Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents
Ibali Lenkululo - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Ubunqhina Ngamava kaKorneli

    Umcimbhi ke obekwe ukuba uqwalaselwe liqumru waba ngathi uzisa iingxaki ezingenakoyiswa, nokuba ungavelwa kuliphina icala. Kodwa uMoya oyiNgcwele, enyanisweni, wawuse uyiphendule lengxaki, ekwa kuxhomeke kweso sigqibo ukuphumelela, kwa nokuma, kwebandla lobuKristu. Ubabalo, ubulumko, nogwebo olungcwalisiweyo zanikwa ezo zinto kubapostile ukuba benze isigqibo ngalomcimbhi uphazamisayo.IL 275.3

    U-Petros wavelisa ukuba uMoya oyiNgcwele wawuphendula lomcimbhi ngokuhla ngamandla alinga- nayo phezu kwabeenTlanga abangalukanga naphezu kwamaJuda alukileyo. Wabalisa ngombhono wakhe, awathi kuwo uThixo wabeka phambhi kwakhe iqhiya ezaliswe zintlobo-ntlobo zezinto ezizitho zine, wamyalela ukuba axhele adle; ekuthe akuba esaala, eqinisekisa ukuba akazange akudle oko kuncholileyo okanye okuyinqambhi, uThixo wathi, “Izinto uThixo azihlambhululeyo, musa ukuzenza inqambhi wena.”IL 275.4

    Wathi, “UThixo, umazi-ntliziyo, wazinqhinela, ezinika uMoya oyiNgcwele kwa njengathi; akacalula phakathi kwethu nazo, ezihlambhulule iintliziyo zazo ngokholo. Phofu ke nimlingela ni na uThixo, ngokubeka idyokhwe entanyeni, esibe singenamandla okuyithwala, thina kwa noobawo bethu?”IL 276.1

    Ledyokhwe yayinge nguwo umyalelo wemiThetho eliShumi, njengoko aabo baliphikayo ibango elisibophelelayo lomthetho besitsho; kodwa uPetros wayebhekisa kumthetho wezithethe owabhangiswa kukubethelelwa kukaKristu emnqamlezweni. Lentetho kaPetros yayizisa ingqungquthela encamini eyaba nokubaphula-phula kuyo ooPaulos noBarnabas, ababalisa amava abo okusebenza kwabo phakathi kwabeenTlanga.IL 276.2

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents