabantu yayinkulu, yandile ngendlela eyoyikekayo, ngangokuba uThixo azisole ukuba emenzile umntu phezu komhlaba, kuba wabona ukuba inkohlakalo yabantu yayinkulu ngangokuba konke ukuyila kweentliziyo zabo kube bububi ngalo lonke ixesha.IL 57.1

    Ngaphezu kweminyaka elikhulu ngaphambhi koNogumbhe uYehova wathuma isithunywa sezulu kuNowa othembhekileyo ukuba simazise ukuba akayi kusoloko enenceba koluhlanga lonakeleyo. Kodwa ke akayi kubayeka bengayazi injongo yakhe. Wayeza kuqeqesha uNowa amenze umshumayeli othembhekileyo wokuyala ihlabathi ngentshabalalo yalo ezayo, ukuze abemi bomhlaba bashiywe bengenasilandulo. UNowa wayeza kushumayela ebantwini, kananjalo aakhe umkhombhe njengoko uThixo wayeza kumyalela wokusindisa yena nosapho lwakhe. Waye ngaz’ ukushumayela kuphela, kodwa umzekelo wakhe wokwaakha umkhombhe wawuza kubanelisa bonke ekubeni uyakholwa yinto ayishumayelayo.IL 57.2

    UNowa nosapho lwakhe babengebodwa ekumhloneleni nasekumthobeleni uThixo. Kodwa uNowa waye nguyena ungaphezulu ngentlonelo nobungcwele ngaphezu kwakhe nawuphina phezu komhlaba, waba nguye uThixo awagcina ubomi bakhe ukuba aphumeze intando yakhe ngokwaakha umkhombhe ayale ihlabathi ngentshabalalo yalo ezayo. UMethusela, uyisemkhulu kaNowa, waphila kwada kwaba nguloo nyaka kanye kaNogumbhe; babekho ke nabanye abakukholelwayo ukushumayela kukaNowa, bamncedisa ukwaakha umkhombhe, abafayo ngaphambhi kokuba unogumbhe wamanzi afike phezu komhlaba. UNowa ngokushumayela kwakhe nomzekelo wakhe wokwaakha umkhombhe, waligweba ihlabathi.IL 57.3

    UThixo wabanika bonke abathandayo ithuba lokubuyela kuye. Kodwa abakholwanga kukushumayela kukaNowa. Bazigculela iziyalo zakhe bahlekisa ngako ukwaakhiwa komkhombhe omkhulu kangaka phezu komhlaba owomileyo. Imizamo kaNowa yokubahlaziya abantu ayizange iphumelele. Kodwa ngaphezu kweminyaka elikulu wazingisa emizameni yakhe ukubajikela abantu ekuguqukeni nakuThixo. Sonke isithonga esibhethwe emkhombheni sasishumayela ebantwini. UNowa wayalela, washumayela, wasebenza, logama abantu bebukele bethe manga bemkhangela njengegeza lenkolo.IL 57.4

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents