Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents
Ibali Lenkululo - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Intshumayelo kaPetros

    UPetros wabaxelela ukuba lombonakaliso uyinza- liseko ecacileyo yesiprofeto sikaJoweli, awaxela kuso ngenxa engaphambhili ukuba amandla anjengala aya kubawela abantu bakaThixo abalungiselele umsebenzi owodwa.IL 222.3

    UPetros walanda umlibo wendlu obekekileyo kaDavide. Akasebenzisanga nanye yeemfundiso zikaYesu ukuqinisekisa eyona njongo yakhe yenene, ngenxa yokuba wayesazi ukuba ukukhauleza kwabo bagwebe kwa kukukhulu ngangokuba zingabi nakusebenza. Kodwa wabalathisa kuDavide, owaye khangelwe ngamaJuda njengenyange elibekekileyo lesizwe. Uthe ke uPetros:IL 223.1

    “Kuba uDavide uthi esingisele kuye, ndahlala ndiyibona iNkosi phambhi kwamehlo am, ngokuba ingasekunene kwam, ukuze ndingashukunyiswa. Ngenxa yoko intliziyo yam yaba nemihlali, lwagcoba ulwimi lwam; ngaphezu koko nenyama yam iya kuphumla inethembha; ngokuba akuyi kuwushiya umphefumlo wam kwelabafileyo. Kananjalo akuyi kumnikela oyiNgcwele wakho ekuboneni ukubola.”IL 223.2

    UPetros apha ubonisa ukuba uDavide waye ngenakuba wayezithetha yena, kodwa wayethetha ngokuqinisekileyo ngoYesu Kristu. UDavide wafa ukufa okuqhelekileyo njengabanye abantu, inchwaba lakhe elinothuli lwakhe oluxabisekileyo, laligcinwe ngononelelo olukhulu kwada kwangoko. UDavide, njengokumkani wakwaSirayeli, kwa nomprofeti, wayenikwe imbheko eyodwa nguThixo. Embonweni wobuprofeti waboniswa ubomi obuzayo nolungiselelo lukaKristu. Wakubona ukwaliwa kwakhe, nokumiswa kwakhe ematyaleni, ukubethelelwa emnqamlezweni, ukunchwatywa, ukuvuka, nokunyuselwa kwakhe ezulwini.IL 223.3

    UDavide wanqhina ngokuba umphefumlo kaKristu wawungayi kushiywa enchwabeni, nenyama yakhe ingayi kukuva ukubola. UPetros wabonisa ukuzaliseka kwesi siprofeto ngaye uYesu waseNazarete. UThixo wayemvusile waphuma enchwabeni ngaphambhi kokuba umzimbha wakhe uve ukubola. Ngoku waye nguLowo uphakanyisiweyo kwizulu lamazulu.IL 223.4

    Ngelothuba likhumbhulekayo amaqela amakhulu aabo babefudula behlekisa ngoluvo lokuba umntu odelekileyo njengoYesu angaba nguNyana kaThixo, baqi- niseka ngokupheleleyo ngayo lenyaniso bamvuma njengomSindisi wabo. Kongezelelwa ebandleni imiphefumlo engamawaka amathathu. Abapostile bathetha ngamandla oMoya oyiNgcwele, aza amazwi abo awabi nakuphikiswa, kuba aye qinisekiswe ngemimangaliso emikhulu abayenzayo ngenxa yokuthululwa koMoya kaThixo. Abafundi nabo ngokwabo bakhwankqiswa sisiqhamo sokukuvelelwa, nesivuno esikhaulezileyo nesityebileyo semiphefumlo. Bonke abantu bazaliswa lulunqa. Aabo bangalilahlanga ikhwele labo neenkani zabo bagqithelwa kukoyika ngangokuba bangazami nangezwi okanye ngokusebenzisa amandla ukuwuthintela lomsebenzi unamandla, kwaza okwelixesha, inkcaso yabo yapheza.IL 223.5

    Iingxoxo zabapostile zizodwa, nakuba zazicacile zisanelisa, zazingenakulisusa ikhwele lamaJuda elalimelene nobunqhina obukhulu kangaka. Kodwa uMoya oyiNgcwele wawahlabanisela ezintliziyweni zawo ngazo ezingxoxo ngamandla obuThixo. Zabangathi ziintolo ezibukhali zOnamandla onke, ziwahlaba ngetyala lawo eloyikekayo lokuyicekisa nokuyibethelela emnqamlezweni iNkosi yozuko. “Ke kaloku bathe, bakukuva oko bahlabeka ezintliziyweni, bathi kuPetros, Madoda, bazalwana, sithini na? Uthe ke kubo, Guqukani nibaptizwe nonke ngabanye egameni likaYesu Kristu, ukuze nixolelwe izoono, namkele isipho soMoya oyiNgcwele.”IL 224.1

    UPetros wayinyanzela eboyeni kubantu abahlabekileyo inyaniso yokuba bamcekisa uKristu ngenxa yokukhohliswa ngababingeleli nabaphathi; nokuba xa bephikele ukukhangela kubo ukuba babacebise, balindela ezo nkokeli ukuba zimvume uKristu ngaphambhi kokuba bona bamamkele, babe ngayi kuze bamamkele. Loo madoda anamandla, nakuba aye zibiza ukuba angcwele, aye nekratshi, ezondelele ubutyebi nozuko lwasemhlabeni. Aye ngasoze eze kuKristu ukuba amkele ukukhanya. UYesu wayexele ngenxa engaphambhili ngempindezelo eyoyikekayo eya kubahlela abantu ngenxa yokungakholwa kwabo okuzinkani, noxa kwakukho ubunqhina obucace ngokunamandla ababunikwayo ngoYesu ukuba unguNyana kaThixo.IL 224.2

    Ukuthabathela kwelixesha intetho yabafundi yabanyulu, yalula, yatsola ngelizwi nangomphunga wokuthetha, nokuba bathetha ulwimi lwabo lwasekhaya na okanye bathetha ulwimi lwasemzini. La madoda athobekileyo, awaye ngazange afunde ezikolweni zabaprofeti, avakalisa iinyaniso ezaziphakame ne zazinyulu ngangokuba zibakhwankqise aabo bazivileyo. Babe ngenako ukuya ngokwabo eziphelweni zomhlaba; kodwa kwakukho abantu esidlweni abavela kumacala onke omhlaba, zaza iinyaniso ezamkelweyo ngabo zathwalelwa kumakhaya ngamakhaya abo zasasazwa phakathi kwabantu, kwazuzelwa uKristu imiphefumlo.IL 225.1

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents