Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents
Ibali Lenkululo - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Isahluko 29—Ukubethelelwa KukaKristu Emnqamlezweni

    UKRISTU, uNyana oxabisekileyo kaThixo, wathatyathwa wanikelwa ebantwini ukuba abethelelwe emnqamlezweni. Abafundi kunye nabantu ababevela kwiindawo ezikufuphi bathelela kwisihlwele esasimlandela uYesu ukuya eKalvari. Unina kaYesu wayekhona naye, ethundezwa nguJohane umfundi othandiweyo. Intliziyo yakhe yayihlabekile yintlungu engathethekiyo ; kanti noko, yena kunye nabafundi, babethembhe ukuba lombono ubuhlungu uza kuguquka, aze uYesu awabonakalalise amandla akhe, abonakale phambhi kweentshaba zakhe njengoNyana kaThixo. Kube kuthi kwakhona intliziyo yakhe yobunozala iwe akuba ewakhumbhula amazwi awaye wabhekisile ngokufutshane ngezo zinto ezazisenzeka ngayo loo mini.IL 198.1

    UYesu engekalidluli isango lendlu kaPilato kwaziswa umnqamlezo owawulungiselelwe uBarabas wabekwa phezu kwamagxa akhe akhuthukileyo nophayo. Iminqamlezo yabekwa kananjalo phezu kwamaqabane kaBarabas, awayeza kuva ukufa ngaxa linye noYesu. UmSindisi wawuthwala umthwalo wakhe iinyawo nje ezimbalwa, kwaza kwathi ngenxa yokulahlekwa ligazi nokudinwa nentlungu, wawa eyoba phantsi emhlabeni.IL 198.2

    Uthe akuvuseleleka amandla uYesu, umnqamlezo wabuya wabekwa kwakhona emagxeni akhe wanyanzelwa ukuba ahambhe. Wagxadazela amanyathelo ambalwa, ewuthwele umthwalo onzima, wawa emhlabeni njengofileyo. Ekuqaleni kwathiwa ufile, kodwa kamva wabuya wavuseleleka kwakhona. Ababingeleli nabaphathi abazange babe namfesane kumbandezelwa wabo; kodwa babona ukuba akanako ukubuye asithwale isixhobo sokuthuthunjiswa kwakhe. Besacinga abangakwenzayo, uSimon waseKirene, evela kwelinye icala, wahlangana nesihlwele eso, wabanjwa ngempembhelelo yababingeleli, wanyanzelwa ukuba awuthwale umnqamlezo kaKristu. Oonyana baka- Simon babengabalandeli bakaYesu, kodwa yena wayengazange abe nanto yokwenza naye.IL 198.3

    Isihlwele esikhulu samlandela umSindisi ukuya eKalvari, abaninzi begxeka begculela; kodwa abanye babelila bemdumisa. Aabo waye baphilisile kwizilwelwe zabo zeendidi ngeendidi, kunye naabo waye bavuse ekufeni, bayivakalisa imisebenzi yakhe engummangaliso ngezwi elinyamekileyo, bafuna ukwazi ukuba weenze ntonina uYesu ukuba makaphathwe okwesihange. Imihla embalwa nje ngaphambhili, babemphahlile ngeendumiso zovuyo, nokutshangatshangisa amasebe esundu, xa wayengena eJerusalem ngoloyiso. Kodwa abaninzi ababe danduluke amazwi okumdumisa ngenxa yokuba kwa kuludumo ukukwenza oko, ngoku badanduluka isimemezo esithi, “Mbethelele emnqamlezweni ! mbethelele emnqamlezweni.”IL 199.1

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents